IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • 2 Kumkani 23:12
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 12 Yaye izibingelelo ezaziphezu kophahla lwegumbi eliseluphahleni+ lika-Ahazi ezazenziwe ngookumkani bakwaYuda, nezibingelelo+ ezazenziwe nguManase kwiintendelezo ezimbini zendlu kaYehova, ukumkani wazidiliza, emva koko wazityumzela apho, waza uthuli lwazo waluphosa kwintlambo yeKidron.

  • 2 Kronike 33:3
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 Ngoko waphinda wazakha iindawo eziphakamileyo+ ezo uHezekiya uyise wayezidilizile,+ wamisa nezibingelelo+ zooBhahali+ wenza nezibonda ezingcwele,+ waqubuda+ kuwo wonke umkhosi wamazulu+ waza wawukhonza.+

  • Yeremiya 19:13
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 13 Yaye izindlu zaseYerusalem nezindlu zookumkani bakwaYuda ziya kuba njengendawo yaseTofete,+ zibe zezingahlambulukanga, oko kukuthi, zonke izindlu ekwathi phezu kophahla lwazo baqhumisela umbingelelo kuwo wonke umkhosi wamazulu+ kwaza kwathululwa nomnikelo othululwayo kwabanye oothixo.’”+

  • Yeremiya 32:29
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 29 Kwaye amaKhaledi alwa nesi sixeko amele afike aze aphembe umlilo kwesi sixeko, asitshise+ kunye nezindlu ezo baqhumisele uBhahali umbingelelo phezu kophahla lwazo baza bathulula umnikelo othululwayo kwabanye oothixo ngenjongo yokundicaphukisa.’+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share