Hebhere
4 Ngoko ke, ekubeni kusele isithembiso sokungena ekuphumleni kwakhe,+ lumkani kungabikho bani kuni uphoswayo siso.+ 2 Kuba sineendaba ezilungileyo ezavakaliswayo nakuthi,+ nanjengoko kwakwenziwe njalo nakubo;+ kodwa ilizwi elaviwayo alizange libe yingenelo kubo,+ ngenxa yokuba babengamanyananga ngokholo+ kunye nabo bevayo.+ 3 Kuba thina babonisa ukholo siyangena ekuphumleni, kanye njengoko ethe: “Ngoko ndafunga+ ndinomsindo ndathi, ‘Abayi kungena+ ekuphumleni kwam,’”+ nangona imisebenzi yakhe yagqitywayo+ kwasekusekweni kwehlabathi.+ 4 Kuba wakha wathi kwenye indawo ngokuphathelele usuku lwesixhenxe: “Waphumla uThixo ngosuku lwesixhenxe kuyo yonke imisebenzi yakhe,”+ 5 yaye uyaphinda athi kule indawo: “Abayi kungena ekuphumleni kwam.”+
6 Ekubeni kusekho abathile ekusafuneka bengenile kuko, njengoko abo zavakaliswa kubo kuqala iindaba ezilungileyo+ bengazange bangene ngenxa yokungathobeli,+ 7 ngoko ke uphindile emva kwexesha elide kangaka wamisa umhla othile, lowo abhekisela kuwo kwindumiso kaDavide ngokuthi “Namhlanje”; kanye njengoko kutshiwo ngasentla ukuthi: “Namhlanje ukuba niyaliphulaphula ilizwi lakhe,+ musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu.”+ 8 Kuba ukuba uYoshuwa+ wabakhokelela kwindawo yokuphumla,+ uThixo ngengathanga+ kamva wathetha ngomnye umhla. 9 Ngoko abantu bakaThixo+ basasalelwe luphumlo lwesabatha. 10 Kuba umntu ongene ekuphumleni kukaThixo+ naye uphumle kwimisebenzi yakhe,+ kanye njengoko noThixo wenjenjalo kweyakhe.
11 Ngoko ke masenze unako-nako wokungena koko kuphumla, ukuze kungabikho namnye ubuya eyele kwakuloo mzekelo wokungathobeli.+ 12 Kuba ilizwi+ likaThixo liphilile,+ linamandla+ yaye libukhali ngaphezu kwalo naliphi na ikrele elintlangothi-mbini,+ lihlaba lide lahlule umphefumlo+ nomoya,+ kwanamalungu nomongo wawo, yaye liyakwazi ukuphicotha iingcamango notyekelo lwentliziyo.+ 13 Akukho sidalwa singabonakaliyo emehlweni akhe,+ kodwa zonke izinto zize yaye zibhencekile emehlweni alowo simele siphendule kuye.+
14 Ekubeni, ke ngoko, sinombingeleli omkhulu kakhulu odlule kuwo amazulu,+ uYesu uNyana kaThixo,+ masibambelele kuvumo lwethu ngaye.+ 15 Umbingeleli omkhulu esinaye uyavelana+ nobuthathaka bethu, kuba naye wavavanywa ngandlela zonke njengathi, kodwa engenasono.+ 16 Ngoko ke, masisondele+ sinenkululeko yokuthetha+ kwitrone yobubele obungasifanelanga, ukuze sizuze inceba, sifumane ububele obungasifanelanga noncedo ngexesha elifanelekileyo.+