Imozulu Yexesha Elizayo
UKUNGCOLISWA kweatmosfera kuyenye yeengxaki zemekobume ezinokukhonjwa ebantwini. Ezinye zazo kukutshatyalaliswa kwamahlathi, ukutshatyalaliswa kwezilwanyana, nokungcoliswa kwemilambo, amadike neelwandle. Nganye kwezi ngxaki iye yahliw’ amahlongwane ngenyameko, ibe kuye kwaphakanyiswa indlela yokuyilungisa. Ekubeni ezi ngxaki zisemhlabeni wonke, naxa ziconjululwa kuza kufuneka ihlabathi lonke. Wonk’ umntu uye wavumelana ngamxhelo mnye ngezi ngxaki nangento enokwenziwa ukuze zilunge. Nyaka ngamnye, kuhlatyw’ ikhwelo lokuba kubhinqw’ omfutshane. Nyaka ngamnye akukho nto ibhadlileyo yenziwayo. Behleli nje abaqulunqi bemithetho bambombozela ngezi ngxaki ibe batsho besithi kumele kwenziwe into nokuba ayiphelelanga kodwa ngokungathi kunjalo, bathi “loo nto ayizi kwenziwa sithi, ingazi kwenziwa kwangoku.”
Ngowe-1970 ngoSuku loMhlaba lokuqala, abaqhankqalazi besiXeko saseNew York babephethe umfanekiso omkhulu. Lo mfanekiso wabonisa isijikelezi-langa esinguMhlaba sikhala sisithi “Ndafa!!” Ngaba ukho umntu onokusabela kweso sikhalo? ILizwi likaThixo liyaphendula: “Musani ukukholosa ngamanene, ngonyana womntu, yena ungenalo usindiso. Uyaphuma umoya wakhe, abuyele yena emhlabeni wakhe: ngaloo mini ayatshitsha amabhongo akhe.” (INdumiso 146:3, 4) Kwakhona umdumisi uthetha ngoMdali, kuba Nguye yedwa onamandla, ubulumko ibe uyafuna ukucombulula zonke izintsompothi oluxakene nazo uluntu. Sifunda oku: “Hayi uyolo . . . lwalowo ulinde kuYehova uThixo wakhe: kuMenzi wezulu nomhlaba, nolwandle neento zonke ezikulo.”—INdumiso 146:5, 6.
Isithembiso Sothando Esivela KuMdali
Umhlaba usisipho esivela kuThixo. Wawuyila waza wawudala kwakunye nazo zonke iinkqubo ezintsonkothileyo nezimangalisayo ezibangela ubuhle bemozulu esemhlabeni. (INdumiso 115:15, 16) IBhayibhile ithi: “[UThixo] ngulowenza ihlabathi ngamandla akhe; ulozinzisa elimiweyo ngobulumko bakhe; waneka izulu ngengqondo yakhe; kwakubon’ ukuba kukho isithonga sokwenza kwakhe, ingxolo yamanzi ezulwini, unyusa amafu esiphelweni sehlabathi; imvula uyenzela imibane, arhole umoya koovimba bakhe.”—Yeremiya 10:12, 13.
Umpostile uPawulos wachubela abantu baseListra yamandulo ngendlela uMdali aluthanda ngayo uluntu. Wathi: ‘[UThixo] akazange azishiye yena ngokwakhe ngaphandle kobungqina ngokuba wathi wenza okulungileyo, eninika iimvula ezivela ezulwini namaxesha emveliso, ezizalisa iintliziyo zenu zizale kukutya nakukuchwayita.’—IZenzo 14:17.
Ikamva lesi sijikelezi-langa alixhomekekanga kwimigudu nezivumelwano ezityikitywa ngabantu. Ngokuphathelele imozulu, Lowo unamandla okuyilawula wabathembisa oku abantu bakhe bamandulo: “Ndoninika iziphango zenu ngexesha lazo; ilizwe lininike indyebo yalo, nemithi yentsimi ivelise iziqhamo zayo.” (Levitikus 26:4) Kungekudala abantu baya kunandipha iimeko ezilolo hlobo emhlabeni wonke. Uluntu oluthobelayo alusayi kuphinda luxhaxhe luloyiko ngenxa yeenkqwithela ezitshabalalisayo, amaza amakhulu, izikhukula, iimbalela, okanye naziphi na ezinye iintlekele zokwemvelo.
Amaza, umoya nemozulu ziya kubangela uvuyo. Abantu bangathetha bashiy’ abangalaziyo ngemozulu, kodwa abasokuze bayincede. Kwikamva eliya kuziswa nguThixo, ubomi buya konwabisa kangangokuba akusayi kufuneka kubekho mntu uzixhoxh’ igila ngemozulu.