Habhakuki 3:18 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 18 Mna ke, ndiya kugcoba ngoYehova;+ ndiya kuvuya kuTHIXO wosindiso lwam.+ Luka 6:23 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 23 Yibani nemihlali ngaloo mini nize nixhumaxhume, kuba, khangelani! umvuzo wenu mkhulu ezulwini, kuba ezo zizinto ezifanayo ababefudula bezenza ookhokho babo kubaprofeti.+ IZenzo 5:41 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 41 Bona, ke ngoko, bemka phambi kweSanhedrin, benemihlali+ ngenxa yokuba babebalelwe ekuthini bafanelwe kukuhlaziswa ngenxa yegama lakhe.+ Roma 5:3 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 3 Makungapheleli nje apho, kodwa masigcobe ngoxa sisezimbandezelweni,+ ekubeni sisazi ukuba imbandezelo ivelisa unyamezelo;+
23 Yibani nemihlali ngaloo mini nize nixhumaxhume, kuba, khangelani! umvuzo wenu mkhulu ezulwini, kuba ezo zizinto ezifanayo ababefudula bezenza ookhokho babo kubaprofeti.+
41 Bona, ke ngoko, bemka phambi kweSanhedrin, benemihlali+ ngenxa yokuba babebalelwe ekuthini bafanelwe kukuhlaziswa ngenxa yegama lakhe.+
3 Makungapheleli nje apho, kodwa masigcobe ngoxa sisezimbandezelweni,+ ekubeni sisazi ukuba imbandezelo ivelisa unyamezelo;+