Yobhi
11 Waza waphendula uTsofare umNahama+ wathi:
2 “Ngaba amazwi amaninzi akayi kuphendulwa,
Okanye ngaba umqhayisi uya kuba ngolungileyo?
3 Ngaba intetho yakho elilize iya kuwavala umlomo amadoda,
Yaye ngaba uya kuqhubeka ugculela kungekho ukukhalimelayo?+
4 Kwakhona, uthi, ‘Ukuyalela kwam+ kusulungekile,
Yaye nam ndizingqine ndihlambulukile+ emehlweni akho.’
6 Ubeya kwandula akuxelele iimfihlelo zobulumko,
Kuba izinto zobulumko bobuqili ziphindwe kaninzi.
Kwakhona, ubuya kwazi ukuba uThixo uzivumela zilityalwe ezinye zeziphoso zakho.+
8 Siphakame ngakumbi kunezulu. Yintoni onokuyifeza?
Sinzulu ngakumbi kuneShiyol.+ Yintoni na onokuyazi?
9 Side kunomhlaba xa silinganiswa,
Sibanzi kunolwandle.
10 Ukuba uyadlula anikele umntu othile
Abize inkundla, ngoko ngubani na onokumxhathisa?
11 Kuba yena uwazi kakuhle amadoda angenanyaniso.+
Xa ebona okwenzakalisayo, ngaba akayi kuzibonakalisa enikela ingqalelo?
12 Kwanendoda esisiphukuphuku iya kufumana intshukumisa elungileyo
Kamsinya lakuba iqwarhashe elifana ne-esile lizelwe lingumntu.
13 Ukuba unokuyilungisa ngokwenene intliziyo yakho
Uze uzolulele kuye ngokwenene izandla zakho,+
14 Ukuba kukho okwenzakalisayo esandleni sakho, kushenxisele kude,
Uze ungavumeli intswela-bulungisa ihlale ezintenteni zakho.
15 Kuba ngoko uya kubuphakamisa ubuso bakho ungenasiphene+
Yaye ngokuqinisekileyo uya kumiselwa, ibe akuyi koyika.
16 Kuba wena—wena uya kuyilibala inkathazo;
Uyikhumbule njengamanzi adlulileyo.
17 Yaye ubude bobomi bakho+ buya kuvela buqaqambe ngaphezu kwasemini emaqanda;
Ubumnyama buya kufana nentsasa.+