Yohane
7 Ke kaloku emva kwezi zinto uYesu waqhubeka ehambahamba eGalili, kuba wayengafuni kuhamba-hamba kwelakwaYuda, ngenxa yokuba amaYuda ayefuna ukumbulala.+ 2 Noko ke, umthendeleko wamaYuda, umthendeleko weminquba,+ wawukufuphi. 3 Ngoko ke abantakwabo+ bathi kuye: “Mka apha uye kwelakwaYuda, ukuze kwanabafundi bakho bayibone imisebenzi oyenzayo. 4 Kuba akukho bani wenza nantoni na emfihlekweni ngoxa yena efuna ukwaziwa esidlangalaleni. Ukuba wenza ezi zinto, zibonakalise kulo ihlabathi.” 5 Abantakwabo,+ enyanisweni, babengalubonisi ukholo kuye.+ 6 Ngoko ke uYesu wathi kubo: “Ixesha lam elililo alikabikho,+ kodwa elenu ixesha elililo lisoloko likho. 7 Ihlabathi alinaso isizathu sokunithiya, kodwa lindithiyile mna, ngenxa yokuba ndinikela ubungqina ngalo bokuba imisebenzi yalo ingendawo.+ 8 Nyukani niye emthendelekweni; mna andikazi kunyuka ndiye kulo mthendeleko, ngenxa yokuba ixesha lam elililo+ alikafiki ngokupheleleyo.”+ 9 Ngoko emva kokubaxelela ezi zinto, wahlala eGalili.
10 Kodwa bakuba abantakwabo benyukile ukuya emthendelekweni, wandula ke naye wanyuka, kungekhona ekuhleni kodwa emfihlekweni.+ 11 Ngoko ke amaYuda amfuna+ emthendelekweni esithi: “Uphi na laa mntu?” 12 Yaye kwakukho intetho yokudumzela eninzi ngaye phakathi kwezihlwele.+ Bambi babesithi: “Ungumntu olungileyo.” Abanye babesithi: “Akanjalo, kodwa ulahlekisa isihlwele.” 13 Kambe ke, akukho bani wayengathetha ngaye esidlangalaleni ngenxa yokoyika amaYuda.+
14 Kwathi xa umthendeleko wawusele uphakathi, uYesu wenyukela etempileni waza waqalisa ukufundisa.+ 15 Ngoko ke amaYuda amangaliswa, esithi: “Kwenzeka njani ukuba lo mntu abe nolwazi ngemibhalo,+ engakhange afundisise nje ezikolweni?”+ 16 UYesu, wawaphendula wathi: “Oko ndikufundisayo asikokwam, kodwa kokwalowo wandithumayo.+ 17 Ukuba nabani na unqwenela ukwenza ukuthanda Kwakhe, uya kwazi ngokuphathelele le mfundiso enoba ivela kuThixo+ okanye ndithetha ngokuphuma kum kusini na. 18 Lowo uthetha ngokuphuma kuye ufuna uzuko lwakhe; kodwa lowo ufuna uzuko+ lwalowo umthumileyo, yena unyanisile, yaye akukho ntswela-bulungisa kuye. 19 UMoses waninika uMthetho,+ akunjalo? Kodwa akukho namnye kuni uwuthobelayo uMthetho. Kutheni nifuna ukundibulala nje?”+ 20 Isihlwele saphendula sathi: “Unedemon.+ Ngubani na ofuna ukukubulala?” 21 Ekuphenduleni uYesu wathi kuso: “Ndenze isenzo sasinye,+ naza nina nonke namangaliswa. 22 Ngenxa yesi sizathu uMoses uninike ulwaluko+—ingekuko ukuba luvela kuMoses, kodwa ikukuba luvela kookhokho+—yaye niyamalusa umntu ngesabatha. 23 Ukuba umntu wamkela ulwaluko ngesabatha ukuze umthetho kaMoses ungaphulwa, nivutha ngumsindo na ngenxa yokuba ndiphilise umntu ngesabatha?+ 24 Musani ukugweba ngokwembonakalo yangaphandle, kodwa gwebani ngomgwebo wobulungisa.”+
25 Ngoko ke bambi babemi baseYerusalem bathi: “Lo ngulo mntu bafuna ukumbulala,+ akunjalo? 26 Ukanti, yabonani! uthetha esidlangalaleni,+ yaye akukho nto bayitshoyo kuye. Abalawuli abafikelelanga ekwazini ngokuqinisekileyo ukuba lo unguKRISTU, akunjalo?+ 27 Ngokwahlukileyo koko, siyamazi apho avela khona lo mntu;+ kanti xa uKRISTU efika, akukho bani uza kwazi apho avela khona.”+ 28 Ngoko ke uYesu wadanduluka njengoko wayefundisa etempileni wathi: “Niyandazi mna, nisazi nalapho ndivela khona.+ Kanjalo, andizizelanga ngokwam,+ kodwa lowo undithumileyo uyinene,+ yaye nina animazi.+ 29 Mna ndiyamazi,+ ngenxa yokuba ndingummeli ovela kuye, yaye Yena undithumile.”+ 30 Ngoko ke babefuna ukumbamba,+ kodwa akubangakho bani umsa isandla, ngenxa yokuba lalingekafiki ilixa lakhe.+ 31 Ukanti, abaninzi kwisihlwele bakholwa kuye;+ baza bathi: “Xa uKRISTU efika, akayi kwenza miqondiso+ ingakumbi kunaleyo lo mntu ayenzileyo, akunjalo?”
32 AbaFarisi bakuva ukumbombozela kwesihlwele ngaye, baza ababingeleli abaziintloko nabaFarisi bathumela amagosa ukuya kumbamba.+ 33 Ngoko ke uYesu wathi: “Ndisaqhubeka ndinani okwethutyana ngaphambi kokuba ndiye kulowo undithumileyo.+ 34 Niya kundifuna,+ kodwa aniyi kundifumana, nalapho ndikhoyo aninakuza.”+ 35 Ngoko ke amaYuda athi: “Lo mntu uzimisele ukuya phi, ukuze singabi nakumfumana? Akazimiselanga kuya kulaa maYuda asasazeke+ phakathi kwamaGrike aze afundise amaGrike, akunjalo? 36 Lithetha ukuthini eli lizwi aye walitsho esithi, ‘Niya kundifuna, kodwa aniyi kundifumana, nalapho ndikhoyo aninakuza’?”
37 Ke kaloku ngosuku lokugqibela, imini enkulu yomthendeleko,+ uYesu wayemile waza wadanduluka, esithi: “Ukuba nabani na unxaniwe,+ makeze kum aze asele. 38 Lowo ukholwayo kum,+ kanye njengoko iSibhalo sisitsho, ‘Kuya kuqukuqela imisinga yamanzi aphilayo iphuma embilinini wakhe.’”+ 39 Noko ke, wakutsho oku esingisele kumoya ababeza kuwamkela abo bakholwayo kuye; kuba wawungekabikho umoya,+ ngenxa yokuba uYesu wayengekazukiswa.+ 40 Ngoko ke bambi kuso isihlwele abawevayo la mazwi bathi: “Ngokuqinisekileyo lo unguye UmProfeti.”+ 41 Abanye babesithi: “Lo nguye uKRISTU.”+ Kodwa bambi babesithi: “UKRISTU+ okunene akaveli eGalili, akunjalo?+ 42 Asizange sitsho na iSibhalo ukuba uKRISTU uphuma kwinzala kaDavide,+ naseBhetelehem+ idolophana apho uDavide wayefudula ekhona?”+ 43 Ngoko ke sahlukana phakathi isihlwele+ ngenxa yakhe. 44 Bambi kuso, ngoko, babefuna ukumbamba, kodwa akubangakho bani umsa isandla.
45 Ngoko ke amagosa abuyela kubabingeleli abaziintloko nabaFarisi, baza aba bamva bathi kuwo: “Kutheni ningamzisanga nje?” 46 Amagosa aphendula athi: “Akuzange kubekho omnye umntu othetha njengalo.”+ 47 AbaFarisi baphendula bathi: “Anilahlekiswanga nani, akunjalo? 48 Akukho namnye kubalawuli okanye kubaFarisi okholiweyo kuye, akunjalo?+ 49 Kodwa esi sihlwele singawaziyo uMthetho singabantu abaqalekisiweyo.”+ 50 UNikodemo, owayeze kuye ngaphambili, nowayengomnye wabo, wathi kubo: 51 “Umthetho wethu awumgwebi umntu ngaphandle kokuba kuqala kuviwe+ kuye kuze kwaziwe oko akwenzayo, andibi kunjalo?” 52 Ekuphenduleni bathi kuye: “Nawe akuphumi Galili, akunjalo? Phengulula uze ubone ukuba akukho mprofeti+ uza kuveliswa eGalili.”
Imibhalo-ngqangi iCodex Sinaiticus, iCodex Vaticanus, neSinaitic Syriac codex iyayishiya indinyana 53 ukusa kwisahluko 8, indinyana 11, ezifundeka (ngokwahlukahlukana okuthile kwimibhalo neenguqulelo ezahlukahlukeneyo zesiGrike) ngokulandelayo:
53 Ngoko bahamba ngamnye esiya ekhayeni lakhe.