Roma
13 Yonke imiphefumlo mayiwathobele+ amagunya awongamileyo,+ kuba akukho gunya+ libekho ngaphandle kukaThixo;+ amagunya akhoyo abekwe nguThixo+ kwizikhundla zawo ezilinganiselweyo.+ 2 Ngoko ke lowo ulichasayo igunya unxamnye nelungiselelo likaThixo; abo banxamnye nalo baya kufumana umgwebo.+ 3 Kuba abo balawulayo bafanele boyikwe, kungekhona ngenxa yesenzo esilungileyo, kodwa ngenxa yesibi.+ Ngaba, ke ngoko, akufuni na ukuloyika igunya? Hlala usenza okulungileyo,+ yaye liya kukudumisa; 4 kuba lingumlungiseleli kaThixo kuwe ukuze kulungelwe wena.+ Kodwa ukuba wenza okubi,+ yoyika: kuba aliliphathanga ngaphandle kwenjongo ikrele; kuba lingumlungiseleli kaThixo, umphindezeli+ wokubonakalisa ingqumbo kulowo uqhelisela okubi.
5 Ngoko ke kukho isizathu esinyanzelisayo sokuba nithobele, kungekuphela ngenxa yengqumbo leyo kodwa kwanangenxa yesazela senu.+ 6 Kuba kungenxa yoko le nto nikwahlawula iirhafu; kuba asisicaka sikawonke-wonke sikaThixo+ ekhonza rhoqo ngenxa yale njongo. 7 Nikani bonke oko kubafaneleyo, lowo kufuneka irhafu kuye, mnikeni irhafu;+ lowo kufuneka unikelo kuye, mnikeni unikelo; lowo kufuneka uloyiko kuye, mnikeni uloyiko olo;+ lowo kufuneka imbeko kuye, mnikeni imbeko leyo.+
8 Musani ukuba natyala lanto nakubani na,+ ngaphandle kwelokuthandana;+ kuba lowo ulithandayo idlelane lakhe uwuzalisekisile umthetho.+ 9 Kuba uluhlu lwemithetho oluthi, “Uze ungakrexezi,+ Uze ungabulali,+ Uze ungebi,+ Uze ungakhanuki,”+ nawo nawuphi na omnye umyalelo okhoyo, ushwankathelwa ngeli lizwi, lokuba, “Uze umthande ummelwane wakho njengawe siqu.”+ 10 Uthando+ alusebenzi bubi kummelwane kabani;+ ngoko ke uthando lukukuzaliseka komthetho.+
11 Kwenzeni oku, kwanangenxa yokuba nilazi ixesha, okokuba sele kulilixa lokuba nivuke+ ebuthongweni, kuba ngoku usindiso lwethu lukufuphi ngakumbi kunangexesha esathi saba ngamakholwa ngalo.+ 12 Ubusuku buhambile; imini+ isondele. Ngoko ke masiyikhulule imisebenzi yobumnyama+ yaye masambathe izixhobo+ zokukhanya. 13 Njengakwixesha lasemini masihambe ngokundilisekileyo,+ kungekhona kwiziyunguma nasezindywaleni,+ kungekhona kwiintlobano zesini ezingavumelekanga nakwihambo evakalala,+ kungekhona kwimbambano+ nekhwele. 14 Kodwa yambathani iNkosi uYesu Kristu,+ yaye musani ukuyicebela kwangaphambili iminqweno yenyama.+