IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • 1 Kronike 5:20
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 20 Bancediswa ekulweni nabo, ada amaHagri nabo bonke abo babekunye nawo banikelwa esandleni sabo, kuba bamemeza becela uncedo+ kuThixo emfazweni, waza wasabela kwisibongozo sabo ngenxa yokuba babekholose ngaye.+

  • INdumiso 3:8
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    •  8 Usindiso lolukaYehova.+

      Intsikelelo yakho ikubantu bakho.+ Seʹlah.

  • INdumiso 22:4
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    •  4 Oobawo babekholose ngawe;+

      Babekholosile, yaye waqhubeka ubasindisa.+

  • INdumiso 91:14
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 14 Ngenxa yokuba ebonise umsa wakhe kum,+

      Nam ndiya kumsindisa.+

      Ndiya kumkhusela ngenxa yokuba elazi igama lam.+

  • 2 Korinte 1:9
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 9 Enyanisweni, savakalelwa kukuba sasifumene isigwebo sokufa. Oku kwakungenjongo yokuba singazithembi thina,+ kodwa sithembele kuTHIXO ovusa abafileyo.+

  • Hebhere 11:6
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 6 Ngaphezu koko, ngaphandle kokholo+ akunakwenzeka ukumkholisa kakuhle,+ kuba lowo uzayo kuThixo umele akholwe ukuba ukho+ nokuba ungumvuzi+ wabo bamfuna ngenyameko.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share