1 Yohane
4 Zintanda, musani ukuwakholelwa onke amazwi aphefumlelweyo,+ kodwa wavavanyeni amazwi aphefumlelweyo ukuze nibone enoba aphuma kuThixo kusini na,+ kuba kuye kwavela abaprofeti bobuxoki abaninzi ehlabathini.+
2 Niya kuwazi ngale nto ke amazwi aphefumlelweyo avela kuThixo:+ Onke amazwi aphefumlelweyo amvumayo uYesu Kristu njengoye weza esenyameni aphuma kuThixo,+ 3 kodwa onke amazwi aphefumlelweyo angamvumiyo uYesu akaphumi kuThixo.+ Kunoko, lawo ngamazwi aphefumlelweyo omchasi-Kristu enevayo ukuba ayeza,+ yaye ngoku sele ekho ehlabathini.+
4 Nina niphuma kuThixo, bantwana abancinane, yaye niye naboyisa abo bantu,+ ngenxa yokuba lowo umanyene+ nani mkhulu+ kunalowo umanyene nehlabathi.+ 5 Bona baphuma ehlabathini;+ kungenxa yoko le nto bethetha oko kuphuma kulo ihlabathi yaye ihlabathi liyabaphulaphula.+ 6 Thina siphuma kuThixo.+ Lowo umaziyo uThixo uyasiphulaphula;+ lowo ungaphumi kuThixo akasiphulaphuli.+ Le yindlela esiwaphawula ngayo amazwi aphefumlelweyo enyaniso namazwi aphefumlelweyo esiphoso.+
7 Zintanda, masiqhubeke sithandana,+ ngenxa yokuba uthando+ luvela kuThixo, yaye bonke abanothando bazelwe nguThixo,+ kwaye bayamazi uThixo.+ 8 Lowo ungenaluthando akamazi uThixo, kuba uThixo uluthando.+ 9 Kwabonakaliswa ngale ukusithanda kukaThixo,+ ngokuthi uThixo athumele uNyana+ wakhe okuphela kwamzeleyo ehlabathini ukuze sizuze ubomi ngaye.+ 10 Ngoko ayisithi esamthandayo uThixo, koko nguye owasithandayo waza wathumela uNyana wakhe njengombingelelo+ wokucamagushela+ izono zethu.+
11 Zintanda, ekubeni uThixo eye wasithanda ngolo hlobo, nathi simele sithandane.+ 12 Akukho bani uye wambona uThixo nangaliphi na ixesha.+ Ukuba siqhubeka sithandana, uThixo uhleli kuthi yaye uthando lwakhe lwenziwa lugqibelele kuthi.+ 13 Siyazi ukuba simanyene+ naye, naye umanyene nathi,+ kuba usinike umoya wakhe.+ 14 Ukongezelela, nathi sizibonele+ yaye siyangqina+ ukuba uBawo uye wamthumela uNyana wakhe njengoMsindisi wehlabathi.+ 15 Nabani na ovumayo ukuba uYesu Kristu unguNyana kaThixo,+ umanyene noThixo, noThixo umanyene naye.+ 16 Sikwazile thina, sakholwa kukusithanda+ kukaThixo.
UThixo uluthando,+ yaye lowo uhleli eluthandweni+ umanyene noThixo, noThixo umanyene+ naye. 17 Le yindlela uthando oluye lwenziwa lwagqibelela ngayo kuthi, ukuze sibe nenkululeko yokuthetha+ ngemini yomgwebo,+ kuba, kanye njengoko enjalo yena, sinjalo nathi kweli hlabathi.+ 18 Akukho loyiko eluthandweni,+ kodwa uthando olugqibeleleyo luluphosela phandle uloyiko,+ kuba uloyiko luyangcungcuthekisa. Eneneni, lowo unoloyiko akagqibelelanga eluthandweni.+ 19 Thina ke, sinalo uthando, kuba wasithanda kuqala.+
20 Ukuba umntu uthi: “Ndiyamthanda uThixo,” kodwa abe emthiyile umzalwana wakhe, ulixoki.+ Kuba lowo ungamthandiyo umzalwana wakhe,+ ambonileyo, akanako ukumthanda uThixo, angambonanga.+ 21 Nguwo lo myalelo asinike wona,+ wokuba lowo umthandayo uThixo ufanele amthande nomzalwana wakhe.+