Isaya
16 Thumelani inkunzi yegusha kumlawuli welizwe,
Isuke eSela idlule entlango,
Iyokufika entabeni yentombi yaseZiyon.
3 “Cebisa, yenza isigqibo.
Emini emaqanda, khusela ngesithunzi sakho esimnyama okobusuku.
Fihla abasasazekileyo uze ungabangcatshi abo babalekileyo.
4 Akwaba abasasazekileyo bangahlala kuwe Mowabhi.
Yiba yindawo yabo yokuzifihla kumtshabalalisi.+
Umcinezeli uza kufikelwa sisiphelo,
Nabo baxhaphaza abanye baza kutshabalala.
5 Emva koko, itrone iza kumiselwa ngothando olungagungqiyo.
Kuza kuhlala kuyo umlawuli onenyaniso wentente kaDavide;+
Uza kugweba ngaphandle kwekhethe, yaye uza kubuzisa ngokukhawuleza ubulungisa.”+
6 Sivile ngekratshi likaMowabhi, unekratshi eligqithiseleyo,+
Sivile ngokuziphakamisa kwakhe, ikratshi lakhe nomsindo anawo;+
Kodwa intetho yakhe engavakaliyo iza kuphelela emoyeni.
Abo babethiweyo baza kuncwinela izonka zeerasintyisi zaseKire-hareseti.+
8 Kuba amasimi aseHeshbon+ abunile,
Namasimi eediliya aseSibhema.+
Abalawuli beentlanga bawaxovule amasebe ayokozela ziidiliya ezibomvu.
Bafikelele naseYazere,+
Banwenwela nasentlango.
Amahlumelo awo anwenwe ade ayokufika naselwandle.
9 Yiloo nto ndiza kuyililela intsimi yeediliya yaseSibhema ngendlela endayililela ngayo eyaseYazere.
Ndiza kukumanzisa ngeenyembezi zam, wena Heshbhon nawe Eleyale,+
Kuba kuphelile ukukhalela kwakho isivuno seziqhamo zehlobo.*
10 Uvuyo nolonwabo zisusiwe emyezweni,
Iingoma zokonwaba azisaculwa, ibe akusakhwazwa nokukhwazwa kumasimi eediliya.+
Umxovuli akasakwazi nokuxovula iwayini,
Kuba ndikuyekisile ukukhwaza.+
11 Yiloo nto ndingcangcazela ngaphakathi, ngenxa kaMowabhi,+
Njengokungcangcazela komrhubhe,
Ndiyangcangcazela ngaphakathi, ngenxa yeKire-hareseti.+
12 Naxa uMowabhi ezidinisa kwindawo ephakamileyo, esiya kuthandaza kwiindawo zakhe ezingcwele, akukho kwanto aza kuyifeza.+
13 Nantso ke into uYehova awayeyithethile ngoMowabhi. 14 Uthi ngoku uYehova: “Kwiminyaka nje emithathu, iminyaka efana neyomqeshwa,* ihlazo likaMowabhi liza kubonakala ngokuba kubekho umbhodamo, nabo bashiyekileyo baza kuba mbalwa kakhulu, ibe abazukuba namandla.”+