26 Wandula ke uPawulos wawathabatha loo madoda ngemini elandelayo, wazihlambulula ngokusesikweni kunye nawo+ waza wangena etempileni, ukuya kwazisa ngemihla emayizaliseke+ yokuhlanjululwa ngokusesikweni, de kube kunikelwe umnikelo+ wakhe ngamnye kubo.+