1 Korinte
1 UPawulos, obiziweyo ukuba abe ngumpostile+ kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo,+ noSosithene+ umzalwana wethu 2 ubhalela ibandla likaThixo eliseKorinte,+ nina bangcwalisiweyo+ ngokumanyene noKristu Yesu, nibiziweyo ukuba nibe ngabo bangcwele,+ ndawonye nabo bonke abo kuyo yonk’ indawo babiza egameni+ leNkosi yethu, uYesu Kristu, iNkosi yabo neyethu:+
3 Ngamana ningaba nobubele obungasifanelanga+ noxolo+ oluvela kuThixo uBawo wethu neNkosi uYesu Kristu.+
4 Ndisoloko ndimbulela uThixo ngani ngenxa yobubele obungasifanelanga+ bukaThixo obanikwa nina kuKristu Yesu;+ 5 ngokuba kuyo yonk’ into niye natyetyiswa+ kuye, emandleni apheleleyo okuthetha nakulwazi olupheleleyo,+ 6 kwananjengoko ubungqina obungoKRISTU+ buye baqiniswa phakathi kwenu, 7 kangangokuba anisileli nakwisiphi na isiphiwo+ konke konke, ngoxa nilinde ngentumekelelo ukutyhileka+ kweNkosi yethu uYesu Kristu. 8 Kanjalo iya kuniqinisa+ kuse esiphelweni, ukuze ningabi nakumangaleleka+ ngemini+ yeNkosi yethu uYesu Kristu.+ 9 Uthembekile+ uThixo, enathi ngaye nabizelwa kuko ukwabelana+ noNyana wakhe uYesu Kristu iNkosi yethu.
10 Ke kaloku ndiyanibongoza,+ bazalwana, ngegama+ leNkosi yethu uYesu Kristu ukuba nonke nithethe ngokuvumelanayo,+ nokuba kungabikho kwahlukana+ phakathi kwenu, kodwa nimanyane engqondweni enye nasengcamangweni enye.+ 11 Kuba kuye kwatyhilwa+ kum ngani, bazalwana bam, ngabo bendlu kaKlowe, ukuba kukho iingxwabangxwaba phakathi kwenu. 12 Ndibhekisela kwinto yokuba, ngamnye wenu esithi: “Mna ndingokaPawulos,” “Kodwa mna ndingoka-Apolo,”+ “Kodwa mna ndingokaKefas,” “Kodwa mna ndingokaKristu.” 13 UKRISTU wahlulelene.+ Akuzange kubethelelwe Pawulos ngenxa yenu, andibi kunjalo? Okanye nabhaptizelwa+ egameni likaPawulos na? 14 Ndinombulelo kuba ndingazange ndibhaptize namnye kuni ngaphandle kukaKrispo+ noGayo,+ 15 khon’ ukuze kungabikho namnye othi nabhaptizelwa egameni lam. 16 Ndabhaptiza nendlu kaStefana.+ Ngaphandle kwabo ke, andazi mntu wumbi ndambhaptizayo. 17 Kuba uKristu wandithuma,+ kungekhona ukuhamba ndibhaptiza, kodwa ukuhamba ndivakalisa iindaba ezilungileyo, kungengabulumko bantetho,+ ukuze isibonda sentuthumbo sikaKRISTU singenziwa singabi namsebenzi.
18 Kuba intetho engesibonda sentuthumbo ibubudenge+ kwabo batshabalalayo,+ kodwa kuthi basindiswayo+ ingamandla kaThixo.+ 19 Kuba kubhaliwe kwathiwa: “Ndiza kubutshitshisa ubulumko babantu abazizilumko,+ ndiyiphuthise+ nengcinga yabantu abaziingqondi.”+ 20 Uphi na umntu osisilumko? Uphi na umbhali?+ Uphi na umphikisi+ wale nkqubo yezinto?+ UThixo akabenzanga baba bubudenge na ubulumko behlabathi?+ 21 Kuba ekubeni, ebulumkweni bukaThixo, ihlabathi ngobulumko balo+ lithe alamazi uThixo,+ uThixo wabona kulungile ukuba ngobudenge+ boku kushunyayelwayo asindise abo bakholwayo.
22 Kuba amaYuda acela imiqondiso+ namaGrike afuna ubulumko;+ 23 kodwa thina sishumayela uKristu ebethelelwe,+ nto leyo esisikhubekiso+ kumaYuda nebubudenge kwiintlanga;+ 24 noko ke, kwabo bangababiziweyo, amaYuda namaGrike, sishumayela uKristu ongamandla+ kaThixo nobulumko+ bukaThixo. 25 Ngenxa yokuba into ebubudenge kaThixo inobulumko kunabantu, yaye into ebuthathaka kaThixo yomelele kunabantu.+
26 Kuba niyakubona ukunibiza kwakhe, bazalwana, ukuba ababaninzi ababizwa+ bezizilumko+ ngokwenyama, ababaninzi abanamandla,+ ababaninzi abazizidwangube; 27 kodwa uThixo wanyula izinto ezibubudenge zehlabathi,+ ukuze abahlazise abantu abazizilumko; yaye uThixo wanyula izinto ezibuthathaka zehlabathi, ukuze azihlazise izinto ezomeleleyo;+ 28 yaye uThixo wanyula izinto ezingabekekileyo zehlabathi nezinto ezijongelwa phantsi, izinto ezingekhoyo,+ ukuze azitshitshise+ izinto ezikhoyo, 29 ukuze kungabikho nyama iqhayisayo+ emehlweni kaThixo. 30 Kodwa kungenxa yakhe enithe namanyana noKristu Yesu, lowo kuthi uye waba bubulumko+ obuvela kuThixo, kwanobulungisa+ nobungcwalisa+ nokukhululwa ngentlawulelo;+ 31 ukuze kube njengoko kanye kubhaliwe kwathiwa: “Lowo uqhayisayo, makaqhayise ngoYehova.”+