22 Ekugqibeleni uThixo wamkhumbula uRakeli, wamva waza wamphendula ngokumenza akwazi ukukhulelwa.+ 23 Wamitha wazala unyana. URakeli wathi: “UThixo ukuphelisile ukwenziwa kwam intlekisa!”+ 24 Ngoko wamthiya igama elinguYosefu,+ esithi: “UYehova undinike omnye unyana.”