2 Korinte 11:4 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 4 Kuba, ngokunjalo, ukuba uthile uyeza aze ashumayele uYesu ongenguye lowo samshumayelayo,+ okanye namkela umoya ongenguwo lowo nawamkelayo,+ okanye iindaba ezilungileyo+ ezingezizo ezo nazamkelayo, nimnyamezela ngokulula.+ Galati 1:6 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 6 Ndiyamangaliswa kukuba nishenxiswe ngokukhawuleza kangaka kuLowo+ wanibizayo ngobubele obungasifanelanga bukaKristu+ naya kolunye uhlobo lweendaba ezilungileyo.+ Efese 6:11 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 11 Yambathani sonke isikrweqe+ sikaThixo ukuze nikwazi ukuma niqinile nxamnye namaqhinga+ kaMtyholi; 1 Timoti 1:18 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 18 Lo myalelo+ ndiwunikela kuwe, mntwana wam, Timoti, ngokuvumelana noko kwakuxelwe kwangaphambili+ ngawe, ukuze ngako uqhubeke usilwa umlo omhle;+ 1 Timoti 6:12 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 12 Yilwa umlo omhle wokholo,+ bubambe ngokuqinileyo ubomi obungunaphakade owabizelwa kubo waza wenza uvumo oluhle lwasesidlangalaleni+ phambi kwamangqina amaninzi.
4 Kuba, ngokunjalo, ukuba uthile uyeza aze ashumayele uYesu ongenguye lowo samshumayelayo,+ okanye namkela umoya ongenguwo lowo nawamkelayo,+ okanye iindaba ezilungileyo+ ezingezizo ezo nazamkelayo, nimnyamezela ngokulula.+
6 Ndiyamangaliswa kukuba nishenxiswe ngokukhawuleza kangaka kuLowo+ wanibizayo ngobubele obungasifanelanga bukaKristu+ naya kolunye uhlobo lweendaba ezilungileyo.+
18 Lo myalelo+ ndiwunikela kuwe, mntwana wam, Timoti, ngokuvumelana noko kwakuxelwe kwangaphambili+ ngawe, ukuze ngako uqhubeke usilwa umlo omhle;+
12 Yilwa umlo omhle wokholo,+ bubambe ngokuqinileyo ubomi obungunaphakade owabizelwa kubo waza wenza uvumo oluhle lwasesidlangalaleni+ phambi kwamangqina amaninzi.