6 Igumbi elisecaleni elilelona lisezantsi lalinobubanzi obuziikubhite ezintlanu, yaye eliphakathi laliziikubhite ezintandathu ububanzi, elesithathu lalinobubanzi obuziikubhite ezisixhenxe; kuba wayenze ungqameko+ macala onke ngaphandle endlwini, ukuze lingayami ezindongeni zendlu.+