-
2 Kumkani 23:5INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
5 Wabasusa emsebenzini ababingeleli boothixo basemzini, abo babebekwe ngookumkani bakwaYuda ukuze baqhumise umbingelelo kwiindawo eziphakamileyo kwizixeko zakwaYuda nakwimimandla engqonge iYerusalem, nabo babeqhumisa umbingelelo kuBhahali,+ elangeni nasenyangeni nakumakroza ezulu nakuwo wonke umkhosi wamazulu.+
-
-
Yobhi 31:26INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
26 Ukuba bendidla ngokukubona ukukhanya xa kukhazimla,
Okanye inyanga exabisekileyo xa ihamba,+
-
Yeremiya 44:17INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
17 kodwa ngokuqinisekileyo siya kuwenza onke amazwi aphumileyo emlonyeni wethu,+ ukuze siqhumisele ‘ukumkanikazi wamazulu’+ umbingelelo nokuze simthululele iminikelo ethululwayo,+ kanye njengoko thina,+ nookhokho bethu,+ nookumkani bethu,+ neenkosana zethu senjenjalo kwizixeko zakwaYuda nakwizitrato zaseYerusalem, xa sasidla ngokwanela sisonka, sihleli kakuhle, yaye asizange sibone nayiphi na intlekele konke konke.+
-
-
-