IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Lmn iphe. 3-30
  • “Uyabona, Izinto Zonke Ndizenza Ntsha”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Uyabona, Izinto Zonke Ndizenza Ntsha”
  • “Uyabona! Izinto Zonke Ndizenza Ntsha”
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Incwadi Ecacisa IParadisi
  • IBhayibhile—Iyincwadi YaseMpuma
  • UThixo WeBhayibhile
  • Imimangaliso Nendalo KaYehova
  • Izinto Ezimbi—Kutheni UThixo Ezivumela Zenzeke?
  • Utshaba—Ukufa
  • Ukukhululwa Ekufeni
  • Ukubuyiselwa Ebomini
  • Urhulumente Ofezekileyo Woxolo
  • Imfundo Yokungena EParadisi
  • Yintoni Injongo KaThixo Ngomhlaba?
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
“Uyabona! Izinto Zonke Ndizenza Ntsha”
Lmn iphe. 3-30

“Uyabona, Izinto Zonke Ndizenza Ntsha”

KHAWUBONE aba bantu bonwabileyo abakwiqweqwe lale ncwadana. Ubungathanda na ukuba ngomnye wabo? ‘Ewe bendingathanda,’ utsho. Kuba nalu uxolo nemvisiswano enqwenelwa luluntu lonke. Abantu bazo zonke izizwe—abamnyama, abamhlophe, abatyheli—baxubana njengentsapho enye. Olunjani lona uvuyo! Olunjani lona umanyano! Ngokucacileyo abantu abakhathazwa yityhefu yenyukliya, okanye sisisongelo sobugrogrisi. Iinqwelo-moya zokulwa aziluphazamisi uxolo olusesibhakabhakeni esiphezu kwale paki ithandekayo. Akukho majoni, akukho zinqwelo zakulwa, akukho mipu. Akukho mapolisa aphethe iintonga afunekayo ukuze agcine ucwangco. Imfazwe nolwaphulo-mthetho azikho nje kwaphela. Akukho ukunqongophala kwezindlu, kuba wonk’ ubani unekhaya elihle lokuba athi lelakhe.

2 Khawuphos’ iliso nje kwaba bantwana! Ukudlala kwabo kuluvuyo ukukubona. Ezinjani zona izilwanyana abanokudlala nazo! Akukho mivalo yantsimbi ifunekayo kule paki, kuba zonke izilwanyana ziseluxolweni noluntu yaye ziseluxolweni esinye nesinye. Kwanengonyama nemvana ziye zaba zizihlobo. Khawubone ezaa ntaka zinemibala eqaqambileyo njengoko ziphaphazela zisiya ngapha nangapha, uze uphulaphule ukuntyiloza kwazo okumnandi kuhlangana nokuhleka kwabantwana njengoko kuvakala kwindawo yonke. Ngaba zikho izindlwana zokuvalela iintaka okanye izilwanyana? Hayi, kubo bonke yinkululeko novuyo olungathintelwanga kulo mmandla. Khawuve nje ivumba lezo ntyatyambo, uphulaphule ukugwinciza komfula, uve ubushushu obumnandi belanga. Akwaba bendingafumana incasa yesiqhamo esikula ngobozi, kuba sisesona silungileyo kwezinokuveliswa ngumhlaba, sesona sona, njengayo yonke into enokubonwa ize inanditshwe kwesi sitiya sinjengepaki nesizukileyo.

3 Omnye uthi, ‘Kodwa khawume, baphi abantu abakhulileyo? Abamele na nabo babe nesabelo ekunandipheni eli butho lonwabileyo?’ Enyanisweni abantu abakhulileyo bakho kanye phaya, kodwa baya besiba batsha kwakhona. Kule paki akukho mntu ofa ngenxa yokwaluphala. Abaselula ngoku bakhulela ekubeni ngabantu abakhulileyo, baze bangaluphali. Enoba uneminyaka engama-20 okanye engama-200 ubudala, ngamnye wezigidi zabantu abaphila kule paki unandipha ukuphila kobutsha okudlamkisayo, kwimpilo efezekileyo. Ngaba uthi, bazizigidi? Ewe, bazizigidi, kuba le paki inatyiselwa kuwo onke amazwe. Iya kuzaliswa bubomi, uxolo nobuhle ukusa eziphelweni zomhlaba wethu, ukususela kwiFuji ukusa kwiAndes, nokususela eHong Kong ukuya kwiMeditera. Kuba wonke umhlaba uguqulelwa ekubeni yipaki eyiparadisi. Uya kuba yiParadisi ebuyiselwe emhlabeni ngokubanzi.

4 Ngaba uthe, ‘Akukholeleki oko’? Noko ke, okokuqala qwalasela izibakala ezibubungqina. Kuyinto enokwenzeka ngawe nentsapho yakho ukuba nisinde ekudluleni kwale nkqubo yezinto ikhoyo neneenkathazo nize ningene kwiParadisi eboniswe kwiqweqwe lethu.a

Incwadi Ecacisa IParadisi

5 Zonke ezi zinto zizukileyo, nokuqiniseka kwazo, zicaciswa kwincwadi, eyona ncwadi imangalisayo kwezakha zabhalwa. Ibizwa ngokuba yiBhayibhile. Yincwadi endala kunene, enxalenye ezithile zayo zabhalwa malunga neminyaka engama-3 500 eyadlulayo. Kwangaxeshanye, iyeyona ncwadi ifanelekileyo ekunikeleni isiluleko esiphilileyo nesisebenzisekayo ekupheleni kwale mihla. Iziprofeto zayo zivuselela ithemba eliqaqambileyo ngekamva. Iyeyona ncwadi yakha yathengiswa ngokubanzi kwimbali iyonke, ekubeni imibhalo yeBhayibhile iphela okanye amacandelo ayo amakhulu angaphezu kwama-2 000 000 000 iye yasasazwa ngeelwimi ezimalunga ne-1 810.

6 Ayikho enye incwadi engcwele eye yasasazwa ngokubanzi kangaka, yaye uninzi lwezinye azisondelanga nokusondela ngobudala. IKoran yamaSilamsi ingaphantsi kweminyaka eli-1 400 ubudala. UBhuddha noConfucius babephila malunga neminyaka engama-2 500 eyadlulayo, yaye iincwadi zabo zisusela kwelo xesha. IZibhalo zikaShinto zahlanganiswa zakwimo ezikuyo ngoku kwiminyaka engekho ngaphezu kwe-1 200 eyadlulayo. Incwadi kaMormon ineminyaka eli-160 kuphela ubudala. Akukho nanye kwezi ncwadi zingcwele enokulanda ngembali yabantu ngokuchanileyo ukubheka emva ukutyhubela iminyaka engama-6 000, njengoko iBhayibhile isenza. Ukuze siqonde unqulo lwantlandlolo, simele siye eBhayibhileni. Iyekuphela kwencwadi enesigidimi esibanzi soluntu lonke.

7 Ubulumko nobuhle besigidimi seBhayibhile buye banconywa ngabantu abacingayo abavela kuzo zonke iintlanga nakuzo zonke iindlela zobomi. Isazinzulu esaziwayo nesafumana imithetho yomxhuzulane uMhlekazi Isaac Newton, wathi: “Ayikho inzululwazi eye yangqinelwa ukudlula iBhayibhile.” UPatrick Henry, inkokeli yenguqulelo yaseMerika edume ngamazwi athi “Ndinike inkululeko, okanye undibulale,” wakwathi: “IBhayibhile izilingene zonke ezinye iincwadi ezakha zashicilelwa.” Kwanesazi esikhulu esingumHindu uMohandas K. Gandhi wakha waxelela irhuluneli yaseBritani kwelaseIndiya esithi: “Xa ilizwe lam nelakho liya kumanyana kwiimfundiso ezandlalwa nguKristu kule Ntshumayelo yaseNtabeni, siya kube sizicombulule iingxaki, kungekuphela nje ezamazwe ethu kodwa ezo zehlabathi liphela.” UGandhi wayethetha ngoMateyu isahluko 5 ukusa kwese-7, eziseBhayibhileni. Zifunde ngokwakho ezi zahluko uze ubone ukuba akuchwayitiswa na sisigidimi sazo esinamandla.

IBhayibhile—Iyincwadi YaseMpuma

8 Ngokwahlukileyo kwinkolelo edumileyo, iBhayibhile asiyomveliso yempucuko yaseNtshona ibe ayizukisi yona. Phantse yonke iBhayibhile yabhalwa kumazwe aseMpuma. Amadoda ayibhalayo onke ayengawaseMpuma. Kwiminyaka eliwaka ngaphambi koBuddha, ngowe-1513 B.C.E., uMoses, owayephila eMbindi Mpuma, waphefumlelwa nguThixo ukuba abhale incwadi yokuqala yeBhayibhile, ebizwa ngokuba yiGenesis. Ukususela kwesi siqalo, iBhayibhile ilandela umxholo omnye ovisisanayo ukutyhubela ukusa kwincwadi yayo yokugqibela yeSityhilelo. IBhayibhile yagqitywa ngowama-98 C.E., malunga neminyaka engama-600 emva koBuddha. Ubusazi na ukuba iBhayibhile yenziwe ngeencwadi ezahlukahlukeneyo ezingama-66? Ewe, iBhayibhile ilithala leencwadi ngokwayo!

9 Ngaloo ndlela ngaphezu kwethuba leminyaka eli-1 600 ukususela kwixesha likaMoses, malunga namadoda angama-40 aba nesabelo ekubhaleni ingxelo evisisanayo yeBhayibhile. Anikela ubungqina bokuba awakubhalayo kwakuphefumlelwe ngamandla angaphaya kwawomntu ofayo. Umpostile uPawulos ongumKristu wabhala wathi: “Sonke isibhalo, siphefumlelwe nguThixo nje, sikwancedela ukufundisa, ukohlwaya, ukululeka, ukuqeqesha okusebulungiseni.”b (2 Timoti 3:16) Yaye umpostile uPetros wachaza wathi: “Sonke isiprofeto sesibhalo asibikho ngokuzicombulela. Kuba akukhanga kubekho siprofeto ngokuthanda komntu; bathi abantu abangcwele bakaThixo bathetha beqhutywa nguMoya oyiNgcwele.”—2 Petros 1:20, 21; 2 Samuweli 23:2; Luka 1:70.

10 Okukwaphawuleka kunene yindlela iBhayibhile eye yafikelela ngayo kulo mhla. Kangangamawakawaka eminyaka, yaye kwada kwasekuvelisweni kweendlela zokushicilela malunga neminyaka engama-500 eyadlulayo, imibhalo yeBhayibhile kwakufuneka yenziwe ngesandla. Ayikho enye incwadi yamaxesha amandulo eyakhutshelwa yaza yaphinda yakhutshelwa ngenkuthalo kangaka. Yayikhutshelwa ngokuphindaphindiweyo, kodwa kusoloko kusenziwa ngenyameko enkulu. Abakhupheli benza iimpazamo ezimbalwa kuphela, yaye ukuthelekiswa kwale mibhalo kuye kwavelisa umbhalo wantlandlolo owaphefumlelwa nguThixo. Igosa elikhokelayo kwimibhalo-ngqangi yeBhayibhile, uMhlekazi Frederic Kenyon, uthi: “Isiseko sokugqibela sako nakuphi na ukuthandabuza ukuthi iZibhalo zeza kuthi ngokwenene zinjengoko zazibhaliwe sishenxisiwe ngoku.” Namhlanje, kusekho malunga ne-16 000 lemibhalo yeBhayibhile eyabhalwa ngesandla okanye iinxalenye zayo, zimbi zazikho ukususela kwinkulungwane yesibini ngaphambi koKristu. Ngaphezu koko, kuye kwenziwa iinguqulelo ezichanileyo phantse ezingazo zonke iilwimi zomhlaba, zisuswa kulwimi lwesiHebhere, isiAramaic nesiGrike iBhayibhile eyayibhalwe ngazo ntlandlolo.

11 Bambi baye bazama ukuyenza ingakholelwa iBhayibhile ngokuthi ayichananga. Phofu ke, kwiminyaka yakutshanje, abembi bezinto zakudala baye bemba amabhodlo ezixeko zamandulo ezikumazwe eBhayibhile baza bafumana izinto ezikroliweyo nobunye ubungqina obungenakukhanyelwa bokuba abantu neendawo ezikhankanywe kwanakwezona ngxelo zindala zeBhayibhile ngenene zazikho. Bavumbulule ubungqina obuninzi obalatha kunogumbe wazwenibanzi, iBhayibhile ethi wenzeka ngaphezu kweminyaka engama-4 000 eyadlulayo, ngomhla kaNowa. Ngokubhekisele kule ngongoma, iNkosana uMikasa, owaziwa kunene nongumembi wezinto zakudala, wathi: “Ngaba ngenene uNogumbe wayekho? . . . Isibakala sokuba umkhukula ngenene wenzeka singqinwe ngokweyiselayo.”c

UThixo WeBhayibhile

12 Kanye njengokuba bambi abantu baye bahlekisa ngeBhayibhile, abanye bahlekisa ngento yokuba kukho uThixo onguSomandla. (2 Petros 3:3-7) Bathi, ‘Ndinokukholelwa njani kuThixo, ekubeni ndingenakumbona? Ngaba bukho ubungqina bokuba uMdali ongabonakaliyo, ophakame ngaphaya komntu, ukho ngenene? Ngaba uThixo akakho kwindawo yonke?’ Bambi bathi, ‘Akakho uThixo okanye uBuddha.’ Phofu ke, iBhayibhile ibonisa ukuba kanye njengokuba sonke safumana ubomi ngobawo wasemhlabeni, ngoko ookhokho bethu bokuqala babufumana ubomi kuBawo wasezulwini okanye uMdali, ogama lakhe lobuqu linguYehova.—INdumiso 83:18; 100:3; Isaya 12:2; 26:4.

13 UYehova uzityhile kuluntu ngeendlela ezimbini ezibalaseleyo. Eyona ndlela iphambili kungeBhayibhile, eyazisa ngenyaniso yakhe nangeenjongo zakhe zikanaphakade. (Yohane 17:17; 1 Petros 1:24, 25) Enye indlela kungendalo yakhe. Ngokondela izinto ezimangalisayo ezibangqongileyo, abantu abaninzi baye baqonda ukuba kumele kubekho uThixo onguMdali obuntu buzukileyo bubonakaliswa yimisebenzi yakhe.—ISityhilelo 15:3, 4.

14 UYehova uThixo unguMbhali weBhayibhile. UnguMoya Omkhulu, obukho kwasephakadeni. (Yohane 4:24; INdumiso 90:1, 2) Igama lakhe elithi “Yehova” litsalel’ ingqalelo kwinjongo yakhe ngezidalwa zakhe. Kuyinjongo yakhe ukuthethelela elo gama likhulu ngokutshabalalisa abangendawo nangokusindisa abo bamthandayo ukuze baphile kumhlaba oyiparadisi. (Eksodus 6:2-8; Isaya 35:1, 2) Ekubeni enguThixo onguSomandla, unamandla okukwenza oku. NjengoMdali wendalo iphela, uphakame lee kunezithixo eziqhelekileyo zeentlanga.—Isaya 42:5, 8; INdumiso 115:1, 4-8.

15 Ebudeni beenkulungwane zakutshanje, amadoda enzululwazi aye anikela ixesha elininzi ekufundisiseni imisebenzi yendalo. Aye afikelela kusiphi isigqibo? Omnye owaba negalelo kwezombane, isazinzulu saseBritani esidumileyo uLord Kelvin, wathi: “Ndikholelwa kwelokuba okukhona inzululwazi ifundisiswa ngokucokiseke ngakumbi kokukhona isishenxisa kuyo nayiphi na into enokuthelekiswa nokungakholelwa kuThixo.” Esinye isazinzulu esazalelwa eYurophu uAlbert Einstein, nangona sasidume ngokungabukholelwa ubukho bukaThixo, sathi: “Kwanele kum . . . ukukhangela kwindalo iphela emangalisayo, nesinokuyiqonda ngokuluzizi, nokuzama ngokuthobekileyo ukuqonda kwaneyona nxalenye incinane yobukrelekrele obubonakaliswa kwindalo.” Isazinzulu saseMerika nesafumana ibhaso likaNobel uArthur Holly Compton wathi: “Indalo iphela ecwangcisekileyo netyhilekayo ingqinela ubunyaniso bawona mazwi azukileyo akha athethwa—‘Ekuqalekeni uThixo.’” Wayecaphula amazwi okuqala eBhayibhile.

16 Abalawuli beentlanga ezinamandla banokuqhayisa ngobukrelekrele babo nangezinto abazifezileyo zenzululwazi ekuhambeni esithubeni. Kodwa hayi indlela eziba zincinane ngayo ezo nqwelo zabo zokuhamba esithubeni xa zithelekiswa nenyanga ejikeleza umhlaba, nezinye izijikelezi-langa! Hayi indlela ezincinane ngayo izinto ezifezwe ngaba bantu bafayo xa zithelekiswa nendalo kaYehova yamawaka ezigidi zamakroza asezulwini, ngalinye linamawaka ezigidi zamalanga afana nelethu, nokuwenza kwakhe amaqela aze awamise esithubeni ithuba elingenakulinganiswa! (INdumiso 19:1, 2; Yobhi 26:7, 14) Akumangalisi ukuba uYehova ebagqala abantu njengemicikwane, neentlanga ezinamandla ‘njengento engento.’—Isaya 40:13-18, 22.

17 Ngaba uhlala endlwini? Mhlawumbi akuzange uyakhe le ndlu ngokwakho, ungazi nokuba ngubani owayakhayo. Phofu ke, isibakala sokuba ungamazi umakhi asikuthinteli ukuba wamkele inyaniso yokuba mntu uthile okrelekrele wayakha. Ukucinga ngelokuba le ndlu yazakha ngokwayo bekungabonakala kububuyatha ngenene! Ekubeni indalo iphela enkulu, nento yonke ekuyo, yafuna ubukrelekrele obukhulu ukuba yakhiwe, akubonakali kusengqiqweni na ukuthi kumele kubekho uMdali Okrelekrele? Kuyinyaniso ukuthi, kuphela sisiyatha esiya kuthi entliziyweni yaso, “Akukho Thixo.”—INdumiso 14:1; Hebhere 3:4.

18 Imimangaliso ezukileyo esingqongileyo—iintyatyambo, iintaka, izilwanyana, indalo emangalisayo engumntu, imimangaliso yobomi neyokuzala—zonke ezi zinto zingqina ubukho beNgqondi Ekrelekrele eyazivelisayo. (Roma 1:20) Apho kukho ingqiqo, kukho ingqondo. Apho kukho ingqondo, kukho umntu. Ingqondi ephakamileyo yileyo yoMntu Ophakamileyo, uMdali wezinto zonke eziphilileyo, onguMthombo wobomi. (INdumiso 36:9) UMdali ngenene ufanelwe kuko konke ukuzukiswa nokuhlonelwa.—INdumiso 104:24; ISityhilelo 4:11.

19 Kukho abathile ukukholelwa kwabo kuThixo okwathi kwagungqiswa ngamava abuhlungu eMfazwe Yehlabathi II. Ngelo xesha ilizwe ngalinye lacel’ uncedo “kuThixo” walo, enoba ngoweenkonzo zobuKatolika okanye zamaProtestanti, okanye ngooweenkonzo zaseMpuma. Ngaba kunokutshiwo na ukuthi “uThixo” wabangel’ uloyiso kwezinye zezi ntlanga waza wavumela ukuba ezinye zoyiswe? IBhayibhile ibonisa ukuba akukho nalunye kwezi ntlanga ezazicela uncedo kuThixo oyinyaniso. UYehova uThixo, uMdali wezulu nomhlaba, akabophelelekanga ngombhodamo neemfazwe eziphakathi kweentlanga. (1 Korinte 14:33) Iingcinga zakhe zingaphezulu lee kunezo zeentlanga zobupolitika nezilwayo zalo mhlaba. (Isaya 55:8, 9) Ngokukwanjalo, unqulo lokwenyaniso lukaYehova alunanxalenye kwiimfazwe zeentlanga. UYehova uphakame lee kunoothixo bobuhlanga. Wahlukile ekubeni nguThixo wamadoda nabafazi abathanda uxolo kuzo zonke iintlanga. Kunjengokuba iBhayibhile isithi: “UThixo akamkhethi wabuso bamntu; kwiintlanga zonke, lowo umoyikayo, asebenze ubulungisa, wamkelekile kuye.” (IZenzo 10:34, 35) Abantu abatyekele ebulungiseni kuzo zonke iintlanga ngoku bafunda iBhayibhile, yaye bamkela unqulo ‘loThixo oyinyaniso nowoxolo’ uMdali woluntu lonke.—Roma 16:20; IZenzo 17:24-27.

20 Bambi abantu balatha kukwahlukahlukana nakuhanahaniso lweenkonzo zeNgqobhoko, ezithi zilandela iBhayibhile. Bakwathi, ‘Ndingakholelwa njani kuThixo weBhayibhile, xa iintlanga ezineBhayibhile ziphakathi kwezo zizondelela ukufumba iibhombu zenyukliya?’ Isibakala sikukuba, ngoxa iBhayibhile ihlala iyinyaniso, iintlanga zeNgqobhoko ziye zaphambukela kude lee kubuKristu beBhayibhile njengoko umNtla ukude kuMzantsi. Ziyahanahanisa ngokuzibanga zingamaKristu. Zinayo iBhayibhile, kodwa azizithobeli iimfundiso zayo. Umongameli waseMerika owayalela ukuphoswa kwebhombu yeathom yokuqala eHiroshima wakha wathi: “Akwaba bekukho uIsaya okanye uPawulos Ongcwele!”—ukuze akhokele amadoda aphume kula manqam ehlabathi. Ukuba wayevisisana noIsaya weBhayibhile, ngewayengazanga waphosa ibhombu yeathom, kuba uIsaya wayethethelela ‘ukukhandwa kwamakrele abe ngamakhuba nezikhali zibe zizitshetshe zokuthena iidiliya.’ Ngaphezu koko, yayinguPawulos weBhayibhile owathi: “Asiphumi mkhosi ngokwenyama; kuba zona iintonga esiphuma ngazo umkhosi azizezenyama.” (Isaya 2:4; 2 Korinte 10:3, 4) Phofu ke, kunokulandela isiluleko sobulumko seBhayibhile, iintlanga zeNgqobhoko ziye zabandakanyeka kukhuphiswano lokuzibulala. Ukuthi kwazo zingamaKristu athobela iBhayibhile kububuxoki. Zimele zijongane nomgwebo kaThixo ngenxa yokusilela ukwenza ukuthanda kwakhe.—Mateyu 7:18-23; Zefaniya 1:17, 18.

Imimangaliso Nendalo KaYehova

21 UYehova uyadala, ibe wenza nemimangaliso. Wakhe wazibuza na ngokuguquka kwamanzi abe ligazi, ngokwahlukana koLwandle Olubomvu, ngokuzalwa kukaYesu yintombi enyulu, nangeminye imimangaliso yeBhayibhile? Ekubeni umntu enamandla obukrelekrele asikelwe umda, mhlawumbi akasayi kuze ayiqonde indlela eminye yale mimangaliso eyenzeka ngayo, njengokuba engenakuwuqonda ngokupheleleyo ummangaliso wokuphuma nowokutshona kwelanga mhla ngamnye. Ukudalwa komntu kwakungummangaliso. Abantu bale mihla abazange bawubone loo mmangaliso, kodwa bayazi ukuba wenzeka, kuba bayaphila ukungqina oko. Ngenene, bonke ubomi nayo yonke indalo iphela ingummangaliso ongenasiphelo. Ngoko simele sithandabuze na xa iLizwi likaThixo, iBhayibhile, lisithi wenza imimangaliso ethile ngexesha elithile, nakubeni kungekho mfuneko yemimangaliso ekwanjalo namhlanje?

22 Yonke indalo kaYehova ingummangaliso yaye iyamangalisa! Phofu ke, indalo yakhe yokuqala ngqa yayiyeyona imangalisayo kuzo zonke. Oko yayikukudalwa koNyana ongumoya, ‘izibulo’ lakhe. (Kolose 1:15) Lo Nyana wasezulwini wabizwa ngokuba ‘nguLizwi.’ Kwizizukulwana ezingenakubalwa emva kokudalwa kwakhe, weza kulo mhlaba, waza wabizwa ngokuba ‘ngumntu uKristu Yesu.’ (1 Timoti 2:5) Kwandula ke kwathiwa ngaye: “ULizwi waba yinyama, wahlala phakathi kwethu, sabubona ubuqaqawuli bakhe, ubuqaqawuli kanye bokuphela kwamzeleyo uYise, ezele lubabalo nayinyaniso.”—Yohane 1:14.

23 Ulwalamano lukaYise noNyana lunokuthelekiswa nolo lomphathi okwangumnikazi weshishini yena unyana ekwigumbi lokusebenzela, apho ancedisa ngokwenza izinto eziyilwe nguyise. Ngalo Nyana ulizibulo nongumsébenzi oliqabane, uYehova wadala ezinye izidalwa zokomoya ezininzi, oonyana bakaThixo. Kamva, aba nyana bavuya bakubona uNyana kaYehova, uMsébenzi Oyingcibi wakhe, esenza amazulu abonakalayo nomhlaba esiphila kuwo. Ngaba uyakuthandabuza na ukuba ezi zinto zadalwa? Kumawaka eminyaka kamva, uYehova wabuza indoda ethembekileyo esithi: “Ubuphi na wena ukuseka kwam ihlabathi? Xela, ukuba uyazi, uyaqonda. Ekumemeleleni kunye kwamakhwezi okusa, beduma bonke oonyana bakaThixo?”—Yobhi 38:4, 7; Yohane 1:3.

24 Ekuhambeni kwexesha, uYehova wadala izinto eziphilileyo ezibonakalayo kulo mhlaba, izityalo, imithi, iintyatyambo, iintlanzi, iintaka nezilwanyana. (Genesis 1:11-13, 20-25) Wandula ke uThixo wathi kuMsébenzi wakhe Oyingcibi: “Masenze umntu ngokomfanekiselo wethu ngokufana nathi . . . Wamdala ke uThixo umntu ngokomfanekiselo wakhe; wamdala ngokomfanekiselo kaThixo; wadala indoda nenkazana.” (Genesis 1:26, 27) Ekubeni wayedalwe ngokomfanekiselo nangokufana noThixo, eneempawu zikaThixo ezibalaseleyo, uthando, ubulumko, okusesikweni namandla, umntu wantlandlolo wayephakame kakhulu kwizilwanyana. Umntu ukudidi olwahlukileyo kolo lwezilwanyana ngento yokuba uyakwazi ukucinga, unokucebela ikamva, yaye unako ukunqula uThixo. Izilwanyana azinangqiqo ezinokuqiqa ngayo, kodwa ziphila ngethuku. Hayi indlela ekububuyatha ngayo ukuthi akukho Mdali kodwa kuthiwe isidalwa esikrelekrele esingumntu nesijizekwe ngokutyebileyo sazivelela siphuma kwizilwanyana ezingenangqiqo!—INdumiso 92:6, 7; 139:14.

25 UThixo wabeka umntu ‘kumyezo e-Eden ngasempumalanga.’ Yayingumyezo wolonwabo, njengomyezo okwiqweqwe lethu, nangona kwakukho kuphela abantu ababini, uAdam nomkakhe. Le Paradisi yantlandlolo ayisekho, ekubeni yatshatyalaliswa ngoMkhukula womhla kaNowa. Kodwa indawo ekucingelwa ukuba yayikuyo kuMbindi Mpuma iyaziwa, kuba eminye yemilambo ekhankanywe eBhayibhileni njengenqumla kuyo isekho nanamhla. (Genesis 2:7-14) Umntu wayenethuba elizukileyo lokusebenzisa lo myezo njengesazulu asusela kuso ukunabisa yaye elima umhlaba uphela, ewenza iparadisi esemhlabeni wonke.—Isaya 45:12, 18.

26 Njengoko uThixo noNyana wakhe bengabasebenzi, ngoko uThixo wakwanika umntu umsebenzi wokuba awenze apha emhlabeni. (Yohane 5:17) KuAdam nakuEva, indoda nomfazi bokuqala, wathi: “Qhamani nande, niwuzalise umhlaba niweyise; nibe nobukhosi ezintlanzini zolwandle, nasezintakeni zezulu, nasezintweni zonke eziphilileyo ezinambuzelayo emhlabeni.” (Genesis 1:28) Ngaba oku kwathetha ukuba abantu babeza kwanda, bazalise umhlaba, baphinde baqhubeke besanda de umhlaba uphuphume? Hayi. Xa ubani ekuxelela ukuba uzalise ikomityi ngeti, akuqhubeki ugalela ide iti iphuphumele phezu kwetafile yonke. Uyayizalisa ikomityi uze ke uyeke. Ngendlela efanayo, umyalelo kaYehova kumntu othi, “Niwuzalise umhlaba,” wabonakalisa injongo yakhe yokuba abantu bazalise umhlaba ngokufanelekileyo, kuze ke ukuzala kwabantu apha emhlabeni kuphele. Oku kwakungayi kuba yingxaki kwibutho labantu elifezekileyo. Kuphela kukwihlabathi lanamhlanje loluntu olungafezekanga apho ukuphuphuma kwabemi kuyingxaki.

Izinto Ezimbi—Kutheni UThixo Ezivumela Zenzeke?

27 Ukuba injongo kaThixo ikukwakha umhlaba oyiparadisi, kwenzeka njani ukuba umhlaba namhlanje uzaliswe kangaka bubungendawo, ukubandezeleka nentlungu? Ukuba uThixo unguSomandla, kutheni le nto ezivumele ezi meko? Ngaba likho ithemba lokuphela kweenkathazo zethu? Ithini yona iBhayibhile?

28 IBhayibhile ibonisa ukuba iinkathazo zoluntu zaqalisa xa omnye woonyana bokomoya bakaThixo wavukela ulongamo lukaYehova. (Roma 1:20; INdumiso 103:22, umbhalo osemazantsi weNW Eneembekiselo) Alithandabuzeki elokuba esi sithunywa sezulu sasiphakathi kwabo bavuyayo bakubona ukudalwa komntu. Kodwa ke ukubawa nekratshi zathi zantshula entliziyweni yaso, sahendwa kukunqwenela ukuba uAdam noEva banqule sona kunokuba banqule uMdali wabo uYehova. Sithetha ngenyoka, kanye njengokuba ichule lokudlalisa ngoonopopi lisenza ngathi kuthetha bona, esi sithunywa sezulu sahendela uEva ukuba angamthobeli uThixo onguSomandla. Indoda yakhe uAdam yamlandela kweli khondo lokungathobeli.—Genesis 2:15-17; 3:1-6; Yakobi 1:14, 15.

29 Isithunywa sezulu esinemvukelo saziwa ngokuba ‘yinyoka yakudala.’ (ISityhilelo 12:9; 2 Korinte 11:3) Sikwabizwa ngokuba nguSathana, othetha “uMchasi,” nangokuthi nguMtyholi, othetha “uMhlebi.” Senza imbambano ngokulunga nangobulungisa bokulawula kukaYehova umhlaba, saza sacel’ umngeni uThixo ngelokuba ngoku yena Sathana, unokutyekisa lonke uluntu kunqulo oluyinyaniso. UThixo uvumele uSathana iminyaka emalunga nama-6 000 ukuba azame ukungqina ucelomngeni lwakhe, ukuze imbambano engolongamo lukaYehova izinziswe ngonaphakade. Ulawulo lomntu ngaphandle koThixo luye lwasilela ngokulusizi. Kodwa amadoda nabafazi bokholo, uYesu angumzekelo obalaseleyo phakathi kwabo, baye bagcina ingqibelelo kuThixo phantsi kwezona zilingo ziqatha, bethethelela uYehova yaye bengqina uMtyholi elixoki. (Luka 4:1-13; Yobhi 1:7-12; 2:1-6; 27:5) Nawe unokuba ngumgcini wengqibelelo. (IMizekeliso 27:11) Kodwa uSathana asikuphela kotshaba olusithwaxayo. Luluphi olunye utshaba olukhoyo?

Utshaba—Ukufa

30 UThixo wayesichazile isohlwayo sokungathobeli—ukufa. Ewisa isigwebo phezu komfazi, uYehova wathi: “Ndiya kukwandisa kakhulu ukubulaleka kwakho ekumitheni, uzale abantwana unembulaleko; inkanuko yakho ibe sendodeni yakho, ikulawule yona.” Kwindoda uAdam wathi: “Uya kudla ukudla kokubila kobuso bakho, ude ubuyele emhlabeni, kuba uthatyathwe kuwo; ngokuba uluthuli, uya kubuyela kwaseluthulini.” (Genesis 3:16-19) Isibini esingathobeliyo sagxothwa kwiParadisi yolonwabo saya kumhlaba ongalinywanga. Ekuhambeni kwexesha safa.—Genesis 5:5.

31 Kuphela kusemva kokuba uAdam noEva besilele kuphawu lokufezeka abathi baqalisa ukuba nabantwana. Bonke abantu namhlanje bayinzala yabo bekwimeko yokungafezeki, yaye ngenxa yoko bonke bayafa. Omnye umbhali weBhayibhile oku ukuchaza ngala mazwi: “Isono sangena ngamntu mnye ehlabathini, kwangena ke ukufa ngaso isono; kwaza ngokunjalo ukufa kwabatyhutyha abantu bonke, ekubeni bonke bonayo.” Siyintoni esi ‘sono’? Kukusilela ukufikelela uphawu lwemfezeko okanye ukuphelela. UYehova uThixo akakholiswa okanye akayigcini iphila nantoni na engafezekanga. Ekubeni bonke abantu beye basizuz’ ilifa isono nokungafezeki kumntu wokuqala, uAdam, ukufa kuye “kwalawula” phezu kwabo. (Roma 5:12, 14) Abantu abanesono bayafa, kanye njengokuba izilwanyana zisifa.—INtshumayeli 3:19-21.

32 Kuyintoni oku ‘kufa’? Ukufa kusisichasi sobomi. UThixo wayemise phambi komntu ithemba lobomi obungenasiphelo emhlabeni ukuba wayethobela. Phofu ke, akazange athobele, yaye isohlwayo saba kukufa, ukungabikho zingqondweni, ukungabikho. UThixo wayengathethanga nto ngokuguqulela ubomi bomntu bube kummandla wokomoya okanye bube “kwisihogo” somlilo ukuba wayengathobelanga aze afe. Wamlumkisa umntu ngelithi: “Uya kufa.” Sisibulala-mntu uMtyholi esaxokayo sisithi: “Anisayi kufa.” (Genesis 2:17; 3:4; Yohane 8:44) Okuzuzwe ilifa ngabantu bonke kuAdam kukufa ube luthuli.—INtshumayeli 9:5, 10; INdumiso 115:17; 146:4.

33 Ngoko, ngaba akukho kamva ngomntu ofayo? Kukho ikamva elimangalisayo! IBhayibhile ibonisa ukuba injongo kaThixo yomhlaba oyiparadisi woluntu lonke, kuquka abo ngoku bafileyo, ayisayi kuze isilele. UYehova uthi: “Amazulu ayitrone yam, ihlabathi sisihlalo seenyawo zam.” “Ndiyizukise indawo yeenyawo zam.” (Isaya 66:1; 60:13) Ngokuqhutywa luthando oluphuphumayo, uYehova wathumela uNyana wakhe, uLizwi, kulo mhlaba, khon’ ukuze ihlabathi loluntu libe lingazuza ubomi ngaye. (Yohane 3:16; 1 Yohane 4:9) Kukho izinto ezintathu ezibalulekileyo ngoku esimele sizixubushe, nathi uYehova azifeze ngoNyana wakhe, ezizezi, (1) ukulungiselela ukukhululwa kumandla okufa; (2) ukubuyisela abafileyo ebomini ngokoqobo; (3) ukumisela urhulumente ofezekileyo phezu koluntu lonke.

Ukukhululwa Ekufeni

34 Ukususela kumaxesha amandulo, abaprofeti bakaThixo baye bavakalisa intembelo yabo, kungekhona ekungafini komntu, kodwa kwithemba lokuba uThixo wayeya ‘kubakhulula’ ekufeni. (Hoseya 13:14) Kodwa umntu unokukhululwa njani kumakhamandela okufa? Okusesikweni kukaYehova okugqibeleleyo kwakufuna ‘umphefumlo ubuyiselwe ngomphefumlo, iliso ngeliso, izinyo ngezinyo.’ (Duteronomi 19:21) Ngenxa yoko, ekubeni uAdam wezisela uluntu lonke ukufa okuzuzw’ ilifa ngokungamthobeli ngabom uThixo yaye ngaloo ndlela ephulukana nobomi bobuntu obufezekileyo, kwafuneka ukuba omnye umntu ofezekileyo athabath’ indawo ka-Adam ekuhlawuleni ngobomi bakhe obufezekileyo, ukuze athenge oko uAdam wakulahlayo.

35 Umgaqo osesikweni wokuhlawula ‘okufanayo ngokufanayo’ ubusamkelwa ngokubanzi ukutyhubela imbali. Ibinzana elidla ngokusetyenziswa lelithi “ukuhlawula intlawulelo.” Iyintoni intlawulelo? “Ilixabiso elihlawulelwa ukukhulula umntu okanye into kumntu oyithimbileyo. Kungenxa yoko le nto amabanjwa emfazweni okanye amakhoboka kusithiwa ahlawulelwe xa ekhululwe ngokunaniselana ngento exabisekileyo. . . . Nantoni na eye yathabatha indawo yakhe okanye yanikelwa ukuze kufunyanwe loo mntu iyintlawulelo yakhe.”d Ukususela kwisono sika-Adam, lonke uluntu belunjengamabanjwa emfazwe okanye amakhoboka, lubanjiswe kukungafezeki nakukufa. Ukuze lukhululwe, kwafuneka kunikelwe intlawulelo. Ukuze kuphetshwe nakuphi na ukungavisisani ngoku okanye kamva ngokufaneleka kwexabiso lentlawulelo, kwakuya kufuneka ukuba kuncanywe ubomi obufezekileyo bomntu omnye, oko kukuthi, into elingana ncam noAdam.

36 Noko ke, ubomi bobuntu obufezekileyo obunjalo babunokufunyanwa phi? Bonke abantu, njengenzala ka-Adam ongafezekanga, bazalwe bengafezekanga. “Akukho bani unokukhulula umzalwana; akanakumnika uThixo isicamagusho ngaye.” (INdumiso 49:7) Ekuhlangabezaneni nentswelo, uYehova, eshukunyiswe luthando lwakhe olunzulu ngoluntu, wanikela ngoNyana wakhe ‘olizibulo’ noxabisekileyo ukuba abe lidini elifunekayo. Wadlulisela ubomi obufezekileyo boNyana wakhe womoya, uLizwi, kwisibeleko sentombi engumYuda, uMariya. Le ntombi yakhulelwa, yaza ekuhambeni kwexesha yazala unyana, owabizwa ngegama lokuba “nguYesu.” (Mateyu 1:18-25) UMdali wobomi ngokusengqiqweni ebenokukwazi ukwenza ummangaliso ololo hlobo.

37 UYesu wakhula wayindoda, wazimisa phambi koYehova, waza wabhaptizwa. Emva koko uYehova wamthuma ukuba enze ukuthanda Kwakhe. (Mateyu 3:13, 16, 17) Ekubeni ubomi bukaYesu basemhlabeni babuvela ezulwini yaye efezekile, wayenokubunikela njengedini obo bomi bobuntu bufezekileyo, ebusebenzisela ukukhulula uluntu ekufeni. (Roma 6:23; 5:18, 19) Kunjengokuba wathi: “Mna ndizele ukuba babe nobomi, babe nabo ke ngokugqithiseleyo.” “Akukho namnye unalo uthando olungaphezu kolu, lokuba ubomi bakhe abuncamele izihlobo zakhe.” (Yohane 10:10; 15:13) Xa uSathana wenza ukuba uYesu abulawe, uYesu wazithoba koku kufa kwenkohlakalo, esazi ukuba abantu abanokholo baya kuzuza ubomi ngeli lungiselelo lentlawulelo.—Mateyu 20:28; 1 Timoti 2:5, 6.

Ukubuyiselwa Ebomini

38 Nakubeni iintshaba zakhe zambulalayo, uNyana kaThixo akazange aphulukane nelungelo lakhe lobomi bobuntu obufezekileyo, kuba wayegcine ingqibelelo kuThixo. Kodwa ke, ekubeni efile esengcwabeni, uYesu wayenokuyisebenzisa njani le nto ixabisekileyo, ilungelo lobomi bobuntu, ukulungiselela uluntu? Kulapha ke awathi uYehova wenza omnye ummangaliso, owokuqala ololu hlobo. Ngomhla wesithathu wokuba sengcwabeni kukaYesu, uYehova wamvusa ekufeni esisidalwa sokomoya, esingenakufa. (Roma 6:9; 1 Petros 3:18) Ukuze enze inkolelo yovuko ibe yeqinileyo, ngezihlandlo ezahlukahlukeneyo uYesu wazambathisa imizimba yabantu waza wabonakala kubafundi bakhe, ngasihlandlo sithile kwabangama-500 nangaphezulu. Akukho namnye waba, kwanompostile uPawulos owathi kamva waphanyazwa kukubonakala kukaYesu ozukisiweyo, owayenesizathu sokuwuthandabuza ummangaliso wokuvuka kwakhe.—1 Korinte 15:3-8; IZenzo 9:1-9.

39 Emva kweentsuku ezingama-40 uYesu ovusiweyo wenyukela apho uThixo akhoyo emazulwini, khon’ ukuze apho anikele ixabiso ledini lakhe lobuntu elifezekileyo njengento yokukhulula uluntu. “Kodwa yena lo, esondeze idini lalinye ngenxa yezono, usuke wahlala phantsi ngasekunene kukaThixo ngokungapheliyo; okokugqibela elinde ukuba zide iintshaba zakhe zenziwe isihlalo seenyawo zakhe.” (Hebhere 10:12, 13) Abokuqala ukuba bakhululwe ngale ntlawulelo ‘ngumhlambi omncinane’ wamaKristu athembekileyo ‘angakaKristu.’ (Luka 12:32; 1 Korinte 15:22, 23) Aba “bathengwa bephuma ebantwini,” yaye ngenxa yoko eluvukweni baba zizinxulumani zokomoya zikaKristu ezulwini. (ISityhilelo 14:1-5) Phofu ke, kuthekani ngenginginya yoluntu ngoku elele ukufa emangcwabeni ayo? Xa wayelapha emhlabeni, uYesu wathi uYise umnike igunya lokugweba nokunika ubomi. Wongezelela esithi: “Musani ukumangaliswa kuko oko; ngokuba kuza ilixa abaya kuthi ngalo bonke abasemangcwabeni balive ilizwi lakhe; baphume ke: . . . beze eluvukweni lobomi.” (Yohane 5:26-29) Aba uya kubabuyisela ebomini kumhlaba oyiParadisi.

40 Qwalasela amazwi kaYesu athi, “Musani ukumangaliswa kuko oko.” Sekunjalo, ubani ekukudala wafa unokukhululwa njani ekufeni aze abuyiselwe ebomini? Ngaba umzimba wakhe awubuyelanga eluthulini? Wambi amasuntswana awayenze loo mzimba kusenokuba ade aba yinxalenye yezinye izinto eziphilileyo, ezinjengezityalo nezilwanyana. Phofu ke, uvuko aluthethi ukuhlanganiswa kweziqalelo zemichiza ekwaminye kwakhona. Luthetha ukuba uThixo uphinda adale loo mntu ukwamnye, enobuntu awayenabo. Uvelisa umzimba omtsha ngamasuntswana omhlaba, yaye kuloo mzimba ufaka kwaezo mpawu zikwanye, iimpawu ezimfanisayo, inkumbulo ekwanye, nendlela yobomi ekwanye loo mntu awayeyakhile de kwaba lixesha lokufa kwakhe.

41 Kusenokwenzeka ukuba wakha watshelwa ngokupheleleyo yindlu yakho owawuyithanda kunene. Phofu ke, ngokulula wawunokuyakha ngokutsha kwaloo ndlu inye, kuba ukumila kwazo zonke iinkcukacha zayo ozithandayo kwakusaqaqambile kwinkumbulo yakho. Ngoko, ngokuqinisekileyo uThixo onguMenzi wenkumbulo unokubadala ngokutsha abantu abagcine kwinkumbulo yakhe kuba ebathanda. (Isaya 64:8) Kungeso sizathu le nto iBhayibhile isebenzisa ibinzana elithi “amangcwaba enkumbulo.” (NW) Xa ilixesha likaThixo elifanelekileyo lokubuyisela abafileyo ebomini kwakhona, uya kuwenza loo mmangaliso, kanye njengokuba wenza ummangaliso ekudaleni umntu wokuqala, nto nje ngeli xesha uya kuwenza izihlandlo ezininzi ngokuphindaphindiweyo.—Genesis 2:7; IZenzo 24:15.

42 UThixo uya kubuyisela uluntu ebomini, lunethemba lokungaze lufe kwakhona emhlabeni. Kodwa bunokubakho njani ubomi obungunaphakade emhlabeni? Bunokubakho yaye buqinisekile kuba bukukuthanda nenjongo kaThixo. (Yohane 6:37-40; Mateyu 6:10) Ekuphela kwesizathu sokuba umntu afe emhlabeni namhlanje sikukuba wakuzuz’ ilifa ukufa kuAdam. Noko ke, xa siqwalasela ukwahlukahlukana okungenasiphelo kwezinto ezimangalisayo ezisemhlabeni umntu awayecetyelwe ukuba azinandiphe, ithuba lobomi elifutshane elingaphantsi kwekhulu leminyaka lifutshane gqitha! Ekunikeleni lo mhlaba kubantwana babantu, uThixo waceba ukuba umntu umele ahlale ephila enandipha uzuko lwendalo Yakhe, kungekhona nje ngeminyaka elikhulu, okanye kwanewaka leminyaka, kodwa ngonaphakade!—INdumiso 115:16; 133:3.

Urhulumente Ofezekileyo Woxolo

43 Ngenxa yokuba abazali bethu bokuqala batyeshela umthetho kaThixo, urhulumente wabantu waba phantsi kolawulo lukaSathana. IBhayibhile imbiza uSathana ngokufanelekileyo ngokuthi ‘nguthixo weli phakade.’ (2 Korinte 4:4) Iimfazwe, inkohlakalo, ukonakala nokungazinzi koorhulumente babantu kungqina ukuba unguye uthixo weli phakade. UManyano Lwezizwe neZizwe Ezimanyeneyo zisilele ukuzisa uxolo kwesi siphithiphithi. Uluntu lukhalela urhulumente woxolo. Ngaba akukho ngqiqweni ukuba uMdali, oceba ukubuyisela iParadisi kulo mhlaba, ebeya kulungiselela urhulumente ofezekileyo waloo Paradisi? Oko koko kanye uYehova acebe ukukwenza. UKumkani omela Yena kulo rhulumente ‘nguMthetheli woxolo’ wakhe, uKristu Yesu, yaye ‘kobakho uxolo olungenakuphela etroneni.’—Isaya 9:6, 7.

44 IBhayibhile ibonisa ukuba urhulumente ofezekileyo uya kuba sezulwini. Ekule ndawo ifanelekileyo, uKumkani uYesu Kristu uya kulawula ngokunomphumo kuwo wonke umhlaba ngobulungisa. Ngaphezu koko, uya kuba nabalawuli abazizinxulumani kuloo rhulumente wasezulwini ungabonakaliyo. Aba banyulwa phakathi kwabantu abathembekileyo, abalandeli bakaYesu abanamathela kuye ukutyhubela iimvavanyo nathi kubo: “Nam ndinimisela ubukumkani; njengokuba uBawo endimisele mna.” (Luka 22:28, 29) Ngabambalwa kuphela abasuka eluntwini abathatyathelwa ezulwini ukuba balawule noKristu Yesu. Kuyafana nakwiintlanga namhlanje, apho ingabambalwa kuphela abanyulelwa ukulawula epalamente. IBhayibhile ibonisa ukuba uYesu Kristu uya kuba nabalawuli abazizinxulumani abali-144 000 kuphela. Ngoko uBukumkani bukaThixo, okanye urhulumente wasezulwini, ubunjwe nguKristu Yesu nabantu abali-144 000 abathatyathwe emhlabeni basiwa ezulwini. (ISityhilelo 14:1-4; 5:9, 10) Kuthekani ke ngomhlaba? INdumiso 45:16 ikhankanya ukuba uKumkani uya kumisa “abathetheli ehlabathini lonke.” “Abathetheli” abangabantu, okanye abaveleli baseburhulumenteni, baya kumiselwa ngokusuka ezulwini ngenxa yokuzinikela kwabo okunzulu kwimigaqo yobulungisa.—Thelekisa uIsaya 32:1.

45 Urhulumente ofezekileyo umiselwa nini yaye njani? Xa uYesu wayesemhlabeni obu Bukumkani babungumxholo ophambili wokushumayela kwakhe. (Mateyu 4:17; Luka 8:1) Noko ke, akazange abumisele uBukumkani ngelo xesha, engazange enjenjalo nasekuvukeni kwakhe. (IZenzo 1:6-8) Kwanasekunyukeleni kwakhe emazulwini, kwafuneka elindele ixesha likaYehova elimisiweyo. (INdumiso 110:1, 2; Hebhere 1:13) Isiprofeto seBhayibhile sibonisa ukuba elo xesha limisiweyo laba ngowe-1914 C.E. Phofu ke, wumbi uya kubuza athi, ‘Kunokuba kubekho urhulumente ofezekileyo, akazange na owe-1914 aphawule ukuqala kooyeha abandileyo ehlabathini?’ Oko kunjalo kanye! Ukuza koBukumkani bukaThixo kunxulumene ngokusondeleyo neziganeko eziziintlekele zeminyaka yakutshanje, njengoko ngoku siza kubona.

46 Phantse kangangeminyaka engama-35 ngaphambi kowe-1914, IMboniselo (ngoku elelona phephancwadi lonqulo elisasazwa ngokubanzi emhlabeni) ibitsalel’ ingqalelo kowe-1914 njengomnyaka ophawulweyo kwisiprofeto seBhayibhile. Ezi ziprofeto zaqalisa ukuzaliseka ngokuphawulekayo ngowe-1914. Esinye sazo yayisisiprofeto sikaYesu buqu, awasitsho kwiminyaka eli-1 900 eyadlulayo, ngokubhekisele ‘kumqondiso’ owawuya kubonakala ekupheleni kwale nkqubo yezinto, nowawuya kungqina ukuba ukho ngokungabonakaliyo enamandla kakumkani. Ephendula umbuzo wabafundi bakhe ‘ongomqondiso,’ wathi: “Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iindlala, neendyikitya zokufa, nezinyikimo zomhlaba kwiindawo ngeendawo. Zonke ke ezo zinto zikukuqaleka kwenimba.” (Mateyu 24:3, 7, 8) Ngenzaliseko eyothusayo, eyokuqala yeemfazwe zehlabathi yaqala ngowe-1914, yatshabalalisa ngokuphindwe kasixhenxe kunazo zonke iimfazwe ezingama-900 ezenzeka kwiminyaka engama-2 500 eyadlulayo! Inimba yaqhubeka ukususela ngoko. Ngaba uye wakubona ukutshabalalisa kwemfazwe, ukunqongophala kokutya, okanye nayiphi na yeenyikima zomhlaba ezinkulu ebezithwaxa lo mhlaba ukususela ngowe-1914? Ukuba kunjalo, ubulingqina lokuzibonela ‘lomqondiso’ ‘wexesha lokuphela’ kwale nkqubo yezinto.—Daniyeli 12:4.

47 ‘Inimba’ iye yaqatha ukutyhubela iMfazwe Yehlabathi II, eyayitshabalalisa ngokuphindwe kane ukudlula iMfazwe Yehlabathi I, yaze yaqhubeka isiba qatha ukuza kufikelela kwisizukulwana senyukliya, nto leyo ezalisekisa isiprofeto esibhekele phaya sikaYesu esithi: “Nasemhlabeni kubekho ukuxinezeleka kweentlanga, zithingaza; . . . abantu besifa kukoyika nakukulindela izinto ezilizelayo elimiweyo.” (Luka 21:25, 26) Ukwanda kolwaphulo-mthetho nobungendawo, ukungathobeli nobunjubaqa babantwana, nokwanda kokungahloneli Thixo nokuziphatha okubi—ezi ziganeko zikhwankqisayo zakwaxelwa kwangaphambili njengeziphawula ‘imihla yokugqibela’ yale nkqubo ingendawo.—2 Timoti 3:1-5; Mateyu 24:12.

48 Noko ke, ukuba urhulumente wasezulwini wasekwa ngowe-1914, kutheni kukho konke oku kunxunguphala emhlabeni? NguSathana uMtyholi okubangelayo. Xa uKristu wafumana amandla oBukumkani, into yokuqala awayenzayo yaba kukulwa noSathana kumazulu angabonakaliyo. Ngokomphumo, uSathana, “lowo ulilahlekisayo elimiweyo liphela,” waphoselwa phantsi nezithunywa zakhe kummandla womhlaba. Esazi ukuba ixesha lokutshatyalaliswa kwakhe liyasondela, uphemba inkathazo enkulu emhlabeni. ‘Nguyeha, kwabo bawumiyo umhlaba nolwandle! Ngokuba uhlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi nje ukuba ixesha analo lincinane.’—ISityhilelo 12:7-9, 12.

49 Ngaba siya kubakho isiphelo saba yeha? Ewe!—xa urhulumente wezulu ngokwakhe, uBukumkani boThixo onguSomandla, buthabath’ inyathelo ‘lokonakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.’ (ISityhilelo 11:18; Daniyeli 2:44) UThixo akasayi kuze avumele amagunya obupolitika, amaKristu obuxoki, okanye nabani na ongomnye ukuba onakalise umsebenzi wezandla zakhe, umhlaba, ngezixhobo zabo zenyukliya. Kunoko, uthi: “Ngokuba kulunge kum ukuhlanganisa iintlanga, ndibuthe izikumkani, ukuze ndiyiphalaze ingqumbo yam phezu kwazo, konke ukuvutha komsindo wam.” (Zefaniya 3:8) UYehova, ngoKristu wakhe, uya kusebenzisa amandla amakhulu awalawulayo kwindalo iphela ekuziseni intshabalalo enkulu kubo bonke abalandela uSathana emhlabeni. Iya kuba yegubungela umhlaba, elingana ngobukhulu noMkhukula womhla kaNowa.—Yeremiya 25:31-34; 2 Petros 3:5-7, 10.

50 EBhayibhileni oku kutshatyalaliswa kweentlanga ezingendawo kubizwa ngokuba lidabi likaThixo laseArmagedon. (ISityhilelo 16:14-16) Kuphela ngabantu abalulamileyo, abafuna uYehova nobulungisa bakhe, abanokusinda kwiArmagedon baze bangene kwinkqubo entsha yoxolo kaThixo. (Zefaniya 2:3; Isaya 26:20, 21) Ngokubhekisele kwaba bantu iBhayibhile ithi: “Ke bona abalulamileyo baya kulidla ilifa ilizwe, baziyolise ngobuninzi boxolo.” (INdumiso 37:11) Uya kuthi ke umsebenzi ozukileyo wokubuyisela iParadisi emhlabeni uqalise!

Imfundo Yokungena EParadisi

51 Ubungathanda na ukuphila eParadisi? Ukuba impendulo yakho yethi ‘Ewe,’ uya kuchwayitiswa kukwazi ukuba uYesu xa wathetha ngenkqubo yanamhlanje enenkathazo ‘nangomqondiso’ wentshabalalo yayo esondelayo, wongezelela esithi, “Asisayi kudlula esi sizukulwana, zingadanga zonke ezo zinto zibekho.” Ubuncinane bambi besizukulwana esabona “ukuqaleka kwenimba” ngowe-1914 baya kuphila bade bayibone iParadisi ibuyiselwa emhlabeni. (Mateyu 24:3-8, 34) Noko ke, kusisibakala esibuhlungu ukuthi abantu abaninzi namhlanje bakwindlela ephangaleleyo esa entshabalalweni. (Mateyu 7:13, 14) Basalelwe lixesha elincinane lokuba baguquke. Hayi indlela onokuba nombulelo ngayo kuba uYehova eye wanikela isilumkiso kwangexesha! Kuba uYehova efuna ukuba ufumane ubomi, uya kukunceda ukuba uthabathe amanyathelo achanileyo.—2 Petros 3:9; Hezekile 18:23.

52 Eyona nto uyifuna ngokungxamisekileyo ngoku lulwazi oluchanileyo. (1 Timoti 2:4; Yohane 17:3) Unokulufumana phi? Ngaba lunokufunyanwa kuyo nayiphi na inkonzo? Abanye abantu bathi zonke iinkonzo zisengela thungeni linye, kanye njengokuba zonke iindledlana ezinyuka intaba zisiya encotsheni. Hayi indlela abaphosise ngayo! Ukuze bafumane indledlana echanileyo, abakhweli beentaba basebenzisa iimaphu, ibe baqesha abantu bokubakhokela. Ngokukwanjalo, kukho inkonzo yokwenyaniso enye kuphela eya kukhokelela kubomi obungunaphakade, ibe ukhokelo luyafuneka ukuze uyifumane.—IZenzo 8:26-31.

53 Le ncwadana inemifanekiso iye yalungiselelwa ngamaNgqina kaYehova ukukunceda. Sele ikuncedile ukuba uqonde ezinye iinyaniso zeBhayibhile ezisisiseko, akunjalo na? Akuthandabuzeki ukuba uzingqinele ngokwakho ukuba ngongoma nganye isekelwe eLizwini likaThixo eliphefumlelweyo. Ngoko, ukuze uhambele phambili ukusa kusukelo lwakho, umele uqhubeke ufunda. Kanye njengokuba imfundo efanelekileyo yasesikolweni iyimfuneko ukuze ubani abe nendawo kwibutho lemihla ngemihla, ngoko imfundo efanelekileyo yeBhayibhile iyimfuneko ukuxhobisela ubani ukuba angene kwibutho eliya kusindela ukuphila kumhlaba oyiParadisi. (2 Timoti 3:16, 17) USathana usenokuzama ukukuphazamisa ngokubangela izinxulumani ezisondeleyo zikuchase okanye ngokukuhendela kwindlela yokuthand’ izinto eziphathekayo ngokuzingca okanye yokuziphatha okubi. Unganikezeli kuSathana. Ukukhuseleka nekamva lakho liphela nelentsapho yakho lixhomekeke ekufundisiseni kwakho iBhayibhile ngokubhekele phaya.—Mateyu 10:36; 1 Yohane 2:15-17.

54 Ngaphandle kokuqhubeka nofundisiso lwakho lweBhayibhile lwangoku, kukwakho nenye indlela yokufunda. Abantu abaselumelwaneni lwakho abanomdla kwimfundo yeBhayibhile ngokuthe rhoqo baya kwiintlanganiso ezikwiHolo yoBukumkani yasekuhlaleni. Bonke abakhoyo bazele ukwamkela uyalelo oluphuma eBhayibhileni ibe ngokunyanisekileyo bazamela ukuba ngabantu abalunge ngakumbi. Abasebatsha babamkela ngokukhululekileyo, besithi, “Yizani, sinyuke siye entabeni kaYehova [indawo yakhe yonqulo] . . . asiyalele iindlela zakhe, sihambe ngomendo wakhe.” (Isaya 2:3) Izizathu ezilungileyo zokuya kwiintlanganiso zeBhayibhile zichazwe kumaHebhere 10:24, 25, athi: “Masinyamekelane, ukuba silolane eluthandweni nasemisebenzini emihle; singakuhilizeli ukuhlanganisana kwethu; njengesiko labanye. Masivuselelane kube kokukhona, niyibona nje ukuba imini leyo iyasondela.”

55 Njengoko unxulumana nentlangano kaYehova, uya kuzifumana izinto zahluke mpela kwezo zeetempile neecawa. Akukho nkongozelo, abantu abadlan’ izithende okanye baxambulisane, yaye akukho lucalucalulo ngenxa yemvelaphi yentsapho okanye yesikhundla umntu anaso ngokwemali. Olona phawu lubalaseleyo phakathi kwamaNgqina kaYehova luthando. Okokuqala, ayamthanda uYehova, ibe okwesibini, ayabathanda abanye abantu. Ezi ziimpawu zamaKristu okwenyaniso. (Mateyu 22:37-39; Yohane 13:35) Kufuneka uye kwiintlanganiso zawo uze uzibonele oku ngokwakho. Ngokungathandabuzekiyo uya kuchukunyiswa kukumanyana kwawo. Kukho amaNgqina angaphezu kwezigidi ezithathu ehlabathini jikelele kumazwe angaphezu kwama-200. Kanti, amaNgqina emhlabeni wonke alandela ucwangciso olufanayo kwiintlanganiso zawo. Ibe ngenxa yokushicilela kwangaxeshanye ngeelwimi ezininzi, kwiintlanganiso zawo zeeveki ngeeveki uninzi lwamaNgqina kaYehova ehlabathini jikelele afundisisa imibandela engeZibhalo efanayo eshiyana ngeeyure nje ezimbalwa. Umanyano lwentlangano kaYehova lungummangaliso wale mihla kweli hlabathi lahlukahlukeneyo.

56 Njengoko unxulumana ngokuthe rhoqo nabantu bakaYehova, kuya kufuneka ukuba wambathe ‘ubuntu obutsha’ uze uhlakulele isiqhamo somoya kaThixo—“uthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, intembeko, ubulali, ukuzeyisa.” (Kolose 3:10, 12-14; Galati 5:22, 23) Oku kuya kukuzisela ulwaneliseko olunzulu. Kusenokuba uneengxaki omele uzoyise amaxesha ngamaxesha ngenxa yokuba uphila kwihlabathi elonakeleyo nangenxa yokungafezeki kwakho ubuqu. Kodwa uYehova uya kukunceda. ILizwi lakhe liqinisekisa abo bathi ngokunyanisekileyo bazame ukumkholisa lisithi: “Ningaxhaleli nto; mazithi iingcelo zenu ezintweni zonke, ngako ukuthandaza nokukhunga, ndawonye nokubulela, zaziswe kuye uThixo. Lwaye uxolo lukaThixo, olugqithisele kuko konke ukuqonda, luya kuzigcina iintliziyo zenu neengqiqo zenu kuKristu Yesu.” (Filipi 4:6, 7) Uya kutsalwa luthando lukaYehova, kangangokuba uya kufuna ukumkhonza. AmaNgqina kaYehova aya kukuvuyela ukukubonisa indlela onokubahlulela ngayo ubomi bakho kulo Thixo onothando uze ube ngomnye wamangqina akhe aselungelweni. (INdumiso 104:33; Luka 9:23) Ewe, kulilungelo. Khawucinge nje ngoko! Njengomnquli kaYehova, unokuzama ukufikelela usukelo lobomi obungunaphakade kwiparadisi apha emhlabeni.—Zefaniya 2:3; Isaya 25:6, 8.

57 Ngoko, qhubeka ufundisisa yaye ukhula elwazini nasekuqondeni uYehova uThixo, uNyana wakhe norhulumente wasezulwini wobulungisa. Sichaza urhulumente kaThixo neentsikelelo aya kuzithululela phezu koluntu, isiprofeto seBhayibhile sithi: “Yabona, umnquba lo kaThixo unabantu; uya kuhlala nabo emnqubeni, bona babe ngabantu bakhe, yena uThixo abe nabo, enguThixo wabo.” “Yena uThixo,” ophakame ngaphezulu lee kulawulo lomntu oluzingcayo nolonakalisayo lwanamhla, uya kusondela gqitha njengoBawo onobubele kubo bonke abo bamthandayo nabamnqulayo kule nkqubo intsha. Eneneni, kuya kubakho unqulo olunye nje kuphela, unqulo lokwenyaniso lukaYehova uThixo, ibe abanquli bakhe baya kunandipha ulwalamano olusenyongweni lwabantwana noYise. Onjani yena uBawo onothando aya kuzibonakalisa enguye! “Azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu; ngokuba izinto zokuqala zigqithile.”—ISityhilelo 21:3, 4.

58 Kungaloo ndlela ke oya kuthi ummangaliso omkhulu wokwakha iparadisi emhlabeni phantsi korhulumente wasezulwini ofezekileyo ufezwe ngayo. Oko kuqiniseke njengokuba ilanga liya kuphuma lize litshone ngomso. Kuba amadinga kaYehova uThixo, uMdali wezulu nomhlaba, asoloko ‘eyinyaniso yaye ethembekile.’ Nguye ovakalisa ekwitrone yakhe ezulwini esithi: “Yabona, izinto zonke ndizenza ntsha.”—ISityhilelo 21:5.

Ekwenzeni impinda yale ncwadana, ungayiphendula njani imibuzo elandelayo?

IBhayibhile ibalasele ngaziphi iindlela?

Yintoni oyifundileyo ngoThixo?

Ungubani uKristu Yesu?

Ungubani uSathana uMtyholi?

Kutheni uThixo evumele ubungendawo nje?

Kutheni abantu besifa?

Injani imeko yabafileyo?

Iyintoni intlawulelo?

Uvuko lwenzeka phi yaye njani?

Buyintoni uBukumkani, ibe buya kufeza ntoni?

Uyintoni ‘umqondiso’ “wokupheliswa kwephakade eli”?

Unokuzilungiselela njani ubomi obungunaphakade eParadisi?

[Imibhalo esemazantsi]

a Iimbekiselo zeBhayibhile ezixhasa iziqendu ezingentla: (1) IZenzo 17:26; INdumiso 46:9; Mika 4:3, 4; Isaya 65:21-23; (2) Isaya 65:25; 11:6-9; 55:12, 13; INdumiso 67:6, 7; (3) Yobhi 33:25; Isaya 35:5, 6; 33:24; INdumiso 104:24; (4) Isaya 55:11.

b Ngaphandle kokuba kuboniswe ngenye indlela, iingcaphulo zeZibhalo ezikule ncwadana ziphuma kwiBhayibhile yesiXhosa. Apho kuboniswe ngokuthi NW emva kwengcaphulo, kubonisa ukuba inguqulelo isuka kwiNew World Translation of the Holy Scriptures, uHlelo Olutsha lowe-1984 yolwimi lwesiNgesi.

c Monarchs and Tombs and Peoples—The Dawn of the Orient, iphepha 25.

d Cyclopedia of Biblical, Theological, and Ecclesiastical Literature, nguJ. McClintock noJ. Strong, Umqulu 8, iphepha 908.

[Imibuzo YeSifundo]

1-4. (a) Ziziphi izinto ezikwiqweqwe lethu obungathanda ukuba nesabelo kuzo? (b) Liliphi ithemba elizukileyo apha elimiswa phambi kwakho? (c) Ziziphi ezinye izibhalo zeBhayibhile ezixhasa ithemba elinjalo?

5. (a) Yiyiphi incwadi ecacisa ezi zinto? (b) Kungaziphi iindlela ebalasele ngazo le ncwadi?

6. Yintoni eyahlula iBhayibhile kwezinye iincwadi ezicingelwa zingcwele?

7. Batheni abantu abacingayo ngeBhayibhile?

8, 9. (a) Kutheni kuphosakele nje ukuthi iBhayibhile iyincwadi yaseNtshona? (b) IBhayibhile yabhalwa njani, yaye ukutyhubela liphi ithuba lexesha? (c) Kutheni iBhayibhile inokubizwa ngokuthi ilithala leencwadi? (d) Mangaphi amadoda asetyenziswa ukubhala iBhayibhile? (e) Bubuphi ubungqina amanye ala madoda awabunikelayo ngoMthombo weBhayibhile?

10. (a) IBhayibhile yafikelela njani kumhla wethu? (b) Kutheni sinokuqiniseka nje ngelokuba siseneBhayibhile ephefumlelweyo yantlandlolo?

11. Izinto ezisandul’ ukubhaqwa kule mihla zivumelana njani nengxelo yeBhayibhile?

12. (a) Bathini abanye abagculeli ngoThixo? (b) Kutheni iBhayibhile ibhekisela kuThixo njengoBawo? (c) IBhayibhile ithi lingubani igama likaThixo?

13. Kungaziphi iindlela ezimbini uYehova azityhile ngazo kuluntu?

14. IBhayibhile isixelela ntoni ngoYehova?

15. Ukufundisiswa kwendalo ngamadoda akrelekrele kukhokelele kuziphi izigqibo?

16. Isibhakabhaka sibubalaselisa njani ubulumko namandla kaThixo okudala?

17. Kutheni kusengqiqweni nje ukukholelwa kubukho boMdali?

18. Yintoni ebonisa ukuba uThixo ungumntu yaye ufanelwe kukudunyiswa?

19. (a) Kutheni kungekho luhlanga olunokuthi ukoyisa emfazweni kubangelwe nguThixo? (b) Kutheni uThixo engenasabelo kwiimfazwe zeentlanga?

20. Yintoni engqina ukuba iNgqobhoko asiyoyabuKristu yaye ichasene noThixo?

21. Kutheni kusengqiqweni ukungayithandabuzi imimangaliso kaThixo?

22. Chaza indalo kaThixo yokuqala.

23. (a) Ulwalamano oluphakathi koThixo noNyana wakhe lunokuchazwa njani? (b) Yintoni uYehova awayidalayo ngoNyana wakhe?

24. (a) Yiyiphi indalo kaYehova yasemhlabeni ebalaseleyo, yaye ngaziphi iinkalo? (b) Kutheni kungekho ngqiqweni ukuthi umntu wadaleka esuka kwizilwanyana?

25, 26. (a) Liliphi ithemba elizukileyo elalibekwe phambi komntu? (b) Kutheni kwakungayi kubakho ngxaki yokuphuphuma kwabemi emhlabeni?

27. Yiyiphi imibuzo ngoku efuna ukuphendulwa?

28. Imvukelo yangena njani kumyezo oyiParadisi?

29. (a) Yiyiphi imbambano eyaphakamayo ukuba kugqitywe ngayo? (b) UThixo uhlangabezene nalo njani ucelomngeni? (c) Unokuba nesabelo njani ekunikeleni impendulo kugculelo lukaSathana?

30. Zithini iZibhalo ngesohlwayo esaba ngumphumo kumntu ngenxa yokungathobeli kwakhe?

31. Siyintoni isono, yaye uyintoni umphumo waso kuluntu?

32. IBhayibhile ikuchaza njani ukufa esiye sakuzuz’ ilifa?

33. (a) Liliphi ikamva elilindele uluntu nalo mhlaba? (b) Ziziphi izinto ezintathu nezibalulekileyo uYehova azifeza ngoNyana wakhe?

34, 35. (a) Yiyiphi indlela ekuphela kwayo umntu anokuhlangulwa ngayo ekufeni? (b) Iyintoni intlawulelo?

36. UYehova wabunikela njani ubomi bobuntu obufezekileyo njengentlawulelo?

37. UYesu walubonakalisa njani uthando lwakhe kubo bonke abantu abanqwenela ubomi?

38. UNyana kaThixo wabuyiselwa njani ebomini, yaye yintoni engqina oku?

39. (a) UYesu ulisebenzisa njani ixabiso ledini lakhe, yaye okokuqala ngenxa yoobani? (b) Nguwuphi omnye ummangaliso omkhulu uYesu awathetha ngawo?

40, 41. (a) Cacisa kanye oko kuthethwa “luvuko.” (b) Kutheni sinokuba nokholo kwisithembiso sikaThixo esingovuko?

42. Kutheni ubomi obungunaphakade emhlabeni buyinto enokwenzeka yaye buqinisekile?

43. (a) Yiyiphi imfuneko ekhoyo yorhulumente ofezekileyo? (b) Yintoni ecetywa nguYehova ngokubhekisele koku?

44. (a) Uya kuba phi lo rhulumente? (b) Uya kwakhiwa njani?

45, 46. (a) Wawuyintoni umxholo ophambili wokushumayela kukaYesu emhlabeni? (b) Kwakutheni ukuze urhulumente ofezekileyo angasekwa kwangoko? (c) Owe-1914 C.E. wawungunyaka obalaseleyo njani kwisiprofeto nakwiziganeko zehlabathi?

47. Iziganeko ezizalisekisa ‘umqondiso’ ziye zathabath’ unyawo njani kwiminyaka yakutshanje?

48. Ngubani obangela ooyeha emhlabeni, yaye kutheni beye banda ukususela ngowe-1914?

49. (a) Yintoni eya kwenzeka kwabo “bawonakalisayo umhlaba”? (b) UYehova uya kukuphumeza njani ‘okulunge kuye’ phezu kweentlanga?

50. (a) Iyintoni “iArmagedon”? (b) Ngoobani kuphela abaya kusinda kwiArmagedon?

51. Kutheni kuyimfuneko ngawe ukuba uthabathe inyathelo ngoku?

52. Yintoni oyifunayo ukuze wenze ukhetho lobulumko ngokubhekisele kunqulo?

53. (a) Ukuze uzuze ubomi obungunaphakade, yintoni omele uqhubeke uyenza? (b) Ziziphi izilingo ezivela kuSathana ekusenokufuneka ukuba uzoyise?

54. Liliphi ilungiselelo elibhekele phaya lokufunda uYehova alenzileyo elumelwaneni lwakho?

55. (a) Intlangano kaYehova yahluke ngaziphi iindlela kwezinye? (b) AmaNgqina kaYehova amanyene njani njengoko bengenjalo abanye abantu?

56. (a) Ziziphi iingenelo onokuzifumana ngokunxulumana nentlangano kaYehova? (b) Xa kuphakama iingxaki, umele usabele njani? (c) Kutheni kubalulekile ngawe ukuba ubahlulele ubomi bakho kuYehova?

57. (a) Kwinkqubo entsha, luluphi ulwalamano olusenyongweni oluya kubakho phakathi koThixo noluntu? (b) Ziziphi ezinye zeentsikelelo osenokuzinandipha ngoko?

58. Kutheni unokuqiniseka ukuba uYehova uya ‘kuzenza ntsha izinto zonke’?

[Imifanekiso ekwiphepha 13]

Njengento edaliweyo, umntu uphakame gqitha kwizilwanyana

[Umfanekiso okwiphepha 18]

UYesu wayelingana nendoda efezekileyo uAdam

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share