2 Korinte
12 Ndimele ndiqhayise. Akuyongenelo; kodwa ndiya kudlulela kwimibono engaphaya+ kweyemvelo nezityhilelo zeNkosi. 2 Ndazi umntu omanyene noKristu owathi, kwiminyaka elishumi elinesine edluleyo—enoba kwakusemzimbeni okanye kwakungekho mzimbeni andazi; nguThixo owaziyo—wathatyathwa+ enjalo wasiwa kwelesithathu izulu. 3 Enoba kwakusemzimbeni okanye ngaphandle komzimba,+ andazi, nguThixo owaziyo, kodwa ndiyazi ukuba loo mntu 4 wathatyathelwa eparadesi+ waza weva amazwi angathethekiyo ekungekho mthethweni ukuba umntu awathethe. 5 Ndiza kuqhayisa ngaloo mntu, kodwa andizi kuqhayisa ngam, ngaphandle kobuthathaka bam.+ 6 Kuba ukuba ndifuna ukuqhayisa,+ andiyi kuba ngongenangqiqo, kuba ndiya kuthetha inyaniso. Kodwa ndiyarhoxa, ukuze kungabikho bani undizisela udumo olungakumbi kunoko andibona ndikuko okanye akuvayo kum, 7 ngenxa nje yezityhilelo ezigqithiseleyo.
Ngoko ke, ukuze ndingazivi ndiphakame ngokugqithiseleyo,+ ndanikwa iliva enyameni,+ ingelosi kaSathana, ukuba indimpakaze, ukuze ndingaphakami ngokugqithiseleyo. 8 Ngenxa yoku ndayibongoza izihlandlo ezithathu+ iNkosi ukuba lisuke kum; 9 ukanti ngokwenene yathi kum: “Ububele bam obunganifanelanga bukulingene;+ kuba amandla am enziwa agqibelele kubuthathaka.”+ Ke ngoko, ngokuchulumanca okukhulu, ndiza kuqhayisa ngobuthathaka bam,+ ukuze amandla kaKRISTU ahlale njengentente phezu kwam. 10 Ngoko ke ndiyakholiswa bubuthathaka, kukuthukwa, kukuswela, ziintshutshiso neenzima, ngenxa kaKristu. Kuba xa ndibuthathaka, kuxa kanye ndinamandla.+
11 Ndisuke andabi nangqiqo. Nini abandinyanzelele+ koko, kuba bendifanele ukunconyelwa nini. Nokuba andinto yanto,+ andikho nganeno nganto kwabo bapostile benu baziincamisa.+ 12 Eneneni, imiqondiso yokuba ngumpostile+ yaveliswa phakathi kwenu ngonyamezelo lonke,+ nangemiqondiso nemihlola nemisebenzi yamandla.+ 13 Kuba yintoni na enasilela ngayo kwamanye amabandla, ngaphandle kokuba mna ngokwam ndingazange ndibe luxanduva kuni?+ Ndixoleleni ke ngoku kungalungisi.
14 Khangelani! Esi sisihlandlo sesithathu+ ndilungele ukuza kuni, yaye andizi kuba luxanduva. Kuba ndifuna, kungekhona izinto zenu,+ kodwa nina; kuba asingobantwana+ abafanele ukuqwebela abazali babo, kodwa ngabazali abafanele baqwebele abantwana babo.+ 15 Mna ke ndiya kuchulumanca kakhulu ukuba ndinokudleka ndize ndisetyenziswe ngokupheleleyo ngenxa yemiphefumlo yenu.+ Ukuba ndinithanda kakhulu, ndiza kuthandwa kancinane na mna? 16 Kodwa nokuba kungade kube njalo, andizange ndibe luxanduva kuni.+ Noko ke, nithi, “ndandinobuqhophololo” yaye ndanibambisa “ngenkohliso.”+ 17 Nabani na ke kwabo ndibathumele kuni, andizange ndinixhaphaze ngaye, andibi kunjalo? 18 Ndambongoza uTito yaye ndathumela umzalwana kunye naye. UTito akazange anixhaphaze konke konke, andibi kunjalo?+ Sahamba ngomoya ofanayo,+ akunjalo? Kumanyathelo afanayo, akunjalo?
19 Ngaba lonke eli thuba benicinga ukuba siyazithethelela kuni? Sithetha phambi koThixo ngoKristu. Kodwa konke oku, zintanda, sikuthetha ukuze nakheke.+ 20 Ndinoloyiko lokuba ndifike+ ningeyiyo into endinqwenela ukufika niyiyo, nam ndingeyiyo leyo nindinqwenelela ukuba ndibe yiyo, kodwa, endaweni yoko, kusenokubakho imbambano, ikhwele,+ ukufikelwa ngumsindo, usukuzwano, ukudlan’ izithende, ukuhleba, ukufikelwa kukukhukhumala, izidubedube.+ 21 Hleze ndithi, ndakufika kunjalo, uThixo wam andithobe phakathi kwenu, ndize ndizile ngenxa yabaninzi abonileyo+ baza abaguquka ekungahlambulukini nakuhenyuzo+ nakwihambo yabo evakalala+ abaye bayiqhelisela.