Imibuzo Edla Ngokubuzwa Ngabantu Abanomdla
Imibuzo ethile ibuzwa ngokufuthi ngakumbi kuneminye. Embalwa yaleyo iqwalaselwe apha.
Ukuba uThixo uluthando, kutheni le nto evumele ubungendawo?
UThixo ubuvumele ubungendawo, ibe izigidi ezisemhlabeni zibuqhelisela ngabom. Ngokomzekelo, zivakalisa iimfazwe, ziphosa iibhombu ebantwaneni, zitshisa umhlaba, zibangela iindlala. Izigidi zabantu ziyatshaya zize zifumane umhlaza wemiphunga, ziqhelisela ukrexezo zize zifumane izifo zeentlobano zesini, zizisela ngokugqithiseleyo iziselo ezinxilisayo zize zibe nesifo sesibindi, njalo njalo. Abantu abanjalo abafuni ngokwenyaniso ukuba ubungendawo bupheliswe. Bafuna nje kuphele izohlwayo abazifumanayo ngenxa yabo. Xa bevuna abakuhlwayeleyo, bayakhala baze bathi, “Kutheni kusenzeka kum nje?” Ibe bambek’ ityala uThixo, njengoko IMizekeliso 19:3 isithi: “Ukumatha komntu kuphenula indlela yakhe; ijalele uYehova intliziyo yakhe.” Ibe ukuba uThixo ebenokukuphelisa ukwenza kwabo ububi bebeya kulwela ukubandezwa kwabo inkululeko yokubenza!
Injongo kaYehova eyintloko yokuvumela ubungendawo kukuphendula ucelomngeni lukaSathana. USathana uMtyholi wathi akukho bantu uThixo wayenokubabeka emhlabeni ababeya kunyaniseka Kuye xa bevavanywa. (Yobhi 1:6-12; 2:1-10) UYehova uyamvumela uSathana ukuba abe nethuba lokungqina ucelomngeni lwakhe. (Thelekisa iEksodus 9:16.) USathana uyaqhubeka esizisa ooyeha ngoku, esenza abantu bachasane noThixo, njengoko ezama ukungqina ucelomngeni lwakhe. (ISityhilelo 12:12) Noko ke, uYobhi wayigcina ingqibelelo. UYesu naye wenjenjalo. AmaKristu okwenyaniso enjenjalo ngoku.—Yobhi 27:5; 31:6; Mateyu 4:1-11; 1 Petros 1:6, 7.
Ndiyathanda ukukholelwa kwiparadisi yasemhlabeni apho abantu baya kuphila ngonaphakade, kodwa ngaba oko akuyontsomi?
Akunjalo ngokweBhayibhile. Oku kubonakala kuyintsomi ngenxa nje yokuba uluntu seluneenkulungwane ezininzi gqitha lusazi izinto ezimbi. UYehova wadala umhlaba waza waxelela uluntu ukuba luwuzalise ngamadoda nabafazi abangamalungisa ababeya kunyamekela izityalo nezilwanyana baze balondoloze ubuhle bawo kunokuwutshabalalisa. (Bona iphepha 12 nele-17.) Kunokuba loo paradisi ithenjisiweyo ibe yintsomi, imeko ekhoyo ebuhlungu imbi gqitha ukuba ingaqhubeka ikho. Iparadisi iya kuyithabathel’ indawo.
Ukholo kula madinga asinto nje ebangelwa yintabatheko. “Ukholo luphuma eludabeni.” Ngokufundisisa iLizwi likaThixo, ubulumko balo buthi bucace nokholo lukhule.—Roma 10:17; Hebhere 11:1.
Ndinokubaphendula njani abantu abagxekayo baze bathi iBhayibhile iyintsomi yaye asiyoncwadi yenzululwazi?
Ubalo-maxesha lweBhayibhile luqinisekisa okukhulu ngokuchana kwembali yeBhayibhile. Inzululwazi yokwenyaniso ivisisana neBhayibhile. Izibakala ezilandelayo zaziseBhayibhileni kudala ngaphambi kokuba zifunyanwe ngabaphengululi behlabathi: amanqanaba umhlaba owadlula kuwo ekudalweni kwawo, into yokuba umhlaba ungqukuva, nokuba uyajinga awuxhaswanga nokuba iintaka ziyakwazi ukufuduka.—Genesis isahl. 1; Isaya 40:22; Yobhi 26:7; Yeremiya 8:7.
Ukuphefumlelwa kweBhayibhile kuboniswa ziziprofeto ezizalisekileyo. UDaniyeli waxela kwangaphambili ngokubonakala nokuwa kwamagunya ehlabathi, nexesha laxa uMesiya wayeya kuthi eze aze abulawe. (Daniyeli isahl. 2 nesesi-8; Dan 9:24-27) Namhlanje ezinye iziprofeto ziyazaliseka, zifanisa le “mihla yokugqibela.” (Mateyu isahl. 24; 2 Timoti 3:1-5) Ulwazi olunjalo lwangaphambili asinto ebangelwa ngamandla omntu. (Isaya 41:23) Ukuze ufumane isiqinisekiso esingakumbi, bona incwadi yeWatch Tower ethi Is the Bible Really the Word of God? nethi Life—How Did It Get Here? By Evolution or by Creation?
Ndingakwazi njani ukuphendula imibuzo eBhayibhileni?
Umele uyifundisise iBhayibhile uze ucamngce ngayo, kwangaxeshanye ucele umoya kaThixo ukuba ukwalathise. (IMizekeliso 15:28; Luka 11:9-13) IBhayibhile ithi, “Ukuba ubani kuni uswele ubulumko, makacele kuThixo, onika bonke engenakumbi, engangcikivi; wobunikwa.” (Yakobi 1:5) Kwakhona, kukho amancedo okufundisisa iBhayibhile ekuyinto efanelekileyo ukuba uwafunde. Ngokuqhelekileyo uncedo oluvela kwabanye luyafuneka, kwanjengokuba uFilipu wafundisisa nomTiyopiya. (IZenzo 8:26-35) AmaNgqina kaYehova aqhuba izifundo zeBhayibhile ngesisa nabantu abanomdla emakhayeni abo. Zive ukhululekile ukulucela olu ncedo.
Kutheni le nto abantu abaninzi bewachasa amaNgqina kaYehova baze bandixelele ukuba ndingafundisisi nawo?
Abantu babekuchasa ukushumayela kukaYesu, ibe wathi abalandeli bakhe nabo babeya kuchaswa. Xa abathile bathi bachukunyiswa kukufundisa kukaYesu, abachasi bonqulo bathi: “Ningaba nilahlekisiwe nani na? Kubaphathi nakubaFarisi kungaba kukho mntu ukholiweyo kuye yini na?” (Yohane 7:46-48; 15:20) Abaninzi abacebisa ukuba ungafundisisi namaNgqina kusenokwenzeka ukuba banolwazi oluphosakeleyo ngawo okanye banentiyo. Fundisisa namaNgqina uze uzibonele ngokwakho enoba ukuqonda kwakho iBhayibhile kuyakhula na okanye akunjalo.—Mateyu 7:17-20.
Kutheni le nto amaNgqina etyelela abantu abanonqulo lwabo?
Ekwenzeni oku alandela umzekelo kaYesu. Waya kumaYuda. AmaYuda ayenonqulo lwawo, kodwa ngeendlela ezininzi lwalutyekile kwiLizwi likaThixo. (Mateyu 15:1-9) Zonke iintlanga zinonqulo oluluhlobo oluthile, enoba zezo kufane kuthiwe zezamaKristu okanye zezingezozamaKristu. Kubaluleke kunene ngabantu ukuba babambelele kwiinkolelo ezivisisana neLizwi likaThixo, ibe imigudu yamaNgqina yokubanceda bakwenze oku ibonisa uthando lommelwane.
Ngaba amaNgqina akholelwa ukuba olwawo unqulo kuphela kolufanelekileyo?
Nabani na olujonga ngokunzulu unqulo lwakhe umele acinge ukuba lolufanelekileyo. Kungenjalo, kutheni le nto ebeya kubandakanyeka kulo? AmaKristu ayalwa ngala mazwi: “Izinto zonke zicikideni, nibambe leyo intle.” (1 Tesalonika 5:21) Umntu umele aqiniseke ukuba iinkolelo zakhe zinokuxhaswa ziZibhalo, kuba lunye kuphela ukholo lokwenyaniso. AmaEfese 4:5 ayakuqinisekisa oku, ekhankanya ukuba “inye iNkosi, lunye ukholo, lunye ubhaptizo.” UYesu akazange avumelane nembono yanamhla yokuyekelela ethi kukho iindlela ezininzi, iinkonzo ezininzi, zonke zikhokelela kusindiso. Kunoko, wathi: “Limxinwa isango, icuthene nendlela, esa ebomini; bambalwa ke abalifumanayo.” AmaNgqina kaYehova akholelwa kwelokuba alifumene. Kungenjalo, ebeya kukhangela olunye unqulo.—Mateyu 7:14.
Ngaba akholelwa ukuba ngawo kuphela aya kusindiswa?
Hayi. Izigidi ezininzi eziye zaphila kwiinkulungwane ezidluleyo nezazingengawo amaNgqina kaYehova ziza kubuya eluvukweni zize zifumane ithuba lokuphila. Uninzi lwabaphilayo ngoku lusenokuyimela inyaniso nobulungisa ngaphambi ‘kwembandezelo enkulu,’ ibe luza kufumana usindiso. Ngaphezu koko, uYesu wathi asimele sigwebane. Thina sikhangela umphandle; uThixo ukhangela intliziyo. Ubona ngokuchanileyo, agwebe ngenceba. Uyinike uYesu imbopheleleko yokugweba, akayinikanga thina.—Mateyu 7:1-5; 24:21.
Yiyiphi iminikelo engokwemali elindelwe kwabo baya kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova?
Ngokubhekisele kwiminikelo yemali, umpostile uPawulos wathi: “Elowo makanike njengoko agqibe ngako entliziyweni; makungabi kokuphuma kabuhlungu, nangokunyanzelwa; kuba uThixo uthanda umphi ochwayitileyo.” (2 Korinte 9:7) KwiiHolo zoBukumkani nakwiindawo zeendibano zamaNgqina kaYehova akukhe kuqokelelwe nkongozelo. Kubekwa iibhokisi ukuze zifumaneke kuye nabani na onqwenela ukunikela. Akukho bani waziyo okunikelwa ngabanye. Bambi bayakwazi ukunikela ngaphezu kwabanye; bambi basenokungakwazi nokunikela nantoni na. UYesu wabonisa imbono efanelekileyo xa wathetha ngebhokisi yobutyebi eyayisetempileni yaseYerusalem nangabo babenikela: ngamandla kabani okunikela nomoya wokunikela okubalulekileyo, asisosixa semali.—Luka 21:1-4.
Ukuba ndithi ndibe ngomnye wamaNgqina kaYehova, ngaba bekuya kulindelwa ukuba ndishumayele njengokuba esenjenjalo?
Xa ubani enolwazi lweparadisi yasemhlabeni ethenjisiweyo phantsi koBukumkani bukaKristu, ufuna ukwabelana ngalo nabanye. Nawe uza kwenjenjalo. Oko kuziindaba ezilungileyo!—IZenzo 5:41, 42.
Ukwenza oku kuyindlela ebalulekileyo yokubonisa ukuba ungumfundi kaYesu Kristu. EBhayibhileni uYesu ubizwa ngokuba ‘lingqina elithembekileyo neliyinyaniso.’ Xa wayesemhlabeni washumayela, esithi: “Ubukumkani bamazulu busondele,” ibe wathuma abafundi bakhe ukuba benze okufanayo. (ISityhilelo 3:14; Mateyu 4:17; 10:7) Kamva, uYesu wayalela abalandeli bakhe wathi: “Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, . . . nibafundisa.” Kwakhona waxela kwangaphambili ukuba, ngaphambi kwesiphelo, “ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga.”—Mateyu 28:19, 20; 24:14.
Zininzi iindlela zokuvakalisa ezi ndaba zilungileyo. Incoko nabahlobo nabantu oqhelene nabo idla ngokuvulela indlela yokwenjenjalo. Bambi oku bakwenza ngokubhala iileta okanye ngokusebenzisa umnxeba. Abanye bathumela uncwadi olunombandela abacinga ukuba umntu abaqhelene naye uya kuba nomdla ngokukhethekileyo kulo. Enomnqweno wokufumana bonke abantu, amaNgqina aya kwindlu ngendlu enesi sigidimi. Usenokunqwenela ukupheleka omnye wawo.
IBhayibhile inesi simemo sifudumeleyo: “UMoya nomtshakazi bathi, Yiza. Lowo uvayo makathi, Yiza. Lowo unxaniweyo makeze; lowo uthandayo, makawathabathe amanzi obomi ngesisa.” (ISityhilelo 22:17) Ukuxelela abanye ngomhlaba oyiparadisi neentsikelelo zawo kumele kwenziwe ngentliziyo evumayo, ngenxa yentliziyo ezaliswe ngumnqweno wokwabelana ngeendaba ezilungileyo.
Siqinisekile ukuba uneminye imibuzo ngamaNgqina kaYehova neenkolelo zawo. Mhlawumbi eminye yawo yeyempikiswano engokwemvelo. Sithanda ukuyiphendula. Isithuba esilapha kule ncwadana silinganiselwe; ngoko siyakumema ukuba uyibuze kumaNgqina asekuhlaleni, enoba kukwiintlanganiso zeHolo yawo yoBukumkani okanye xa ekutyelele ekhayeni lakho. Okanye, usenokuthumela imibuzo yakho kwiWatch Tower Society, kwiofisi yesebe ekufuphi nawe; bona uludwe olungezantsi.