-
Estere 3:12INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
12 Kwandula ke kwabizwa oonobhala bakakumkani+ ngenyanga yokuqala ngomhla wayo weshumi elinesithathu, kwaza kwabhalwa+ ngokuvumelana nako konke oko uHaman wayekuyalele amabamba kakumkani neerhuluneli ezazilawula kumaphondo ahlukahlukeneyo,+ neenkosana zezizwana ezahlukahlukeneyo, zephondo ngalinye, ngesimbo salo sokubhala,+ nesizwana ngasinye ngolwimi lwaso; kwabhalwa kwaza kwatywinwa ngomsesane wokutywina+ kakumkani egameni+ likaKumkani uAhaswerosi.
-
-
Estere 8:9INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
9 Ngako oko oonobhala+ bakakumkani babizwa ngelo xesha ngenyanga yesithathu, oko kukuthi, inyanga kaSivan, ngomhla wamashumi amabini anesithathu kuyo; kwaye umbhalo wahamba ngokuvisisana nako konke oko uMordekayi wayekuyalele amaYuda namabamba+ neerhuluneli neenkosana zamaphondo ukusuka eIndiya ukuya eTiyopiya, amaphondo alikhulu elinamashumi amabini anesixhenxe,+ kwiphondo ngalinye ngesimbo salo sokubhala+ nakwisizwana ngasinye ngolwimi lwaso,+ nakumaYuda ngesimbo sawo sokubhala nangolwimi lwawo.+
-