Mateyu
23 Wandula ke uYesu wathetha kwizihlwele nakubafundi bakhe,+ esithi: 2 “Ababhali+ nabaFarisi bazihlalise esihlalweni sikaMoses.+ 3 Ngoko ke zonke izinto abanixelela zona,+ zenzeni, nizigcine, kodwa ningenzi ngokwezenzo zabo,+ kuba bathetha baze bangenzi. 4 Babopha imithwalo enzima baze bayibeke emagxeni abantu,+ kodwa bona ngokwabo abavumi kuyishukumisa ngomnwe wabo.+ 5 Yonke imisebenzi abayenzayo bayenza ukuze babonwe ngabantu;+ kuba bawenza banzi amaqhaga+ [aqulethe izibhalo] abawanxiba njengezikhuselo, bayandise imiphetho yezambatho zabo.+ 6 Bathanda eyona ndawo iphambili kwizidlo zangokuhlwa nezihlalo eziphambili+ kwizindlu zesikhungu,+ 7 nemibuliso+ kwiindawo zemarike nokubizwa ngabantu kuthiwe Rabhi.+ 8 Kodwa nina, ningabizwa kuthiwe Rabhi, kuba mnye umfundisi wenu,+ kanti nonke nina ningabazalwana. 9 Ngaphezu koko, ningabizi nabani na ngokuthi nguyihlo emhlabeni, kuba mnye uYihlo,+ Lowo wasezulwini. 10 Ningabizwa nangokuthi ‘iinkokeli,’+ kuba inye iNkokeli yenu, uKRISTU. 11 Kodwa lowo ungoyena mkhulu phakathi kwenu makabe ngumlungiseleli wenu.+ 12 Nabani na oziphakamisayo uya kuthotywa,+ yaye nabani na ozithobayo uya kuphakanyiswa.+
13 “Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! ngenxa yokuba nibuvala+ ubukumkani bamazulu phambi kwabantu; kuba nina+ ngokwenu aningeni, kwaye anibavumeli nabo basendleleni engenayo ukuba bangene. 14 ——
15 “Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini!+ ngenxa yokuba nityhutyha ulwandle nomhlaba owomileyo ukwenza nokuba mnye abe ngumngeni ebuYudeni, nize nakuba nimzuzile nimenze isisulu seGehena ngokuphindwe kabini kunani.
16 “Yeha nina, bakhokeli abaziimfama,+ enithi, ‘Ukuba nabani na ufunga ngetempile, akunto; kodwa ukuba nabani na ufunga ngegolide yetempile, ubophelelekile.’+ 17 Zidengendini ezikwaziimfama! Yiyiphi, enyanisweni, enkulu ngakumbi, yigolide okanye yitempile engcwalise igolide?+ 18 Kanjalo, ‘Ukuba nabani na ufunga ngesibingelelo, akunto; kodwa ukuba nabani na ufunga ngesipho esikuso, ubophelelekile.’ 19 Zimfamandini! Yiyiphi, enyanisweni, enkulu ngakumbi, sisipho okanye sisibingelelo+ esingcwalisa isipho? 20 Ngoko ke lowo ufunga ngesibingelelo ufunga ngaso nangazo zonke izinto ezikuso; 21 yaye lowo ufunga ngetempile ufunga ngayo nangalowo ukuyo;+ 22 kwaye lowo ufunga ngezulu ufunga ngetrone kaThixo+ nangalowo uhleli kuyo.
23 “Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! ngokuba ninikela isishumi+ setyeleba nesedile nesekumin, kodwa niye nayigatya imibandela enzima ngakumbi yoMthetho, eyile, okusesikweni+ nenceba+ nokuthembeka.+ Ezi zinto kwakubophelelekile ukuzenza, kanti kungamele kugatywe ezinye izinto. 24 Zinkokelindini eziziimfama,+ ezihluza imbuzane+ kodwa zibimbilize inkamela!+
25 “Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! ngokuba nihlambulula umphandle wendebe+ nowesitya, kodwa ngaphakathi zizele kukuphanga+ nokungabi nabungcathu. 26 MFarisindini uyimfama,+ hlambulula kuqala umphakathi wendebe+ nowesitya, ukuze nomphandle waso uhlambuluke.
27 “Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini!+ ngokuba ninentsobi yamangcwaba aqatywe mhlophe,+ ngaphandle eneneni abonakala emahle kodwa ngaphakathi azele ngamathambo abantu abafileyo nalo lonke uhlobo lokungahlambuluki. 28 Ngaloo ndlela nani, ngaphandle eneneni, nibonakala ningamalungisa ebantwini,+ kodwa ngaphakathi nizele luhanahaniso nokuchas’ umthetho.
29 “Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini!+ ngokuba nakha amangcwaba abaprofeti nize nihombise amangcwaba enkumbulo abo bangamalungisa,+ 30 yaye nithi, ‘Ukuba sasikho ngemihla yookhokho bethu, sasingayi kuba nasabelo nabo kwigazi labaprofeti.’+ 31 Ngoko ke ninikela ubungqina nxamnye nani ngokwenu ukuba ningoonyana babo babulala abaprofeti.+ 32 Ngoko ke, wuzaliseni umlinganiselo+ wookhokho benu.
33 “Zinyokandini, nzalandini yamarhamba,+ niza kuwusaba njani umgwebo weGehena?+ 34 Ngenxa yesi sizathu, ndithumela+ kuni abaprofeti nabantu abazizilumko nabayaleli basesidlangalaleni.+ Bambi babo niya kubabulala+ nize nibabethelele, kwaye bambi babo niya kubatyakatya+ kwizindlu zenu zesikhungu yaye nibatshutshise kwizixeko ngezixeko; 35 ukuze libe phezu kwenu lonke igazi elinobulungisa elaphalazwa emhlabeni,+ ukususela kwigazi lika-Abheli+ olilungisa+ kuse kwigazi likaZekariya unyana kaBharakhiya, enambulalayo phakathi kwengcwele nesibingelelo.+ 36 Inene ndithi kuni, Zonke ezi zinto ziya kuza phezu kwesi sizukulwana.+
37 “Yerusalem, Yerusalem, mbulali wabaprofeti+ nomxulubi+ wabo bathunyelwa kuyo,+—kufuthi kangakanani na ndifuna ukuhlanganisela ndawonye abantwana bakho, ngendlela esithi isikhukukazi sihlanganisele ngayo ndawonye amantshontsho aso phantsi kwamaphiko aso!+ Kodwa anavuma.+ 38 Khangelani! Indlu+ yenu ishiyelwa kuni.+ 39 Kuba ndithi kuni, anisayi kuze nindibone ukususela ngoku de nithi, ‘Usikelelwe lowo uzayo egameni likaYehova!’”+