IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g93 9/8 iphe. 9-11
  • Xa Zonke Iintlanga Zihlelisene Ngoxolo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Xa Zonke Iintlanga Zihlelisene Ngoxolo
  • Vukani!—1993
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ubungqina Benzululwazi
  • Isizathu Sokuba Kubekho Ingxaki
  • Ukupheliswa Kwekhethe Lobuhlanga
  • Kuthekani Ngekratshi Lobuhlanga?
    Vukani!—1998
  • Ubuhlanga
    Vukani!—2014
  • Ithini IBhayibhile Ngokutshatana Kwabantu Beentlanga Ezahlukeneyo?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Ubuzalwana Bazwenibanzi Buyinto Eqinisekileyo!
    Vukani!—1990
Khangela Okunye
Vukani!—1993
g93 9/8 iphe. 9-11

Xa Zonke Iintlanga Zihlelisene Ngoxolo

UTHIXO “wazenza ngagazi-nye zonke iintlanga zabantu, ukuba zime phezu kwawo wonke umhlaba.” (IZenzo 17:26) Leyo yingxelo elula ephuma eBhayibhileni ngokubhekisele kwimvelaphi yentsapho engabantu.

Ithetha ukuba bonke abantu, kungakhathaliseki apho bahlala khona okanye iimpawu zobuntu abanazo, baphuma kumnombo omnye. Ikwathetha ukuba phezu kwako nje konke ukungafani okubonakalayo, “zonke iintlanga zabantu” ziyafana ngamandla nobukrelekrele. Ewe, emehlweni kaThixo, abantu bazo zonke iintlanga okanye izizwe bayalingana.—IZenzo 10:34, 35.

Ukuba imbono yeBhayibhile ichanile, kukho ithemba lokuba lonke ikhethe nokungabikho kokusesikweni okubangelwa kukungafani kweentlanga kunokupheliswa. Ngokubhekele phaya, ukuba iBhayibhile ichanile ngokuphathelele imvelaphi yentsapho engabantu, ngoko ngokusengqiqweni le ncwadi inokusinika inkcazelo etyhila indlela uhlanga loluntu olunokuhlalisana ngayo ngoxolo.

Ngoko, zibonisa ntoni izibakala? Ngaba ingxelo yeBhayibhile ngokuphathelele imvelaphi yabantu iyaxhaswa yinzululwazi?

Ubungqina Benzululwazi

Impapasho ethi The Races of Mankind, ebhalwe ziingcali ngemvelaphi yeentlanga zabantu uR. Benedict noG. Weltfish, ithi: “Ibali leBhayibhile elingoAdam noEva, uyise nonina balo lonke uhlanga loluntu, layibalisa kwiinkulungwane ezadlulayo inyaniso efanayo neboniswe yinzululwazi namhlanje: le yokuba zonke izizwe zomhlaba ziyintsapho enye yaye zinemvelaphi efanayo.” Aba babhali bakwathi “ukuntsonkotha komzimba womntu . . . akunakwenzeka ukuba ‘yinto eyasuka yazenzekela’ ukuba kufane kubo bonke abantu ukuba babengenamvelaphi inye.”

Iphecana elithi Race and Biology, elibhalwe nguL. C. Dunn, unjingalwazi wenzululwazi yezilwanyana kwiYunivesithi yaseColumbia, lithi: “Ngokucacileyo bonke abantu ngabohlobo olunye, ekubeni beneempawu ezisisiseko ezifanayo. Amalungu azo zonke iintlanga asenokutshatana njengoko eneneni esenza.” Landula lihlabele mgama lichaze lithi: “Kanti wonke umntu ubalasele yaye wahlukile ngezinto ezimbalwa komnye umntu. Oku ngokuyinxenye kubangelwa ziimekobume ezahlukahlukeneyo abantu abahlala kuzo nemizila yemfuza eyahlukahlukeneyo abayizuze ilifa.”

Ubungqina benzululwazi bucacile. Ngokwebhayoloji, ayikho into yokuba kukho uhlanga oluphakamileyo okanye oluphantsi, kukho uhlanga olusulungekileyo okanye olungcolileyo. Iimpawu ezifana nebala lolusu, iinwele, okanye amehlo kabani—zinto ezo abanye abasenokuzigqala njengezinto ezibalulekileyo ngokubhekisele kubuhlanga—aziyombonakaliso yobukrelekrele okanye ubuchule bukabani. Kunoko, zingumzila wemfuza ezuzw’ ilifa.

Eneneni, umahluko phakathi kweentlanga mncinane, njengoko uHampton L. Carson ebhala oku kwiHeredity and Human Life: “Into engadibaniyo esijongene nayo yeyokuba qela ngalinye labantu libonakala lahlukile ngaphandle kanti ngaphantsi kulo mahluko kukho ukufana okusisiseko.”

Ukuba ngokwenene bonke abantu babumba intsapho enye, ngoko kutheni kukho iingxaki ezimbi kangaka zobuhlanga?

Isizathu Sokuba Kubekho Ingxaki

Isizathu esisisiseko sokuba kubekho ubuhlanga sisiqalo esibi abantu abangabazali bokuqala abasinika inzala yabo. UAdam noEva bamvukela ngabom uThixo yaye ngaloo ndlela baba ngabantu abangafezekanga, abanesiphene. Ngokomphumo, ukungafezeki kuka-Adam—ukutyekela ebubini—wakudlulisela kwinzala yakhe. (Roma 5:12) Ngoko ukususela ekuzalweni, bonke abantu banotyekelo lokuzingca nekratshi, oluye lwakhokelela kwiimbambano neziphithiphithi zobuhlanga.

Kukho esinye isizathu esibangela kubekho ubuhlanga. Xa uAdam noEva bazikhuphayo kulawulo lukaThixo, baba phantsi kolawulo lwesidalwa sokomoya esingendawo iBhayibhile esibiza ngokuba nguSathana, okanye uMtyholi. Phantsi kwempembelelo yakhe, lowo “ulilahlekisayo elimiweyo liphela,” ngokufuthi kuye kwenziwa imigudu yangabom yokuqhatha abantu kumbandela wobuhlanga. (ISityhilelo 12:9; 2 Korinte 4:4) Iethnocentrism—ingcamango yokuba iqela likabani longamile—iye yanda okomlilo wedobo, yaye ziqonda okanye zingaqondi, izigidi ziye zaphenjelelwa ngokunzulu, yaye imiphumo iye yamibi kakhulu.

Ngeliphandle, abantu abazingcayo nabangafezekanga, abalawulwa nguSathana baye basasaza iimfundiso zobuxoki ngobuhlanga eziye zangoonobangela beengxaki zobuhlanga.

Ngoko ke, ukuze uhlanga loluntu lumanyane, sonke simele sikholelwe ukuba ngokwenene siyintsapho enye engabantu yaye uThixo wazenza “ngagazi-nye zonke iintlanga zabantu, ukuba zime phezu kwawo wonke umhlaba.” (IZenzo 17:26) Ngaphezu koko, ukuze zonke iintlanga zihlale kunye ngoxolo, impembelelo kaSathana imele ipheliswe kwimicimbi yabantu. Ngaba ezi zinto ziya kuze zenzeke? Ngaba sikho isizinzi sokukholelwa ukuba ziya kwenzeka?

Ukupheliswa Kwekhethe Lobuhlanga

UYesu Kristu watyhila indlela ikhethe lobuhlanga elalinokupheliswa ngayo xa wayalela abalandeli bakhe ukuba ‘bathandane’ njengoko naye wabathandayo. (Yohane 13:34, 35) Olu thando lwalungayi kuba lolwamalungu ohlanga okanye iintlanga ezithile kuphela. Akunjalo konke konke! Omnye wabafundi bakhe wakhuthaza oku, “Thandani isizalwana.”—1 Petros 2:17.

Olu thando lobuKristu luboniswa njani? IBhayibhile iyachaza xa ibongoza isenjenje: “Mayela nembeko leyo, phangelanani.” (Roma 12:10) Cinga ukuba kunokubanjani xa oko kusenziwa! Ngamnye uphatha abanye, kungakhathaliseki ubuhlanga okanye ubuzwe, ngesidima nangentlonelo yokwenene, engabajongeli phantsi, kodwa eneneni ‘ebajonga njengabongamileyo.’ (Filipi 2:3) Xa loo moya wothando lokwenene lobuKristu ukho, ingxaki yekhethe lobuhlanga iconjululwe.

Liyinyaniso elokuba, kwabo bafundiswe ikhethe lobuhlanga, kufuna umgudu okhethekileyo ukuze bahlukane nezo ngcamango ziphefumlelwe nguSathana. Kodwa kunokuphunyezwa! Kwinkulungwane yokuqala, bonke abo beziswa kwibandla lamaKristu babenandipha umanyano olungenakuthelekiswa nanto. Umpostile uPawulos wabhala oku ngalo: “Akusekho mYuda namGrike; akusekho khoboka nakhululekileyo; akusekho ndoda nankazana; kuba nina nonke nimntu mnye, nikuKristu Yesu.” (Galati 3:28) Eneneni, abalandeli abanyanisekileyo bakaKristu babenandipha ubuzalwana bokwenene.

Kodwa bambi basenokuchasa ngelithi: ‘Oku akunakuze kwenzeke namhlanje.’ Kanti, sele kwenzekile phakathi kwamaNgqina kaYehova—intlangano yabantu abangaphezu kwezigidi ezine ezinesiqingatha! Kuyavunywa ukuba asingawo onke amaNgqina aye akhululeka ngokupheleleyo kwikhethe alifunde kule nkqubo ingahloneli Thixo. Omnye umntu ontsundu waseMerika waphawula oku ngamaNgqina amhlophe: “Phakathi kwabathile bawo ndibona kusekho intsalela yesimo sengqondo sokuba kukho uhlanga olongamileyo kunolunye, yaye maxa wambi ndiye ndabona ukungakhululeki okuthile kwabanye babo xa benxulumene ngokusondeleyo nabantu bolunye uhlanga.”

Kanti, lo mntu wavuma wathi: “AmaNgqina kaYehova, ngomlinganiselo ongenakulinganiswa nowabo nabaphi na abanye abantu emhlabeni, aye aliphelisa ikhethe lobuhlanga kuwo. Ayazama ukuthandana kungakhathaliseki ukuba loluphi na uhlanga . . . Ngamathuba athile intliziyo yam iye yachukumiseka kangangokuba ndingakwazi ukuzibamba iinyembezi ukubona uthando lokwenene lwamaNgqina amhlophe.”

Ngaba umanyano lweentlanga olunanditshwa ngabambalwa—nakubeni aba bezizigidi—ngokwenene lwenza umahluko ongako xa izigidi zabanye ziphenjelelwa ziingcamango zikaSathana zokuba kukho uhlanga olongamileyo? Akunjalo, siyavuma ukuba oko akuyicombululi ingxaki yobuhlanga. Kungaphaya kwemigudu yabantu ukwenjenjalo. Kuphela nguMdali wethu, uYehova uThixo, onokwenza oko.

Okuvuyisayo kukuba, kungekudala, uYehova, ngoBukumkani bakhe obulawulwa nguNyana wakhe, uYesu Kristu, uya kushenxisa emhlabeni konke ukungabikho kokusesikweni nabo bonke abo bathi ngokuzingca bakhuthaze ucalucalulo nentiyo, ubuhlanga okanye ezinye izinto. (Daniyeli 2:44; Mateyu 6:9, 10) Kuya kwandula ke, ngenkqubo yemfundo efezekileyo phantsi kolawulo lukaKristu, zonke iintlanga zimanyane ngokwenene. Njengoko loo mfundo iya kuqhubela phambili, ziya kuhlala ngokumanyeneyo ngokwenene kungabikho mizila yocalucalulo lobuhlanga. Ekugqibeleni idinga likaThixo liya kuzalisekiswa: “Izinto zokuqala zigqithile . . . Uyabona, izinto zonke ndizenza ntsha.”—ISityhilelo 21:4, 5.

Ngaba ungumntu onqwenela ixesha apho ubuzalwana bokwenene buya kwesamela, xa zonke iintlanga zihlelisene ngoxolo? Ukuba kunjalo, siyakwamkela ukuba uye kwiHolo yoBukumkani ekufuphi kuwe, apho amaNgqina kaYehova ahlanganisana khona rhoqo ukuze afundisise iBhayibhile. Zibonele ngokwakho ukuba akalubonisi kusini na uthando lobuKristu lokwenene—kubantu bazo zonke iintlanga.

[Umfanekiso okwiphepha 10]

Kungekudala zonke iintlanga kuyo yonke indawo ziya kuhlalisana ngoxolo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share