Mateyu
4 Ngoko ke uYesu wakhokelelwa entlango+ ngumoya ukuba ahendwe+ nguMtyholi. 2 Emva kokuba ezile ukutya iimini ezingamashumi amane nobusuku obungamashumi amane,+ wandula ke walamba. 3 UMhendi+ weza waza wathi kuye: “Ukuba ungunyana kaThixo,+ yithi kula matye mawabe zizonka.” 4 Kodwa ekuphenduleni wathi: “Kubhaliwe kwathiwa, ‘Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova.’”+
5 Wandula ke uMtyholi wamthabatha wamsa esixekweni esingcwele,+ wammisa phezu koqoqo lwetempile 6 waza wathi kuye: “Ukuba ungunyana kaThixo, ziphose phantsi;+ kuba kubhaliwe kwathiwa, ‘Uya kuzinika umyalo ngawe iingelosi zakhe, zikuthwale ngezandla, ukuze ungabetheki nanini na ngonyawo lwakho elityeni.’”+ 7 UYesu wathi kuye: “Kwakhona kubhaliwe kwathiwa, ‘Uze ungamvavanyi uYehova uThixo wakho.’”+
8 Kwakhona uMtyholi wamthabatha wamsa kwintaba ephakame ngokungaqhelekanga, waza wambonisa zonke izikumkani zehlabathi+ nozuko lwazo, 9 wathi kuye: “Zonke ezi zinto ndokunika+ ukuba uthe wawa phantsi wanqula kum.”+ 10 Ngoko uYesu wathi kuye: “Hamb’ umke, Sathana! Kuba kubhaliwe kwathiwa, ‘NguYehova uThixo wakho omele umnqule,+ yaye nguye yedwa+ omele unikele inkonzo engcwele kuye.’”+ 11 Wandula ke uMtyholi wamshiya,+ yaye, khangela! iingelosi zeza zaza zamlungiselela.+
12 Ke kaloku akuva ukuba uYohane ubanjiwe,+ wemka waya eGalili.+ 13 Ngokubhekele phaya, akuba eyishiyile iNazarete, waya kuhlala eKapernahum+ ngaselwandle kwizithili zakwaZebhulon nakwaNafetali,+ 14 ukuze kuzaliseke oko kwathethwa ngoIsaya umprofeti, esithi: 15 “Owu lizwe lakwaZebhulon nawe lizwe lakwaNafetali, nina eningakwindlela yaselwandle, ngaphesheya kweYordan, Galili+ yeentlanga! 16 bantu ababehleli ebumnyameni,+ nibone ukukhanya okukhulu,+ nina bahleli kummandla wethunzi lokufa, nivelelwe+ kukukhanya.”+ 17 Ukususela ngelo xesha kuse phambili uYesu washumayela esithi: “Guqukani,+ kuba ubukumkani+ bamazulu busondele.”
18 Ehamba ecaleni kolwandle lwaseGalili wabona izalamane ezibini, uSimon+ obizwa ngokuba nguPetros+ noAndreya umntakwabo, zithoba umnatha wokuloba elwandle, kuba zazingabalobi. 19 Wathi kuzo: “Ndilandeleni, ndonenza abalobi babantu.”+ 20 Zayishiya kwaoko iminatha+ yazo, zamlandela. 21 Ehamba ukusuka apho wabona ezinye izalamane ezibini,+ uYakobi unyana kaZebhedi+ noYohane umntakwabo, zisesikhepheni noZebhedi uyise, zilungisa iminatha yazo, waza wazibiza. 22 Zasishiya kwaoko isikhephe noyise, zamlandela.
23 Wandula ke walijikeleza+ lonke elaseGalili,+ efundisa kwizindlu zabo zesikhungu,+ eshumayela iindaba ezilungileyo zobukumkani kwaye ephilisa lonke uhlobo lwesifo+ nalo lonke uhlobo lobulwelwe ebantwini. 24 Ingxelo engaye yaphuma yaya kulo lonke elaseSiriya;+ yaye bamzisela bonke abo babephatheke kakubi,+ bebandezeleke zizifo ezahlukahlukeneyo neentuthumbo, abaneedemon nabanesathuthwane+ nabantu abafe imizimba, waza wabaphilisa. 25 Ngenxa yoko izihlwele ezikhulu zamlandela zivela eGalili+ naseDekapoli naseYerusalem+ nakwelakwaYuda nangaphesheya kweYordan.