12 Yaye, khangela! uTHIXO oyinyaniso+ unathi kunye nababingeleli bakhe+ namaxilongo okuduma+ ukuvakalisa isandi sokulumkisa ngedabi nxamnye nani. Owu bonyana bakaSirayeli, musani ukulwa nxamnye noYehova uTHIXO wookhokho benu,+ kuba aniyi kuba nampumelelo.”+