IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 10/12 iphe. 5
  • Fumana Uncedo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Fumana Uncedo
  • Vukani!—2012
  • Amanqaku Afanayo
  • Ndinokusebenzisana Njani Notitshala Wam?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 1
  • Abafundisi-ntsapho—Kutheni Beyimfuneko Nje Kuthi?
    Vukani!—2002
  • Izixhobo Ezikhokelela Kwimfundo Esemgangathweni
    Vukani!—1996
  • Ndenze Njani Xa Ndingapasi Esikolweni?
    Ulutsha Luyabuza
Khangela Okunye
Vukani!—2012
g 10/12 iphe. 5
[Umfanekiso okwiphepha 5]

Fumana Uncedo

Kubalulekile ukuba nomntu okuncedayo, kungekuphela nje ngoxa usesesikolweni kodwa naxa sele umdala.

NGUBANI onokukunceda uphumelele esikolweni?

Intsapho.

UBruna intombazana yaseBrazil eneminyaka eli-18 ubudala uthi: “Xa ndicela ukuncedwa kumsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya, uTata wayecacisa aze andibuze imibuzo eza kundinceda ndiwuqonde umbandela. Kodwa wayeqiniseka ukuba iimpendulo ndizifumana ngokwam.”a

Icebiso: Ukuze oku kwenzeke, buza abazali bakho ukuba babeqhuba njani bona kwezo zifundo zikusokolisayo. Ukuba babezazi, uya kuba ulufumene uncedo.

Ootitshala.

Ootitshala abaninzi bayavuyiswa kukubona umfundi ezabalazela ukupasa, yaye bahlala bekulungele ukumnceda.

Icebiso: Unokumxelela oku utitshala, “Nditsala nzima kwizifundo zam, kodwa ndifuna ukupasa. Ndicela icebiso lakho?”

Abacebisi.

Mhlawumbi unokuncedwa ngumntu ongumhlobo wentsapho. Oku kunokuba luncedo ngeendlela ezimbini: Okokuqala, uya kulufumana uncedo olufunayo; yaye okwesibini uya kutsho ukwazi ukulufuna uncedo lwabanye xa lufuneka—umkhwa oya kukunceda naxa sele umdala. Inyaniso kukuba, ixesha elininzi impumelelo ifumaneka ngokuncedisana, kungekhona ngemigudu yomntu omnye.—IMizekeliso 15:22.

Icebiso: Buza kubazali bakho ngoyena mntu unokukwazi ukukunceda.

Undoqo: Akukho nto iphosakeleyo ngokucela uncedo!

Kutheni ungaqalisi kwangoku? Bhala abantu ababini okanye abathathu abayimizekelo—abantu ofuna ukubaxelisa. Ngaba ukho kubo onokukunceda kumsebenzi wesikolo?

a Usenokucela umntwana wakowenu omdala.

“Utitshala endimthandayo”

“Utitshala endimthandayo wayengqongqo, kodwa ehlonelwa ngumntu wonke. Wayewuthanda umsebenzi wakhe. Xa ethetha, wayezula iklasi yonke elinganisa le nto ayithethayo. Wonk’ umntwana wayesiba nenxaxheba eklasini. Xa kukho into ongakhange uyiqonde, wayekucacisela ngomonde de uyiqonde. Wayesoloko esikhuthaza ukuba sibuze xa kukho into esingayiqondiyo. Wathi imibuzo ayimncedi nje azi izinto esingaziqondiyo, kodwa inceda naye aphucule. Wayekhathalela ngamnye kuthi. Emva nje konyaka befundiswe ngunye, abantwana abaninzi babekhetha ezo zifundo zakhe—iakhawuntingi!”—UAlana, eOstreliya.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share