“Enjani Yona Ukubaluleka Inkcazelo!”
Abantu abaselula banokuyifumana njani injongo ebomini, banokuziqonda njani, okanye banokufunda njani ukuqhubana kakuhle nabazali babo? Kutshanje, iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eSpeyin ifumene incwadi, inxalenye yayo eyayisithi:
“Isizathu sokuba ndibhale kukunincoma ngokungazenzisiyo ngomsebenzi wenu omhle wokupapasha iincwadi ezintle, njengethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo. Enjani yona ukubaluleka inkcazelo! Ndiyavuyisana nababhali nabapapashi, abaye bazalisekisa iminqweno yamawaka abantu abaselula.
“Ndiyintombazana eneminyaka engama-21 ubudala yaye ndiye ndaphethukela ndaza ndafundisisa iBhayibhile. . . . Ngethamsanqa, ndafumana incwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo ngomhlobo wam.
“Ekuqaleni ndandicinga ukuba ayisayi kundinceda nganto, kodwa ngokuthe ngcembe, umdla wam wokuyifunda wakhula. Yandenza ndacinga ngezinto ezininzi, njengoko ndifanele ndikwenze ngobomi bam, yaye ngokuthe ngcembe yayiphendula imibuzo yam. Ndinobo butyebi ezandleni, ndafunda indlela yokubaqonda abazali bam, indlela yokuxolela, nendlela yokuba libhinqa nokwenza izinto njengalo.”
Ukuba ungathanda ukungenelwa kwinkcazelo ekwincwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula, unokufumana umbhalo ngokuzalisa uze uthumele eli phetshana lingezantsi kwidilesi eboniswe kulo okanye kwikhelingi efanelekileyo kwezidweliswe kwiphepha 5 leli phephancwadi.
□ Ncedani nindithumelele inkcazelo engakumbi ngendlela yokufumana incwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo.
□ Ncedani niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa.