IiNdumiso
IMaskili.* EkaDavide, xa wayesemqolombeni.+ Umthandazo.
142 Ngelizwi lam ndibiza uYehova ndicela uncedo;+
Ngelizwi lam ndicenga uYehova ukuba andenzele ububele.
Emva koko ugada indlela yam.+
Kwindlela endihamba kuyo
Babeka isibatha.
5 Ndibiza wena, owu Yehova, ndicela undincede.
6 Ndihoye njengokuba ndikhalela uncedo,
Kuba ndithotywe ngendlela engathethekiyo.
Ndisindise kwabo banditshutshisayo,+
Kuba banamandla kunam.
7 Ndikhuphe ejele
Ukuze ndilidumise igama lakho.
Mandijikelezwe ngamalungisa
Kuba uyandithantamisa.