Mateyu
8 Akuba ehlile entabeni izihlwele ezikhulu zamlandela. 2 Kwaye, khangela! kweza umntu oneqhenqa+ waza waqubuda kuye, esithi: “Nkosi, ukuba nje uyathanda, unako ukundenza ndihlambuluke.” 3 Wasolula isandla sakhe, wamchukumisa, esithi: “Ndiyathanda. Hlambuluka.”+ Lahlambuluka ngoko nangoko iqhenqa lakhe.+ 4 Wandula ke uYesu wathi kuye: “Qiniseka ukuba akuxeleli nabani na,+ kodwa hamba, uye kuzibonakalisa kumbingeleli,+ uze unikele isipho+ uMoses awasimiselayo, ngenjongo yokuba kube bubungqina kubo.”
5 Wathi akungena eKapernahum,+ kweza kuye igosa lomkhosi, limbongoza 6 lisithi: “Mnumzana, isicaka sam silele endlwini sife umzimba, sithuthunjiswa kanobom.” 7 Wathi kulo: “Xa ndifika apho ndiza kusiphilisa.” 8 Ekuphenduleni igosa lomkhosi lathi: “Mnumzana, andikufanelekelanga ukuba ungene phantsi kophahla lwam, kodwa yitsho nje ilizwi kwaye isicaka sam siya kuphiliswa. 9 Kuba nam ndinikwe igunya, ndinamajoni phantsi kwam, yaye ndithi kweli, ‘Hamba!’+ lihambe, ndithi kwelinye, ‘Yiza!’ lize, ndithi kwikhoboka lam, ‘Yenza oku!’ likwenze.” 10 Akuva oko, uYesu wathi manga waza wathi kwabo babemlandela: “Inene ndithi kuni, Andifumananga lukholo lukhulu kangaka+ nakubani na kwaSirayeli. 11 Kodwa ndithi kuni baninzi abaya kuza bevela kwimimandla yasempumalanga nakwimimandla yasentshonalanga,+ bangqendeve etafileni noAbraham noIsake noYakobi ebukumkanini+ bamazulu;+ 12 kodwa bona oonyana bobukumkani+ baya kuphoselwa phandle ebumnyameni. Apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo abo.”+ 13 Wandula ke uYesu wathi kwigosa lomkhosi: “Hamba. Makwenzeke kuwe ngokokholo lwakho.”+ Kwaye isicaka saphiliswa kwangalo elo lixa.
14 Waza uYesu, akufika endlwini kaPetros, wabona umkhwekazi+ wakhe elele egula ngumkhuhlane.+ 15 Wachukumisa isandla sakhe,+ waphela umkhuhlane, waza wasukuma, wamlungiselela.+ 16 Kuthe ke kwakuhlwa, kwaziswa kuye abantu abaninzi abaneedemon; wabakhupha oomoya abo ngelizwi, waza wabaphilisa bonke ababephatheke kakubi; 17 ukuze kuzaliseke oko kwathethwa ngoIsaya umprofeti, esithi: “Yena wazithabathela kuye izigulo zethu, wathwala izifo zethu.”+
18 Uthe ke uYesu akubona isihlwele simjikelezile, wayalela ukuba kuyiwe ngaphesheya.+ 19 Kweza mbhali uthile wathi kuye: “Mfundisi, ndiza kukulandela naphi na apho uya khona.”+ 20 Kodwa uYesu wathi kuye: “Iimpungutye zinemingxuma neentaka zezulu zineendlwana, kodwa yena uNyana womntu akanayo nendawo le yokufaka intloko.”+ 21 Uthe ke omnye wabafundi kuye: “Nkosi, ndivumele kuqala ukuba ndimke ndiye kungcwaba ubawo.” 22 UYesu wathi kuye: “Qhubeka undilandela, bayeke abafileyo bangcwabe abafileyo babo.”+
23 Wathi akukhwela esikhepheni,+ bamlandela abafundi bakhe. 24 Ke kaloku, khangela! kwabakho ukuyaluzela okukhulu elwandle, ngokokude isikhephe sigutyungelwe ngamaza; noko ke, yena wayelele.+ 25 Beza bamvusa,+ besithi: “Nkosi, sisindise, siza kutshabalala!” 26 Kodwa wathi kubo: “Kutheni ninedyudyu nje, nina nilukholo luncinane?”+ Wandula ke, wavuka, wawukhalimela umoya nolwandle, kwaza kwabakho ukuzola okukhulu.+ 27 Bathi manga ke abo bantu baza bathi: “Luhlobo luni lomntu na olu,+ lo ude athotyelwe ngumoya nalulwandle?”
28 Akufika ngaphesheya, kwilizwe lamaGadara,+ wahlangatyezwa ngamadoda amabini aneedemon+ ephuma phakathi kwamangcwaba enkumbulo, enobundlobongela ngokungaqhelekanga, kangangokuba kwakungekho bani wayenesibindi sokudlula ngaloo ndlela. 29 Yaye, khangela! amemeza, esithi: “Sinantoni yakwenza nawe, Nyana kaThixo?+ Ngaba uze apha ukuze usithuthumbise+ ngaphambi kwexesha elimisiweyo?”+ 30 Kodwa mgama phayaa kwakukho ugxuba olukhulu lweehagu edlelweni. 31 Ngoko iidemon zambongoza, zisithi: “Ukuba uyasikhupha, sithumele koluya gxuba lweehagu.”+ 32 Ngako oko wathi kuzo: “Yiyani!” Zaphuma ke zaya ezihagwini; yaye, khangela! ugxuba luphela lwagxalathelana phezu kwengxondorha lwaya kweyela elwandle lwaza lwafa emanzini.+ 33 Kodwa abalusi basaba, baya esixekweni, baxela yonk’ into, kuquka nokwenzeke kumadoda awayeneedemon. 34 Kwaye, khangela! bonke esixekweni baphuma ukuya kuhlangabeza uYesu; baza bakuba bembonile, bambongoza ngenyameko ukuba emke ezithilini zabo.+