Isaya
27 Ngaloo mini uYehova, ngekrele lakhe elibukhali, elikhulu nelomeleleyo,+
Uza kuhlasela iLeviyatan,* inyoka enyebelezayo,
Uza kuhlasela iLeviyatan, inyoka ezibhijelayo,
Ibe uza kusibulala esi silwanyana sikhulu saselwandle.
2 Ngaloo mini, yiculeleni ingoma ethi:*
“Intsimi yeediliya zewayini ebilayo!+
Mzuzu ngamnye ndiyayinkcenkceshela.+
Imini nobusuku ndiyayikhusela,
Ukuze kungabikho mntu uyonakalisayo.+
4 Andinamsindo.+ Ukuba umntu ubeka amatyholo anameva nokhula phambi kwam
Ndiza kuwaxusha ndize ndiwaphose emlilweni,
Ndiza kulwa naye loo mntu.
5 Ngoko makabalekele kwikhusi lam.
Makacele uxolo kum;
Makazokucela uxolo apha kum.”
6 Kwimihla ezayo uYakobi uza kuntshula,
USirayeli uza kutyatyamba ahlume,+
Yaye uza kwenza umhlaba ugcwale imveliso.+
7 Ngaba kufuneka ade abethwe ngendlela abethwe ngayo ngulowo umbethayo?
Okanye ngaba kufuneka ade abulawe ngendlela ababulewe ngayo abantu bakhe?
8 Ngesikhalo esoyikisayo uza kumgxotha usilwa naye.
Uza kumgxotha unomsindo, njengemini yomoya wasempuma.+
9 Nantso ke indlela esiza kuhlawulelwa ngayo isono sikaYakobi,+
Yaye ezi iza kuba ziziqhamo zokususwa kwesono sakhe:
Uza kwenza amatye okwenza isibingelelo
Abe njengamatye ekalika acoliweyo,
Akuzukubakho zibonda zingcwele* okanye zindawo zakubeka isiqhumiso esiqholiweyo ziza kusala.+
Ithole lenkomo liza kudla apho, lilale khona;
Liza kudla amasebe eso sixeko.+
Kuba esi sizwana asifuni kucinga.+
Yiloo nto uMenzi waso engazukuba nanceba kuso,
NoMyili waso engazukusisizela.+
12 Ngaloo mini uYehova uza kuzivuthulula iziqhamo ukususela eMlanjeni ukuya kwiNtlambo YaseYiputa,+ yaye nina bantu bakwaSirayeli niza kuchola-cholwa.+ 13 Ngaloo mini kuza kuvuthelwa uphondo,+ yaye abo batshabalalayo elizweni laseAsiriya+ nabo bathe saa kwilizwe laseYiputa+ baza kubuya baze baqubude kuYehova, entabeni engcwele eseYerusalem.+