Mateyu
11 Ke kaloku uYesu akugqiba ukunikela imiyalelo kubafundi bakhe abalishumi elinesibini, wanduluka apho ukuze afundise yaye ashumayele ezixekweni+ zabo.
2 Kodwa uYohane, akuba evile esentolongweni+ ngemisebenzi kaKRISTU, wathumela ngabafundi bakhe 3 waza wathi kuye: “UnguLowo Uzayo na, okanye ngaba simele silindele omnye owahlukileyo na?”+ 4 Ekuphenduleni uYesu wathi kubo: “Hambani nize nixele kuYohane oko nikuvayo noko nikubonayo: 5 Iimfama ziyabona kwakhona,+ neziqhwala+ ziyahambahamba, abaneqhenqa+ bayahlanjululwa nezithulu+ ziyeva, nabafileyo+ bayavuswa, nabangamahlwempu kuvakaliswa iindaba ezilungileyo+ kubo; 6 yaye unoyolo lowo ungakhubekiyo kum.”+
7 Ngoxa bona babesendleleni, uYesu wathi kwizihlwele ngokuphathelele uYohane: “Naphuma nisiya kubona ntoni na entlango?+ Ingcongolo ilatyuziswa ngumoya?+ 8 Naphuma, ngoko, nisiya kubona ntoni na? Umntu owambethe izambatho ezimfumamfuma? Kaloku, abo banxiba izambatho ezimfumamfuma bakwizindlu zookumkani.+ 9 Ngokwenene, ngoko, kutheni naphumayo nje? Ukuya kubona umprofeti? Ewe, ndithi kuni, nokungaphezulu lee kunomprofeti.+ 10 Lo ngulowo kubhaliweyo ngaye kwathiwa, ‘Khangela! mna ndithumela umthunywa wam phambi kobuso bakho, oya kulungisa indlela yakho phambi kwakho!’+ 11 Inene ndithi kuni, Phakathi kwabo bazelwe ngabafazi+ akuveliswanga omkhulu kunoYohane umBhaptizi; kodwa umntu omncinane ebukumkanini+ bamazulu mkhulu kunaye. 12 Kodwa ukususela kwimihla kaYohane umBhaptizi de kube ngoku abantu banosukelo lobukumkani bamazulu, yaye abo banolo sukelo bayabufumana.+ 13 Kuba bonke, abaProfeti noMthetho, baprofeta de yanguYohane;+ 14 yaye ukuba niyafuna ukukwamkela oko, Yena ngokwakhe ‘unguEliya omiselwe ukuza.’+ 15 Lowo uneendlebe makaphulaphule.+
16 “Ndiya kusithelekisa nabani na esi sizukulwana?+ Sinjengabantwana abaselula abahleli kwiindawo zemarike abadanduluka kubalingane babo abadlala nabo,+ 17 besithi, ‘Sanidlalela imbande, kodwa anizange ningqungqe; senza isijwili, kodwa anizange nizimbambazele nisentlungwini.’+ 18 Ngokukwanjalo, uYohane weza engadli, engaseli,+ kanti abantu bathi, ‘Unedemon’; 19 uNyana womntu weza esidla, esela,+ ukanti abantu bathi, ‘Khangela! Umntu olidla-kudla nozinikela ekuseleni iwayini, umhlobo wabaqokeleli berhafu naboni.’+ Noko kunjalo, ubulumko bungqineka bububulungisa ngemisebenzi yabo.”+
20 Wandula ke wazingcikiva izixeko eyayenzeke kuzo inkoliso yemisebenzi yakhe yamandla, ngenxa yokuba azizange ziguquke, esithi:+ 21 “Yeha wena, Korazin! Yeha wena, Bhethesayida!+ ngenxa yokuba ukuba imisebenzi yamandla eyenzeke kuni yayenzeke eTire naseSidon, ngezaziguquke kwakudala zihleli emarhonyeni naseluthuthwini.+ 22 Ngenxa yoko ndithi kuni, Kuya kunyamezeleka iTire neSidon ngeMini Yomgwebo+ kunani.+ 23 Yaye wena, Kapernahum,+ ngaba mhlawumbi uya kuphakanyiselwa ezulwini? Uya kuhlela+ phantsi eHadesi;+ ngenxa yokuba ukuba imisebenzi yamandla eyenzeka kuwe yayenzeke eSodom, ngeyayihleli de kube ngulo mhla kanye. 24 Ngenxa yoko ndithi kuni, Kuya kunyamezeleka ilizwe laseSodom ngeMini Yomgwebo kunani.”+
25 Ngelo xesha uYesu wathi: “Ndiyakudumisa esidlangalaleni, Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba, ngenxa yokuba uzifihlile ezi zinto kwizilumko nakwiingqondi, wazityhilela iintsana.+ 26 Ewe, Bawo, kuba kwakholeka kuwe ukwenza ngaloo ndlela. 27 Zonke izinto zinikelwe kum nguBawo,+ yaye akukho bani umazi ngokupheleleyo uNyana ngaphandle kukaBawo,+ kungekho nabani na umazi ngokupheleleyo uBawo ngaphandle kukaNyana naye nabani na lowo uNyana athanda ukumtyhila kuye.+ 28 Yizani kum, nonke nina nibulalekayo nenisindwa ngumthwalo,+ yaye ndiza kunihlaziya. 29 Thabathani idyokhwe+ yam nize nifunde kum,+ kuba ndinomoya wobulali,+ ndithobekile ngentliziyo, kwaye niya kuyifumanela ukuhlaziyeka+ imiphefumlo yenu. 30 Kuba idyokhwe yam yeyobubele nomthwalo wam ukhaphukhaphu.”+