Levitikus
17 Wahlabela mgama uYehova ethetha kuMoses, esithi: 2 “Thetha kuAron nakoonyana bakhe nakoonyana bonke bakaSirayeli, uthi kubo, ‘Yiyo le into ayiyaleleyo uYehova, esithi:
3 “‘“Nawuphi na umntu wendlu kaSirayeli osukuba exhela inkunzi yenkomo okanye itakane legusha eliyinkunzi okanye ibhokhwe enkampini nosukuba eyixhelela ngaphandle kwenkampu 4 aze angayizisi emnyangweni wentente yokuhlangana+ ukuba isondezwe ibe ngumnikelo kuYehova phambi komnquba kaYehova, woba netyala legazi loo mntu. Uye waphalaza igazi, yaye umele anqunyulwe loo mntu phakathi kwabantu bakowabo,+ 5 ukuze oonyana bakaSirayeli bayizise imibingelelo yabo, abayibingelelayo endle,+ bayizise kuYehova, bayinike umbingeleli emnyangweni wentente yokuhlangana,+ ibe yimibingelelo yobudlelane kuYehova.+ 6 Umbingeleli wolifefa igazi layo esibingelelweni sikaYehova+ emnyangweni wentente yokuhlangana, aze aqhumisele ngenqatha,+ libe livumba elithozamisayo kuYehova.+ 7 Ngoko bafanele bangabi sayibingelela imibingelelo yabo kwiidemon ezimilise okweebhokhwe+ ababa neentlobano zokuziphatha okubi kunye nazo.+ Lo iya kuba ngummiselo wexesha elingenammiselo kuni, ezizukulwaneni zenu.”’
8 “Yaye uze uthi kubo, ‘Nawuphi na umntu wendlu kaSirayeli okanye umphambukeli ophambukele phakathi kwenu othi anyuse umnikelo otshiswayo+ okanye umbingelelo 9 aze angawuzisi emnyangweni wentente yokuhlangana ukuze awunikele kuYehova,+ umele anqunyulwe loo mntu phakathi kwabantu bakowabo.+
10 “‘Nawuphi na umntu wendlu kaSirayeli okanye umphambukeli ophambukele phakathi kwenu othi adle naluphi na uhlobo lwegazi,+ ndowuchasa ngokuqinisekileyo loo mphefumlo+ udle igazi, ndiwunqumle phakathi kwabantu bakowawo. 11 Kuba umphefumlo wenyama usegazini,+ yaye mna ndaninika lona esibingelelweni ukuze kucanyagushelwe+ imiphefumlo yenu, kuba igazi eli+ licamagusha+ ngomphefumlo okulo. 12 Kungenxa yoko le nto ndithe koonyana bakaSirayeli: “Makungabikho namnye umphefumlo kuni odla igazi, nomphambukeli ophambukele phakathi kwenu+ makangalidli igazi.”+
13 “‘Nawuphi na umntu koonyana bakaSirayeli okanye umphambukeli ophambukele phakathi kwenu othi ekuzingeleni kwakhe abambise inyamakazi okanye intaka edliwayo, umele aliphalaze igazi layo+ aze aligubungele ngomhlaba.+ 14 Kuba umphefumlo wohlobo lonke lwenyama ligazi layo ngomphefumlo okulo. Kungako ndiye ndathi koonyana bakaSirayeli: “Nize ningalidli igazi lalo naluphi na uhlobo lwenyama, kuba umphefumlo wohlobo lonke lwenyama ligazi layo.+ Nabani na olidlayo wonqunyulwa.”+ 15 Nawuphi na umphefumlo odla into ezifeleyo okanye into eqwengwe lirhamncwa,+ enoba uyinzalelwane okanye ungumphambukeli, umele uzihlambe izambatho zawo uze uhlambe umzimba emanzini, ube ngongahlambulukanga kude kuhlwe;+ uya kwandula ke uhlambuluke. 16 Kodwa ukuba awuthanga uzihlambe waza awawuhlamba nomzimba wawo, wophendula ngesiphoso sawo.’”+