Mateyu
16 Kweza kuye abaFarisi+ nabaSadusi baza, bemhenda, bamcela ukuba ababonise umqondiso ovela ezulwini.+ 2 Ekuphenduleni wathi kubo: “[[Xa kusihlwa niqhele ukuthi, ‘Imozulu iza kuba ntle, kuba isibhakabhaka sibomvu okomlilo’; 3 yaye kusasa nithi, ‘Iza kuba yimozulu yobusika, enemvula namhlanje, kuba isibhakabhaka sibomvu okomlilo, kodwa lisibekele.’ Niyakwazi ukutolika imbonakalo yesibhakabhaka, kodwa imiqondiso yamaxesha aninako ukuyitolika.]]+ 4 Isizukulwana esingendawo nesikrexezayo sihlala sifuna umqondiso, kodwa asiyi kunikwa+ mqondiso ngaphandle komqondiso kaYona.”+ Wabashiya ke, wemka.+
5 Abafundi bawelela ngaphesheya, balibala ukuthabatha izonka.+ 6 UYesu wathi kubo: “Amehlo enu mawahlale evulekile nize niliphaphele igwele labaFarisi nabaSadusi.”+ 7 Ngoko baqiqa ngelithi: “Utsho kuba singathabathanga zonka.” 8 Ekwazi oku, uYesu wathi: “Kutheni niqiqa ngolu hlobo, ngenxa yokuba ningenazo izonka, nina nilukholo luncinane?+ 9 Anikayifumani na ingongoma, okanye anizikhumbuli na izonka ezihlanu kwimeko yabangamawaka amahlanu nokuba zingaphi iingobozi enazithabathayo?+ 10 Okanye izonka ezisixhenxe kwimeko yabangamawaka amane nokuba zingaphi iingobozi zomphako enazithabathayo?+ 11 Kwenzeka njani ukuba ningaqondi ukuba bendingathethi ngazonka kuni? Kodwa phaphelani igwele labaFarisi nabaSadusi.”+ 12 Bandula ke bacacelwa ukuba wayesithi mabaphaphele, kungekhona igwele lezonka, kodwa imfundiso+ yabaFarisi nabaSadusi.
13 Ke kaloku akuba uYesu efikile kwimimandla yaseKesareya Filipi, wababuza abafundi bakhe wathi: “Abantu bathi ungubani uNyana womntu?”+ 14 Bathi: “Bambi bathi nguYohane umBhaptizi,+ abanye bathi nguEliya,+ ukanti abanye bathi nguYeremiya okanye ngomnye wabaprofeti.” 15 Wathi kubo: “Ke nina nithi ndingubani na?”+ 16 Ekuphenduleni uSimon Petros wathi: “UnguKRISTU,+ uNyana woThixo ophilayo.”+ 17 Waphendula uYesu wathi kuye: “Unoyolo, Simon nyana kaYona, kuba oku akukutyhilelwanga yinyama negazi, kodwa nguBawo osemazulwini.+ 18 Ngoko ndithi kuwe, UnguPetros+ wena, yaye ndiza kulakhela phezu kolu lwalwa+ ibandla lam, namasango eHadesi+ akayi kulongamela.+ 19 Ndiza kukunika izitshixo zobukumkani bamazulu, kuze kuthi nakuphi na okubopha emhlabeni kubotshwe nasemazulwini, kuthi nakuphi na okukhululayo emhlabeni kukhululwe nasemazulwini.”+ 20 Wandula ke wabayala kabukhali abafundi ukuba bangatsho nakubani na ukuba unguKristu.+
21 Ukususela ngelo xesha kuse phambili uYesu Kristu wababonisa abafundi bakhe ukuba umele aye eYerusalem, afumane imbandezelo kumadoda amakhulu nakubabingeleli abaziintloko nababhali, abulawe, aze avuswe ngomhla wesithathu.+ 22 Ngako oku uPetros wamthabathela bucala waza wamkhalimela, esithi: “Yiba nobubele kuwe, Nkosi; akuyi kuba nesi siphelo konke konke.”+ 23 Kodwa, emnikela umva, wathi kuPetros: “Suka uye emva kwam, Sathana!+ Usisikhubekiso kum, ngenxa yokuba ucinga, kungekhona iingcamango zikaThixo,+ kodwa ezabantu.”
24 Wandula ke uYesu wathi kubafundi bakhe: “Ukuba nabani na ufuna ukundilandela, makazincame, athabathe isibonda sakhe sentuthumbo aze aqhubeke+ endilandela. 25 Kuba nabani na ofuna ukuwusindisa umphefumlo wakhe uya kulahlekelwa nguwo; kodwa nabani na olahlekelwa ngumphefumlo wakhe ngenxa yam uya kuwufumana.+ 26 Kuba koba nayiphi na ingenelo ngomntu ukuzuza ihlabathi liphela kodwa aphulukane nomphefumlo wakhe?+ okanye anganikela ngantoni na umntu esikhundleni+ somphefumlo wakhe? 27 Kuba uNyana womntu umiselwe ukuba eze esebuqaqawulini bukaYise eneengelosi zakhe, abuyekeze ngamnye ngokokuziphatha kwakhe.+ 28 Inene ndithi kuni kukho abathile kwabo bemi apha abangayi kungcamla kufa konke konke de kuqala bambone uNyana womntu esiza esebukumkanini bakhe.”+