4 Yaye ndabona kusiza umoya ovuthuzayo+ uvela ngasemntla, ingqimba enkulu yelifu+ nomlilo odangazelayo,+ kwaye laliqaqambile macala onke, naphakathi kwawo kwakuphuma okuthile okukhangeleka ngathi ngumxube wegolide nesilivere, kuphuma phakathi emlilweni.+