IiNdumiso
ל [Lamed]
10 Kutheni Yehova, umele kude?
Kutheni uzifihla ngamaxesha enkxwaleko?+
2 Eqhutywa likratshi, umenzi-bubi uleqa umntu ongenakuzinceda,+
Kodwa uza kurhintyelwa ngamaqhinga akhe.+
3 Kuba umenzi-bubi uqhayisa ngeminqweno yakhe,+
Aze asikelele umntu onyolukileyo;*
נ [Nun]
Uyamdelela uYehova.
5 Iindlela zakhe zihlala ziphumelela,+
Kodwa akanakuziqonda izigwebo zakho;+
Uyazigezela* zonke iintshaba zakhe.
פ [Pe]
7 Emlonyeni wakhe kuphuma iziqalekiso, ubuxoki nezisongelo;+
Ulwimi lwakhe luthetha izinto ezikhathazayo nezenzakalisayo.+
ע [Ayin]
Amehlo akhe agade umntu oselishweni.+
9 Ulalela endaweni yakhe yokuzimela okwengonyama esikhundleni sayo.*+
Uyalalela ukuze amthi hlasi ongenakuzinceda.
Uyamrhintyela ongenakuzinceda ngokuwutsala uvaleke umnatha wakhe.+
11 Uthi entliziyweni yakhe: “UThixo ulibele.+
Ubufihlile ubuso bakhe.
Akukho nto ayiqaphelayo.”+
ק [Qoph]
12 Phakama Yehova. Owu yhini Thixo,+ siphakamise isandla sakho.+
Sukubalibala abo bangenakuzinceda.+
13 Kutheni umenzi-bubi emdelela nje uThixo?
Uthi entliziyweni yakhe: “Soze undiphendulise.”
ר [Resh]
14 Kodwa wena uyazibona iinkathazo neentlungu.
Uyajonga uze wenze into ngaloo nto.+
ש [Shin]
15 Maphule ingalo umntu ongumenzi-bubi nokhohlakeleyo,+
Ukuze xa ubukhangela ububi abenzayo,
Ungabufumani ndawo.
16 UYehova nguKumkani ngonaphakade kanaphakade.+
Iintlanga zitshabalele emhlabeni.+
ת [Taw]