IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Duteronomi 15:7, 8
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 7 “Ukuba omnye wabantakwenu uba lihlwempu kwesinye sezixeko zenu kwilizwe akunika lona uYehova uThixo wenu, uze ungayenzi lukhuni intliziyo yakho okanye ube ligqolo kumntakwenu olihlwempu.+ 8 Uze ube nobubele kakhulu kuye,+ umboleke nantoni na ayidingayo.

  • INdumiso 41:1
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 41 Wonwabile nabani na olicingelayo ihlwempu;+

      UYehova uza kumsindisa ngemini yentlekele.

  • IMizekeliso 19:17
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 17 Umntu omphatha kakuhle osweleyo uboleka uYehova,+

      Ibe uza kumhlawula* ngaloo nto.+

  • Luka 6:34, 35
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 34 Ukuba ubolekisa kwabo ulindele ukuba bakubhatale, inceda ngantoni loo nto?+ Naboni baboleka aboni, kuba belindele ukubhatalwa. 35 Kodwa ke nina, qhubekani nizithanda iintshaba zenu, nisenza izinto ezintle, nibolekise ningalindelanga kufumana nto;+ niza kuvuzwa kakhulu, nize nibe ngoonyana Boyena Uphakamileyo, kuba yena unobubele kwabo bangenambulelo nabenzi-bubi.+

  • IZenzo 20:35
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 35 Ndiye ndanibonisa ngandlela zonke ukuba nimele nisebenze nzima+ ukuze nincede abo badinga uncedo, yaye nimele nihlale niwakhumbula amazwi eNkosi uYesu athi: ‘Kuvuyisa kakhulu ukupha+ kunokuphiwa.’”

  • Hebhere 13:16
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 16 Ngaphezu koko, sanukulibala ukwenza into elungileyo nokubapha izinto eninazo abanye,+ kuba uThixo uyayithanda imibingelelo enjalo.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share