Yohane
13 Ke kaloku, ngenxa yokuba wayesazi ngaphambi komthendeleko wepasika ukuba lifikile ilixa lakhe+ lokuba emke kweli hlabathi aye kuYise,+ uYesu, ebathandile abakhe ababesehlabathini,+ wabathanda de kwasekupheleni. 2 Ngoko, ngoxa kwakuqhubeka isidlo sangokuhlwa, sele uMtyholi ekufakile entliziyweni kaYudas Skariyoti,+ unyana kaSimon, ukuba amngcatshe,+ 3 yena, esazi ukuba uYise wanikela zonke izinto ezandleni zakhe+ nokuba waphuma kuThixo yaye wayesiya kuThixo,+ 4 wasukuma esidlweni sangokuhlwa waza wazibekela ecaleni izambatho zakhe zangaphezulu. Kwaye, wathabatha itawuli, wabhinqa.+ 5 Emva koko wafaka amanzi esityeni waza waqala ukuhlamba iinyawo+ zabafundi nokuzomisa ngetawuli awayeyibhinqile. 6 Yaye ngoko wafika kuSimon Petros. Yena wathi kuye: “Nkosi, uhlamba iinyawo zam na wena?”+ 7 Ekuphenduleni uYesu wathi kuye: “Oko ndikwenzayo akukuqondi okwangoku, kodwa uya kukuqonda emva kwezi zinto.”+ 8 UPetros wathi kuye: “Ngokuqinisekileyo akusayi kuze uzihlambe ezam iinyawo.” UYesu wamphendula wathi: “Ngaphandle kokuba ndikuhlambe,+ akunanxalenye kum.” 9 USimon Petros wathi kuye: “Nkosi, ingabi ziinyawo zam kuphela, kodwa kwanezandla zam nentloko yam.” 10 UYesu wathi kuye: “Lowo uhlambe umzimba+ akuyomfuneko ukuba ahlanjwe okungakumbi kuneenyawo zakhe, kodwa uhlambuluke ngokupheleleyo. Yaye nina nihlambulukile, kodwa aninjalo nonke.” 11 Wayemazi, eneneni, umntu omngcatshayo.+ Kungenxa yoko le nto wathi: “Asinini nonke abahlambulukileyo.”
12 Akuba ezihlambile iinyawo zabo yaye efake izambatho zakhe zangaphezulu waza wangqengqa phantsi etafileni kwakhona, wathi kubo: “Niyakwazi na endikwenzileyo kuni? 13 Nindibiza ngokuthi, ‘Mfundisi,’+ nangokuthi, ‘Nkosi,’+ yaye niyalungisa ukutsho, kuba kunjalo.+ 14 Ngoko ke, ukuba mna, nangona ndiyiNkosi noMfundisi, ndihlambe iinyawo zenu,+ nani nifanele ukuhlambana iinyawo.+ 15 Kuba ndinibekela umzekelo, ukuze, kanye njengoko ndenjenjalo kuni, nenjenjalo nani.+ 16 Inene, inene, ndithi kuni, Ikhoboka alikho likhulu kunenkosi yalo, nalowo uthunyiweyo akakho mkhulu kunalowo umthumileyo.+ 17 Ukuba niyazazi ezi zinto, ninoyolo ukuba nithi nizenze.+ 18 Andithethi ngani nonke; ndiyabazi abo ndibanyulileyo.+ Kodwa oku kukuze sizaliseke+ iSibhalo esithi, ‘Lowo ubefudula esidla isonka sam undiphakamisele isithende.’+ 19 Ukususela ngalo mzuzu kuse phambili ndiyanixelela ngaphambi kokuba kwenzeke,+ ukuze xa kusenzeka nikholwe ukuba ndinguye. 20 Inene, inene, ndithi kuni, Lowo wamkela nabani na endimthumayo wamkela kwanam.+ Lowo wamkela mna, wamkela kwanalowo undithumileyo.”+
21 Emva kokutsho ezi zinto, uYesu wakhathazeka emoyeni, yaye wanikela ubungqina wathi: “Enyanisweni, ndithi kuni, Omnye wenu uya kundingcatsha.”+ 22 Abafundi bajongana, bexakiwe kukuba ngubani na awayethetha ngaye.+ 23 Kwakungqendeve ngaphambi kwesifuba sikaYesu omnye wabafundi bakhe, yaye uYesu wayemthanda.+ 24 Ngoko ke uSimon Petros wanqwala kuye waza wathi: “Xela ukuba ngubani na lo akutsho ngaye oku.” 25 Ngoko yena wayama esifubeni sikaYesu waza wathi kuye: “Nkosi, ngubani na?”+ 26 Ngoko ke uYesu waphendula wathi: “Ngulowo ndiya kumnika iqhekeza endilithi nkxu.”+ Yaye ngoko, elithe nkxu iqhekeza, walithabatha waza walinika uYudas, unyana kaSimon Skariyoti. 27 Yaye emva kweqhekeza wandula ke uSathana wangena kuye.+ UYesu, ke ngoko, wathi kuye: “Oko ukwenzayo kwenze ngokukhawuleza.” 28 Noko ke, akukho namnye kwabo babengqendeve etafileni owayesazi ukuba wayekutsho ngayiphi na injongo oku kuye. 29 Bambi, enyanisweni, babecinga ukuba, ekubeni uYudas wayephatha ibhokisi yemali,+ uYesu wayemxelela oku: “Thenga ezo zinto sizifunela umthendeleko,” okanye ukuba ufanele anikele okuthile kumahlwempu.+ 30 Ngoko ke, emva kokwamkela iqhekeza, waphuma ngoko nangoko. Yaye kwakusebusuku.+
31 Ngoko ke akuba ephumile, uYesu wathi: “UNyana womntu uzukisiwe,+ noThixo uzukisiwe ngaye. 32 UThixo uya kumzukisa,+ yaye uya kumzukisa ngoko nangoko. 33 Bantwana abancinane,+ ndisenani okwethutyana. Niya kundifuna; kwaye njengoko ndathi kumaYuda, ‘Apho ndiya khona aninakuza,’+ nakuni ndiyatsho ngoku. 34 Ndininika umyalelo omtsha, wokuba nithandane; kanye njengoko ndinithandileyo mna,+ ukuba nani nithandane.+ 35 Ngako oko bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando phakathi kwenu.”+
36 USimon Petros wathi kuye: “Nkosi, uyaphi na?” UYesu waphendula wathi: “Apho ndiya khona akunakundilandela ngoku, kodwa uya kulandela kamva.”+ 37 UPetros wathi kuye: “Nkosi, kutheni ndingenako nje ukukulandela ngoku? Ndiza kuwunikezela umphefumlo wam ngenxa yakho.”+ 38 UYesu waphendula wathi: “Uya kuwunikezela na umphefumlo wakho ngenxa yam? Inene, inene, ndithi kuwe, Umqhagi awuyi kukhonya de ube undikhanyele kathathu.”+