Isaya
17 Nantsi indlela eza kugwetywa ngayo iDamasko:+
“Jonga! IDamasko iza kuyeka ukuba sisixeko,
Ize ibe yimfumba nje yamabhodlo.+
2 Izixeko zaseArohere+ ziza kushiywa apho.
Ziza kuba ziindawo zokulala imihlambi,
Kungabikho mntu uyoyikisayo.
3 Izixeko ezikhuselekileyo ziza kunyamalala kwaEfrayim,+
Nobukhosi bumke eDamasko;+
Nabashiyekileyo eSiriya
Baza kuba njengozuko lwamaSirayeli,”* utsho uYehova wemikhosi.
5 Kuza kuba njengaxa umntu evuna,
Nengalo yakhe iqokelela izikhwebu,
6 Kuza kushiyeka amagaqana nje ambalwa,
Njengaxa umthi womnquma uvuthululwe:
Kumasebe aphezulu kuza kushiyeka nje amagaqa avuthiweyo amabini okanye amathathu,
Abe mane okanye abe mahlanu kumasebe athwala isiqhamo,”+ utsho uYehova uThixo kaSirayeli.
7 Ngaloo mini umntu uza kujonga phezulu kuMenzi wakhe, namehlo akhe ajonge kuLowo Ungcwele kaSirayeli. 8 Akazukujonga kwizibingelelo,+ zinto ezo zenziwe zizandla zakhe;+ engazukujonga kwizinto ezenziwe yiminwe yakhe, nokuba zizibonda ezingcwele* okanye ziindawo zokubeka isiqhumiso esiqholiweyo.
9 Ngaloo mini izixeko zakhe ezikhuselekileyo ziza kuba njengamabhodlo asehlathini,+
Zibe njengesebe elishiywe phambi kwamaSirayeli;
Zingahlali bantu.
Yiloo nto ulima iigadi ezintle,
Utyala nesithole somntu wasemzini.*
11 Emini uyibiyela kakuhle igadi yakho,
Kusasa uhlumisa imbewu yakho,
Kodwa isivuno siza kunyamalala xa ugula kakhulu, unentlungu enganyangekiyo.+
12 Khawuve! Nantso ingxolo yezizwana ezininzi,
Zigquma okweelwandle!
Kukho ingxolo yeentlanga,
Ezingxola okwamanzi anamandla!
13 Iintlanga ziza kwenza ingxolo njengamanzi agqumayo.
Uza kuzikhalimela, yaye ziza kubalekela kude,
Zivuthululwe oku komququ osezintabeni uvuthululwa ngumoya,
Njengekhaka-khaka* kwisaqhwithi somoya.
14 Ngokuhlwa kuza kwehla intlekele.
Kuthi kusisa zibe zingasekho.
Nantso ke into eza kwehlela abo basoxuthela izinto,
Neqashiso labo basirhwaphilizayo.