IMizekeliso 1:28 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 28 Ngelo xesha baya kundibiza, kodwa andiyi kuphendula;+ baya kumana bendifuna, kodwa abayi kundifumana,+ Isaya 1:15 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 15 Naxa nisolula izandla zenu,+ ndiyawafihla amehlo am kuni.+ Nakubeni nisenza imithandazo emininzi,+ andiphulaphulanga;+ zona kanye izandla zenu zizaliswe luphalazo-gazi.+ Yeremiya 11:11 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 11 Ngoko ke utsho uYehova ukuthi: “Yabona, ndibazisela intlekele+ abangayi kukwazi ukuphuma kuyo;+ yaye ngokuqinisekileyo baya kumemeza kum becela uncedo, kodwa andiyi kubaphulaphula.+ Hezekile 8:18 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 18 Nam ke ndiya kwenza ngomsindo.+ Iliso lam aliyi kuba nosizi, yaye andiyi kuba namfesane.+ Ngokuqinisekileyo baya kumemeza ezindlebeni zam ngelizwi elikhulu, kodwa andiyi kubeva.”+ Mika 3:4 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 4 Ngelo xesha baya kumemeza kuYehova becela uncedo, kodwa akayi kubaphendula.+ Uya kubufihla ubuso bakhe kubo ngelo xesha,+ ngenxa yobubi ababenzileyo.+
28 Ngelo xesha baya kundibiza, kodwa andiyi kuphendula;+ baya kumana bendifuna, kodwa abayi kundifumana,+
15 Naxa nisolula izandla zenu,+ ndiyawafihla amehlo am kuni.+ Nakubeni nisenza imithandazo emininzi,+ andiphulaphulanga;+ zona kanye izandla zenu zizaliswe luphalazo-gazi.+
11 Ngoko ke utsho uYehova ukuthi: “Yabona, ndibazisela intlekele+ abangayi kukwazi ukuphuma kuyo;+ yaye ngokuqinisekileyo baya kumemeza kum becela uncedo, kodwa andiyi kubaphulaphula.+
18 Nam ke ndiya kwenza ngomsindo.+ Iliso lam aliyi kuba nosizi, yaye andiyi kuba namfesane.+ Ngokuqinisekileyo baya kumemeza ezindlebeni zam ngelizwi elikhulu, kodwa andiyi kubeva.”+
4 Ngelo xesha baya kumemeza kuYehova becela uncedo, kodwa akayi kubaphendula.+ Uya kubufihla ubuso bakhe kubo ngelo xesha,+ ngenxa yobubi ababenzileyo.+