Ngaba Utofelo-gazi Luyimfuneko Ngokwenene?
KUNOVEMBA odlulileyo lo mbuzo ungasentla wabuzwa kwinqaku lephephandaba elabhalwa nguGqr. Ciril Godec, usihlalo weurology eLong Island College Hospital, eBrooklyn, eNew York. Wabhala esithi: “Namhlanje kunokwenzeka ukuba igazi lingavunyelwa njengonyango, ekubeni lingakhuselekanga ngokwemigaqo efunwa yiFood and Drug Administration. Igazi lilungu lomzimba, yaye ukutofelwa igazi kufana nje nokufakelwa ilungu lomzimba.”
UGqr. Godec wathi: “Ukufakelwa ilungu lomzimba lukhetho lokugqibela lonyango olwenziwa kumguli. Ngenxa yemiphumo engemihle enokubakho, abaguli baziswa ngokucokisekileyo ngazo zonke ezinye iindlela ezinokusetyenziswa ngaphambi kokufakelwa ilungu lomzimba.” Ngokuphathelele utofelo-gazi, waqukumbela ngelithi: “Kuyathandatyuzwa ukuba luluncedo kangangokuba abatyandi abaninzi baye bakhetha ‘ukuluphepha utofelo-gazi’ kungekuphela nje ngezizathu zezamayeza kodwa nangezomthetho.”
Ingxaki enkulu ngotofelo-gazi kukuba amawaka abantu aye osulelwa zizifo ezibulalayo, kuquka noGawulayo. Nangona iindlela zokuhlola igazi ziye zaphuculwa kwiindawo ezininzi, uGqr. Godec wathi: “Kusenokubakho ingozi kwigazi elinikelwe ngabantu abosulelweyo kodwa abangekabonakali ukuba bosulelwe xa behlolisiswa.”
Equkumbela inqaku lakhe, uGqr. Godec wabuyela kumbuzo obubuzwe ngasentla: “Njengoko oogqirha nabatyandi beyiqonda ngakumbi indlela yokusebenza kwamalungu omzimba ngokuthunyelwa kweoksijini nokwazi ukuba umlinganiselo wegazi ufanele ungabi phezulu njengoko kwakucingelwa, kusenokwenzeka ukufumana ezinye izinto ezinokusetyenziswa kunotofelo-gazi. Kunyaka ophelileyo xa umntu etyandwa intliziyo naxa efakelwa isibindi wayesopha gqitha kangangokuba kwakubonakala kuyimfuneko ukuba atofelwe igazi elininzi. Ngoku, kuzo zombini ezi meko utyando lwenziwa ngaphandle kokutofela igazi.
“Kunokwenzeka ukuba kwixesha nje elingekude utofelo-gazi luya kupheliswa. . . . Utofelo-gazi alubizi mali ininzi luze lube yingozi nje kuphela; kwakhona aluyiyo indlela ekumgangatho ophezulu wonyango olufanele lufunyanwe ngabaguli.”