IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • my ibali 99
  • Egumbini Eliphezulu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Egumbini Eliphezulu
  • Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • Amanqaku Afanayo
  • Isidlo SeNkosi Sangokuhlwa
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Isikhumbuzo Esichaphazela Ubomi Bakho
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • Isidlo SikaYesu Sokugqibela
    Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Ukukhumbula UYehova NoNyana Wakhe
    Funda Kumfundisi Omkhulu
Khangela Okunye
Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
my ibali 99
Isidlo sangokuhlwa sokugqibela uYesu ekunye nabapostile bakhe abathembekileyo

IBALI 99

Egumbini Eliphezulu

KUNGOKUHLWA ngoLwesine ngoku, emva kweentsuku ezimbini kamva. UYesu nabapostile bakhe abali-12 beze kweli gumbi likhulu liphezulu ukuze bafumane isidlo sePasika. Indoda oyibona iphuma apha nguYudas Skariyoti. Uyemka aye kuxelela ababingeleli indlela yokufumana uYesu.

Ngosuku olungaphambili, uYudas waya kubo wababuza: ‘Niya kundinika ntoni na ukuba ndiyaninceda nibambe uYesu?’ Bathi: ‘Iisilivere ezimashumi mathathu.’ Ngoku uYudas uya kula madoda ukuze awakhokelele kuYesu. Ngaba asinto imbi na le?

Isidlo sePasika sigqityiwe. Kodwa ngoku uYesu uqalisa esinye isidlo esikhethekileyo. Unika abapostile bakhe isonka aze athi: ‘Thabathani nidle kuba oku kuthetha umzimba wam onikelwa ngenxa yenu.’ Emva koko ubanika indebe yewayini aze athi: ‘Selani kuba oku kuthetha igazi lam, eliphalazwa ngenxa yenu.’ IBhayibhile ithi esi ‘sisidlo seNkosi sangokuhlwa.’

AmaSirayeli ayesidla iPasika ukuwakhumbuza ixesha laxa ingelosi kaThixo ‘yadlula’ izindlu zawo eYiputa, kodwa yabulala amazibulo ezindlwini zamaYiputa. Kodwa ngoku uYesu ufuna abalandeli bakhe bamkhumbule, nendlela awabancamela ngayo ubomi bakhe. Yiyo le nto ebaxelela ukuba bakhumbule esi sidlo sikhethekileyo nyaka ngamnye.

Emva kokudla iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa, uYesu uthi abapostile bakhe mabakhaliphe baze bomelele elukholweni. Ekugqibeleni, bavuma iingoma kuThixo baze bahambe. Sele kusebusuku ngoku, mhlawumbi emva kwasezinzulwini zobusuku. Masibone ukuba bayaphi.

Mateyu 26:14-30; Luka 22:1-39; Yohane isahluko 13 kuse kwese-17; 1 Korinte 11:20.

Imibuzo YeSifundo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share