-
Marko 13:28-31IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
28 “Fundani isifundo kumthi wamafiya:* Xa ethamba amasetyana alo mthi, kuphume namagqabi, niyazi ukuba ihlobo likufutshane.+ 29 Nani ke, xa nibona ezi zinto, ze nazi ukuba uNyana womntu sele esemnyango.+ 30 Ndiyaniqinisekisa ukuba, soze sidlule esi sizukulwana zingenzekanga zonke ezi zinto.+ 31 Liza kudlula izulu nomhlaba,+ kodwa wona amazwi am soze adlule.+
-
-
Luka 21:29-33IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
29 Emva koko, uYesu wabenzela lo mzekelo: “Khanicinge ngomthi wamafiya* nangeminye imithi.+ 30 Xa niyibona imila amathupha, niye nazi ukuba ihlobo likufutshane. 31 Nani ke, xa nibona ezi zinto, ze nazi ukuba uBukumkani bukaThixo busondele. 32 Ndiyaniqinisekisa ukuba, soze sidlule esi sizukulwana zingenzekanga zonke ezi zinto.+ 33 Liza kudlula izulu nomhlaba, kodwa wona amazwi am soze adlule.+
-