INdumiso
104 Mbonge uYehova, mphefumlo wam.+
Owu Yehova Thixo wam, ungqineke umkhulu kakhulu.+
Wambethe isidima nobungangamsha,+
2 Ozisongela ngokukhanya ngokungathi sisambatho,+
Owolula amazulu njengelaphu lentente,+
3 Lowo wakha amagumbi akhe aphezulu ngemiqadi emanzini,+
Owenza amafu abe yinqwelo yakhe,+
Ohamba ngamaphiko omoya,+
4 Owenza iingelosi zakhe zibe ngoomoya,+
Abalungiseleli bakhe babe ngumlilo oqwengayo.+
5 Useke umhlaba phezu kweendawo omiswe kuzo;+
Awuyi kushukunyiswa ukusa kwixesha elingenammiselo, okanye nangonaphakade.+
7 Asaba ngokukhalinyelwa nguwe;+
Ngesandi sendudumo yakho abaleka ngokuphakuzela—
Amathafa asentlanjeni ehla—
Aya kuloo ndawo uwasekele yona.
12 Kuhlala phezu kwayo izidalwa eziphaphazelayo zamazulu;+
Ziqhubeka zivakalisa isandi sazo phakathi kwamahlamvu ashinyeneyo.+
14 Uhlumisela izilo ingca eluhlaza,+
Notyani ukuze kuncedwe uluntu,+
Ukuba kuphume ukutya emhlabeni,+
15 Newayini eyenza intliziyo yomntu ofayo ibe nemihlali,+
Ukukhazimlisa ubuso ngeoli,+
Nesonka sokuxhasa intliziyo yomntu ofayo.+
16 Imithi kaYehova iyanela,
Imisedare yaseLebhanon ayityalileyo,+
17 Apho iintaka zizenzela khona iindlwane.+
Yona ke ingwamza, indlu yayo isemithini yejunipha.+
24 Hayi indlela emininzi ngayo imisebenzi yakho, Yehova!+
Yonke uyenze ngobulumko.+
Uzele umhlaba yimveliso yakho.+
25 Lona ke olu lwandle lukhulu yaye lubanzi,+
Apho kukho izinto ezinambuzelayo ezingenakubalwa,+
Izidalwa eziphilayo, ezincinane kwakunye nezikhulu.+
29 Ukuba uyabufihla ubuso bakho, ziyaphazamiseka.+
Ukuba uyawususa umoya wazo, ziyabhubha,+
Zibuyele eluthulini lwazo.+
31 Uzuko lukaYehova luya kubakho ukusa kwixesha elingenammiselo.+
UYehova uya kuba nemihlali ngemisebenzi yakhe.+