2 Tesalonika
2 Noko ke, bazalwana, ngokuphathelele ubukho+ beNkosi yethu uYesu Kristu nokuhlanganiselwa kwethu ndawonye kuyo,+ siyanicela 2 ukuba ningagungqiswa ngokukhawuleza kwingqiqo yenu okanye nivuselelwe nokuba kungamazwi aphefumlelweyo+ okanye kungesigidimi somlomo+ okanye kungencwadi+ ngokungathi ivela kuthi, ngokusingisele ekuthini imini+ kaYehova ilapha.
3 Makungabikho namnye unilukuhlayo nangaluphi na uhlobo, ngenxa yokuba ayiyi kuza ngaphandle kokuba kufike uwexuko+ kuqala, atyhileke+ umchasi-mthetho,+ unyana wentshabalalo.+ 4 Uchasile+ yaye uziphakamisa ngaphezu kwayo nantoni na ekuthiwa “nguthixo” okanye ehlonelwayo, ade athabathe isihlalo etempileni kaTHIXO, ezigwagwisa ngokuthi unguthixo.+ 5 Anikhumbuli na ukuba, ngoxa ndandisenani, ndandiye ndinixelele+ ezi zinto?
6 Yaye ke ngoku niyayazi into+ emthintelayo,+ ukuba angatyhileki ngaphambi kwexesha elililo.+ 7 Enyanisweni, oku kuchas’ umthetho sele kusebenza ngokufihlakeleyo;+ kodwa kuphela de lowo usisithintelo ngoku asuke endleleni.+ 8 Uya kwandula ke ngoko umchasi-mthetho atyhileke, lowo iNkosi uYesu eya kumbhangisa ngomoya womlomo wayo+ ize imtshitshise ngembonakaliso+ yobukho bayo.+ 9 Sekude kubekho umchasi-mthetho nje kungenxa yemisebenzi+ yamandla kaSathana nemiqondiso yobuxoki nemihlola+ 10 nayo yonke inkohliso engeyoyabulungisa+ kwabo batshabalalayo,+ njengempindezelo ngenxa yokuba bengalwamkelanga uthando+ lwenyaniso ukuze basindiswe.+ 11 Ngoko ke uThixo ubayekele ekulahlekisweni nasekukholelweni ubuxoki,+ 12 ukuze bagwetywe bonke ngenxa yokuba bengayikholelwanga inyaniso,+ basuka bakholiswa yintswela-bulungisa.+
13 Noko ke, simelwe kukuhlala simbulela uThixo ngenxa yenu, bazalwana, abathandiweyo nguYehova, kuba uThixo waninyula+ kwasekuqaleni ukuze nisindiswe ngokungcwaliswa+ ngomoya+ nangokholo lwenu enyanisweni.+ 14 Nguwo lowo umvuzo wobizo lwenu esaluvakalisa kuni ngeendaba ezilungileyo,+ ukuba nizuze uzuko lweNkosi yethu uYesu Kristu.+ 15 Ngoko ke, bazalwana, yimani niqinile,+ nizigcine izithethe+ esanifundisa zona ngomlomo nangencwadi. 16 Ngaphezu koko, iNkosi yethu uYesu Kristu ngokwayo noThixo uBawo wethu, owasithandayo+ waza wasinika intuthuzelo engunaphakade nethemba elilungileyo+ ngobubele obungasifanelanga, 17 wanga angazithuthuzela iintliziyo zenu aze aniqinise kuso sonke isenzo esilungileyo nelizwi.+