Yohane
17 UYesu wazithetha ezi zinto, waza, ephakamisele amehlo akhe ezulwini,+ wathi: “Bawo, ilixa lifikile; mzukise unyana wakho, ukuze unyana wakho akuzukise,+ 2 kanye njengoko umnike igunya phezu kwenyama yonke,+ ukuze, bonke abo umnike bona,+ abanike ubomi obungunaphakade.+ 3 Oku kuthetha ubomi obungunaphakade,+ ukungenisa kwabo ulwazi+ ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso,+ nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.+ 4 Ndikuzukisile+ emhlabeni, ekubeni ndiwugqibile umsebenzi obundinikile ukuba ndiwenze.+ 5 Ngoko ke wena, Bawo, ndizukise ecaleni kwakho ngozuko endandinalo ecaleni kwakho phambi kokubakho kwehlabathi.+
6 “Ndilibonakalisile igama lakho kubantu ondinike bona bephuma ehlabathini.+ Babengabakho, waza wena wabanika mna, yaye baligcinile ilizwi lakho. 7 Bayazi ngoku ukuba zonke izinto ondinike zona zivela kuwe; 8 ngenxa yokuba amazwi owandinika wona ndiwanike bona,+ yaye baye bawamkela baza ngokuqinisekileyo bazi ukuba ndaphuma njengommeli wakho,+ yaye baye bakholelwa ukuba ndithunywe nguwe.+ 9 Ndicelela bona; andiceleli ihlabathi,+ kodwa abo undinike bona; ngenxa yokuba ngabakho, 10 yaye zonke izinto zam zezakho nezakho zezam,+ kwaye ndiye ndazukiswa phakathi kwabo.
11 “Andisekho sehlabathini, kodwa bona basehlabathini+ yaye mna ndiza kuwe. Bawo Ongcwele, balinde+ ngenxa yegama lakho ondinike lona, ukuze babe banye kanye njengoko sinjalo thina.+ 12 Xa bendinabo bendifudula ndibalinda+ ngenxa yegama lakho ondinike lona; yaye ndiye ndabagcina, akwatshabalala+ namnye kubo ngaphandle konyana wentshabalalo,+ ukuze isibhalo sizaliseke.+ 13 Kodwa ngoku ndiza kuwe, yaye ndithetha ezi zinto ehlabathini ukuze babe novuyo lwam kubo ngokupheleleyo.+ 14 Ndibanikile ilizwi lakho, kodwa ihlabathi liye labathiya,+ ngenxa yokuba abayonxalenye yehlabathi, kanye njengoko nam ndingeyonxalenye yehlabathi.+
15 “Ndiyakucela, kungekhona ukuba ubasuse ehlabathini, kodwa ukuba ubalinde ngenxa yalowo ungendawo.+ 16 Abayonxalenye yehlabathi,+ kanye njengoko nam ndingeyonxalenye yehlabathi.+ 17 Bangcwalise+ ngayo inyaniso; ilizwi lakho+ liyinyaniso.+ 18 Kanye njengoko wandithuma ehlabathini, nam ndibathume kulo ihlabathi.+ 19 Yaye ndiyazingcwalisa mna ngenxa yabo, ukuze nabo bangcwaliswe+ ngayo inyaniso.
20 “Ndenza isicelo, kungekhona ngaba kuphela, kodwa nangabo bakholwayo kum ngelizwi labo;+ 21 ukuze bonke babe banye,+ kanye njengoko wena, Bawo, umanyene nam yaye nam ndimanyene nawe,+ ukuze nabo bamanyane nathi,+ ukuze ihlabathi libe nokukholelwa ukuba ndithunywe nguwe.+ 22 Ndibanikile uzuko owandinika lona, ukuze babe banye kanye njengoko thina sibanye.+ 23 Mna ndimanyene nabo nawe umanyene nam, ukuze bagqityeleliswe ekubeni banye,+ ukuze ihlabathi libe nolwazi lokuba undithumile nokuba ubathandile kanye njengoko wandithandayo mna. 24 Bawo, mayela noko undinike kona, ndinqwenela ukuba, apho ndikhoyo mna, nabo babe kunye nam,+ ukuze balubone uzuko lwam ondinike lona, ngenxa yokuba wandithanda phambi kokusekwa+ kwehlabathi.+ 25 Bawo olilungisa,+ ihlabathi, eneneni, alikwazanga;+ kodwa mna ndikwazile, kwaye nabo bazile ukuba ndithunywe nguwe.+ 26 Ndilazisile igama lakho+ kubo yaye ndiza kulazisa, ukuze uthando owandithanda ngalo lube kubo ndize nam ndimanyane nabo.”+