Isaya 51:4 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 4 “Nikelani ingqalelo kum, bantu bam; nawe qela lohlanga lwam,+ ndibekele indlebe. Ndiya kumisela umthetho,+ ndiwuzinzise umgwebo wam ube sisikhanyiso sezizwana.+ Yohane 3:19 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 19 Ke kaloku nasi isizinzi somgwebo, okokuba ukukhanya+ kufikile ehlabathini+ kodwa abantu bathande ubumnyama kunokukhanya,+ kuba imisebenzi yabo ibingendawo. Yohane 8:12 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 12 Ngoko ke uYesu wathetha kwakhona kubo, esithi: “Mna ndilukhanyiselo+ lwehlabathi. Lowo undilandelayo akasayi kuze ahambe ebumnyameni,+ kodwa uya kuba nokukhanya kobomi.” Yohane 9:5 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 5 Lo gama ndisesehlabathini, ndilukhanyiselo lwehlabathi.”+ Yohane 12:36 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 36 Ngoxa nisenokhanyiso, bonisani ukholo kulo ukhanyiso, ukuze nibe ngoonyana bokukhanya.”+ UYesu wazithetha ezi zinto waza wemka wazifihla kubo. 2 Korinte 6:14 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 14 Musani ukubotshwa edyokhweni kunye nabangakholwayo.+ Kuba bunabubudlelane buni na ubulungisa nokuchas’ umthetho?+ Okanye kunakwabelana kuni na ukukhanya nobumnyama?+ Filipi 2:15 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 15 ukuze nibe ngabangenakusoleka+ nabamsulwa, abantwana bakaThixo+ abangenasiphako phakathi kwesizukulwana esigwenxa nesijijekileyo,+ enikhanyayo phakathi kwaso njengezikhanyiso ehlabathini,+
4 “Nikelani ingqalelo kum, bantu bam; nawe qela lohlanga lwam,+ ndibekele indlebe. Ndiya kumisela umthetho,+ ndiwuzinzise umgwebo wam ube sisikhanyiso sezizwana.+
19 Ke kaloku nasi isizinzi somgwebo, okokuba ukukhanya+ kufikile ehlabathini+ kodwa abantu bathande ubumnyama kunokukhanya,+ kuba imisebenzi yabo ibingendawo.
12 Ngoko ke uYesu wathetha kwakhona kubo, esithi: “Mna ndilukhanyiselo+ lwehlabathi. Lowo undilandelayo akasayi kuze ahambe ebumnyameni,+ kodwa uya kuba nokukhanya kobomi.”
36 Ngoxa nisenokhanyiso, bonisani ukholo kulo ukhanyiso, ukuze nibe ngoonyana bokukhanya.”+ UYesu wazithetha ezi zinto waza wemka wazifihla kubo.
14 Musani ukubotshwa edyokhweni kunye nabangakholwayo.+ Kuba bunabubudlelane buni na ubulungisa nokuchas’ umthetho?+ Okanye kunakwabelana kuni na ukukhanya nobumnyama?+
15 ukuze nibe ngabangenakusoleka+ nabamsulwa, abantwana bakaThixo+ abangenasiphako phakathi kwesizukulwana esigwenxa nesijijekileyo,+ enikhanyayo phakathi kwaso njengezikhanyiso ehlabathini,+