Yohane
8 Waza uYesu waya eNtabeni yemiNquma. 2 Noko ke, kwakuthi qheke ukusa waya kwakhona etempileni, bonke abantu beza kuye, wahlala phantsi waza waqalisa ukubafundisa. 3 Ke kaloku ababhali nabaFarisi bazisa umfazi obanjwe ekrexeza, baza, bakuba bemmise phakathi kwabo, 4 bathi kuye: “Mfundisi, lo mfazi ubanjwe ekrexeza. 5 EMthethweni uMoses wasimisela ukuba siluxulube uhlobo olunjalo lwabafazi. Uthini na ke wena?” 6 Kambe ke, babekutsho oku bemvavanya, ukuze babe nento yokummangalela. Kodwa uYesu wagoba waza wabhala ngomnwe wakhe emhlabeni. 7 Xa bazingisayo ukumbuza, wema nkqo wathi kubo: “Lowo kuni ungenasono makabe ngowokuqala ukumgibisela ngelitye.” 8 Waza egobile kwakhona waqhubeka ebhala emhlabeni. 9 Kodwa abo bakuvayo oku baphuma, ngabanye ngabanye, kuqalela kumadoda amakhulu, waza washiywa yedwa, nomfazi lowo wayephakathi kwabo. 10 Wema nkqo, uYesu wathi kuye: “Mfazi, baphi na? Akukho namnye ukugwebele isohlwayo na?” 11 Wathi: “Akukho namnye, mnumzana.” UYesu wathi: “Nam andikugwebeli sohlwayo. Hamba; ukususela ngoku ungabi sasiqhelisela isono.”
12 Ngoko ke uYesu wathetha kwakhona kubo, esithi: “Mna ndilukhanyiselo+ lwehlabathi. Lowo undilandelayo akasayi kuze ahambe ebumnyameni,+ kodwa uya kuba nokukhanya kobomi.” 13 Ngoko ke abaFarisi bathi kuye: “Unikela ubungqina ngawe siqu; ubungqina bakho abuyonyaniso.” 14 Ekuphenduleni uYesu wathi kubo: “Kwanokuba ndinikela ubungqina ngam, ubungqina+ bam buyinyaniso, ngenxa yokuba ndiyazi apho ndivela khona nalapho ndiya khona.+ Kodwa nina anazi apho ndivela khona nalapho ndiya khona. 15 Nina nigweba ngokwenyama;+ mna andigwebi nawuphi na umntu.+ 16 Ukanti ukuba ndithe ndagweba, umgwebo wam uyinyaniso, kuba andindedwa, kodwa uBawo ondithumileyo ukunye nam.+ 17 Kanjalo, eMthethweni wenu kubhaliwe kwathiwa, ‘Ubungqina babantu ababini buyinyaniso.’+ 18 Ndingulowo unikela ubungqina ngam, noBawo ondithumileyo unikela ubungqina ngam.”+ 19 Ngoko ke bathi kuye: “Uphi na uYihlo?” UYesu waphendula wathi: “Anindazi mna ningamazi noBawo.+ Ukuba benindazile, beniya kumazi noBawo.”+ 20 La mazwi wawathetha kwindawo yokugcina ubuncwane+ njengoko wayefundisa etempileni. Kodwa akukho bani wambambayo+ ngenxa yokuba lalingekafiki ilixa+ lakhe.
21 Waphinda wathi kubo: “Ndiyemka, yaye niya kundifuna,+ ukanti niya kufela esonweni senu.+ Apho ndiya khona aninako ukuza.” 22 Ngoko ke amaYuda athi: “Akayi kuzibulala, akunjalo? Ngenxa yokuba uthi, ‘Apho ndiya khona aninakuza.’”+ 23 Ngoko wathi kuwo: “Nina nivela kummandla ongezantsi; mna ndivela kummandla ongaphezulu.+ Nina nivela kweli hlabathi;+ mna andiveli kweli hlabathi.+ 24 Ndithe ke kuni, Niya kufela ezonweni zenu.+ Kuba ukuba anikholelwa ukuba ndinguye, niya kufela ezonweni zenu.”+ 25 Athi ke kuye: “Ungubani na wena?” UYesu wathi kuwo: “Ndisazidubelani na ngokuthetha nani? 26 Ndinezinto ezininzi zokuthetha ngani nendinokudlulisela umgwebo ngazo. Kakade ke, lowo undithumileyo uyinyaniso, yaye izinto endazivayo kuye ndithetha zona kanye ehlabathini.”+ 27 Ayengacacelwanga kukuba wayethetha kuwo ngoYise. 28 Ngoko ke uYesu wathi: “Xa nithe namphakamisa+ uNyana womntu,+ niya kwandula ke nazi ukuba ndinguye,+ nokuba andenzi nto ngokwam;+ kodwa ndizithetha ezi zinto kanye njengoko uBawo wandifundisayo.+ 29 Yaye lowo undithumileyo ukunye nam; akandishiyanga ndedwa, ngenxa yokuba ndisoloko ndisenza izinto ezikholekileyo kuye.”+ 30 Njengoko wayezithetha ezi zinto, abaninzi bakholwa kuye.+
31 Yaye ngoko uYesu wathi kumaYuda awayekholiwe kuye: “Ukuba nithe nahlala kulo izwi lam,+ ngokwenene ningabafundi bam, 32 niya kuyazi inyaniso,+ yaye inyaniso iya kunikhulula.”+ 33 Aphendula athi kuye: “Siyinzala ka-Abraham+ kwaye asizange sibe ngamakhoboka kuye nabani na.+ Kwenzeka njani ukuba uthi, ‘Niya kukhululeka’?” 34 UYesu wawaphendula wathi: “Inene, inene, ndithi kuni, Wonke umenzi wesono ulikhoboka lesono.+ 35 Ngaphezu koko, ikhoboka alihlali endlwini ngonaphakade; unyana yena uhlala ngonaphakade.+ 36 Ngoko ke ukuba uNyana uyanikhulula, okunene niya kukhululeka.+ 37 Ndiyazi ukuba niyinzala ka-Abraham; kodwa nifuna ukundibulala,+ kuba alingeni kuni ilizwi lam.+ 38 Izinto endizibone kuBawo,+ zizo endizithethayo;+ nani, ke ngoko, nenza izinto enizive kuyihlo.” 39 Ekuphenduleni athi kuye: “Ubawo wethu nguAbraham.”+ UYesu wathi kuwo: “Ukuba ningabantwana baka-Abraham,+ yenzani imisebenzi ka-Abraham. 40 Kodwa naku nifuna ukundibulala, mna mntu onixelele inyaniso endiyive kuThixo.+ UAbraham akazange akwenze oku.+ 41 Nenza imisebenzi kayihlo.” Athi kuye: “Asizange sizalwe ngohenyuzo; sinoBawo omnye,+ uThixo.”
42 Wathi uYesu kuwo: “Ukuba uThixo ebenguYihlo, ngenindithanda,+ kuba ndilapha+ nje ndiphuma kuThixo. Andizizelanga ngokwam, kodwa ndithunywe Nguye.+ 43 Kutheni ningakwazi nje oko ndikuthethayo? Kungenxa yokuba aninakuliphulaphula ilizwi lam.+ 44 Nina niphuma kuyihlo uMtyholi,+ yaye nithanda ukwenza ngokweminqweno kayihlo.+ Yena wayesisibulala-mntu kwasekuqaleni,+ yaye akemi enyanisweni, kuba inyaniso ayikho kuye. Xa ethetha ubuxoki, uthetha ngokotyekelo lwakhe, kuba ulixoki noyise wabo ubuxoki.+ 45 Mna ke, ngenxa yokuba ndinixelela inyaniso, anindikholelwa.+ 46 Ngubani na kuni ondifumanisa ndinetyala lesono?+ Ukuba ndithetha inyaniso, kutheni ningandikholelwa nje? 47 Lowo uphuma kuThixo uyawaphulaphula amazwi kaThixo.+ Kungenxa yoko le nto ningaphulaphuli, kuba aniphumi kuThixo.”+
48 Ekuphenduleni amaYuda athi kuye: “Asinyanisanga na ke xa sisithi, UngumSamariya+ yaye unedemon?”+ 49 UYesu waphendula wathi: “Andinademon, kodwa ndibeka uBawo,+ yaye nina niyandihlazisa. 50 Kodwa andizifuneli luzuko;+ ukho Lowo ulufunayo nogwebayo.+ 51 Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba nabani na uyaligcina ilizwi lam, akasayi kuze akubone ukufa.”+ 52 AmaYuda athi kuye: “Ngoku siyazi ukuba unedemon.+ UAbraham wafa,+ kanjalo nabaprofeti;+ kodwa wena uthi, ‘Ukuba nabani na uyaligcina ilizwi lam, akasayi kuze angcamle+ kufa konke konke.’ 53 Akukho mkhulu+ kunobawo wethu uAbraham, owafayo, akunjalo? Kanjalo, abaprofeti bafa.+ Uzibanga ungubani na wena?” 54 UYesu waphendula wathi: “Ukuba ndiyazizukisa, uzuko lwam alunto yanto. NguBawo ondizukisayo,+ lowo nithi nguThixo wenu; 55 ukanti animazanga.+ Kodwa mna ndiyamazi.+ Yaye ukuba ndithe andimazi ndiya kuba ndilixoki njengani. Kodwa mna ndiyamazi yaye ndiyaligcina ilizwi lakhe.+ 56 UAbraham uyihlo waphuphuma yimihlali ngethemba lokubona umhla wam,+ yaye wawubona waza wanemihlali.”+ 57 Ngoko ke amaYuda athi kuye: “Akukabi nawo namashumi amahlanu eminyaka ubudala, ukanti umbonile uAbraham?” 58 UYesu wathi kuwo: “Inene, inene, ndithi kuni, Ngaphambi kokuba uAbraham abekho, bendikho.”+ 59 Ngoko ke achola amatye ukuze amgibisele ngawo;+ kodwa uYesu wazifihla waza waphuma etempileni.