IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • 2 Kumkani 17:16
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 16 Baqhubeka beyishiya yonke imiyalelo+ kaYehova uThixo wabo baza bazenzela imifanekiso etyhidiweyo,+ amathole enkomo amabini,+ benza nesibonda esingcwele,+ yaye baqalisa ukuqubuda kuwo wonke umkhosi wamazulu+ nokukhonza uBhahali;+

  • 2 Kronike 28:2
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 2 Kodwa wahamba ngeendlela zookumkani bakwaSirayeli,+ wabenzela ooBhahali+ imifanekiso etyhidiweyo.+

  • Yeremiya 7:18
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 18 Oonyana baso bathabatha iinkuni, yaye ooyise babasa umlilo, nabafazi baxova intlama yomgubo ukuze benze amaqebengwana ombingelelo ‘kukumkanikazi wamazulu’;+ kwaye bathulula umnikelo othululwayo+ kwabanye oothixo ngenjongo yokundicaphukisa.+

  • Yeremiya 19:13
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 13 Yaye izindlu zaseYerusalem nezindlu zookumkani bakwaYuda ziya kuba njengendawo yaseTofete,+ zibe zezingahlambulukanga, oko kukuthi, zonke izindlu ekwathi phezu kophahla lwazo baqhumisela umbingelelo kuwo wonke umkhosi wamazulu+ kwaza kwathululwa nomnikelo othululwayo kwabanye oothixo.’”+

  • Yeremiya 44:25
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 25 Utsho uYehova wemikhosi, uTHIXO kaSirayeli, ukuthi, ‘Nina ke madoda nabafazi benu,+ nina bafazi nikwathetha ngemilomo yenu, (nangezandla zenu nikwenze kwazaliseka,) nisithi: “Nakanjani na siya kuzenza izibhambathiso esizibhambathisileyo,+ ukuqhumisela ‘ukumkanikazi wamazulu’+ umbingelelo nokumthululela iminikelo ethululwayo.”+ Nina bafazindini niya kuzigcina izibhambathiso zenu, yaye niya kuzenza izibhambathiso zenu.’

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share