IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • br78 iphe. 25-26
  • Intlangano Nomsebenzi Wawo Womhlaba Wonke

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Intlangano Nomsebenzi Wawo Womhlaba Wonke
  • AmaNgqina KaYehova Kwinkulungwane Yamashumi Amabini
  • Amanqaku Afanayo
  • Intlangano Nomsebenzi Wawo Wehlabathi Lonke
    AmaNgqina KaYehova—Angoobani? Yintoni Ayikholelwayo?
  • Abadala Abalusa Umhlambi
    Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano
  • Yintoni Eyenziwa Kwiofisi Yesebe?
    Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje?
  • Indlela AmaNgqina KaYehova Alungelelaniswe Ngayo
    Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi?
Khangela Okunye
AmaNgqina KaYehova Kwinkulungwane Yamashumi Amabini
br78 iphe. 25-26

Intlangano Nomsebenzi Wawo Womhlaba Wonke

Ziliqela iindlela ezisetyenziswayo ekwalathiseni umsebenzi wokunikela ubungqina emazweni angaphezu kwama-200 apho wenziwa khona. Lonke ulwalathiso luvela kwiQumrhu Elilawulayo kwikomkhulu lehlabathi eBrooklyn, eNew York. Apho kuthunyelwa abameli nyaka ngamnye “kumacandelo” ali-15 okanye angaphezulu ukuze badibane nabameli bamasebe kwicandelo ngalinye. Kwiiofisi zamasebe kukho iikomiti zamasebe ezisusela kumalungu amathathu ukuya kwasixhenxe nezizezokuvelela umsebenzi emazweni aphantsi kwazo. Uninzi lwamasebe luneendawo zokushicilela, noomatshini abathile berotary abasebenza ngesantya esiphakamileyo. Ilizwe okanye ummandla owonganyelwa lisebe ngalinye wahlulahlulwa ube zizithili, zize zona izithili zahlulahlulwe zibe ziziphaluka. Siphaluka ngasinye sinamabandla amalunga nama-20. Umveleli wesithili wongamela “indibano yesiphaluka” kula mabandla kanye ngonyaka, njengoko etyelela iziphaluka ezikwisithili sakhe ngokulandelelana kwazo. Kukho umveleli wesiphaluka, ibe yena utyelela ibandla ngalinye elikwisiphaluka sakhe ngokuqhelekileyo kabini ngonyaka, enceda amaNgqina ekulungelelaniseni nasekwenzeni umsebenzi wokushumayela kummandla owabelwe elo bandla.

Ibandla lasekuhlaleni neHolo yalo yoBukumkani sisazulu sokuvakaliswa ‘kweendaba ezilungileyo’ kummandla okuwo. Imimandla ephantsi kwebandla ngalinye izotywe kwimaphu ngokwemimandla emincinane. Le mimandla yabelwa amaNgqina ngamanye azabalazela ukutyelela nokuthetha nabantu kwikhaya ngalinye apho. Bandla ngalinye, elibunjwa ngamaNgqina ambalwa ukusa kwanokuba ngama-200, linabadala ababelwe ukunyamekela imisebenzi eyahlukahlukeneyo. Mvakalisi ngamnye ‘weendaba ezilungileyo’ ungobalulekileyo kwintlangano yamaNgqina kaYehova. Ngqina ngalinye, enoba likhonza kwikomkhulu lehlabathi, okanye kumasebe, okanye emabandleni, lenza lo msebenzi wentsimi wokubaxelela ngokobuqu abanye ngoBukumkani bukaThixo.

Iingxelo zalo msebenzi ekugqibeleni zithi zifikelele kwikomkhulu lehlabathi, kuze emva koko kuqulunqwe yaye kupapashwe iYearbook yonyaka. Kwakhona, nyaka ngamnye kupapashwa isicangca kwinkupho yeMboniselo kaJanuwari 1. Ezi mpapasho zimbini zinikela iingxelo ezineenkcukacha ngezinto ezifezwe kunyaka ngamnye ekunikelweni kobungqina ngoYehova noBukumkani bakhe phantsi koKristu Yesu. I-1987 Yearbook ibika ukuba ngowe-1986 amaNgqina angaphezu kwezi-3 000 000, akumabandla angama-52 177, achitha ngaphezu kweeyure ezingama-680 000 000 evakalisa “iindaba ezilungileyo.” Ebudeni bonyaka wenkonzo we-1986, abantu abasebatsha abali-225 868 babhaptizwa. Uncwadi olwahanjiswayo lwaluyimibhalo engamakhulu ezigidi.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share