IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • si iphe. 91-94
  • Incwadi YeBhayibhile 17—Estere

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Incwadi YeBhayibhile 17—Estere
  • “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
  • Amanqaku Afanayo
  • UMordekayi NoEstere
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • Wenza Ngobulumko, Ngenkalipho Nangokuzincama
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Iimbalasane Zencwadi KaEstere
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Wenza Ngobulumko, Ngenkalipho Nangokuzincama
    Xelisa Ukholo Lwabo
Khangela Okunye
“Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
si iphe. 91-94

Incwadi YeBhayibhile 17—Estere

Umbhali: NguMordekayi

Iindawo Eyabhalelwa Kuzo: EShushan, kwaElam

Ukugqitywa Kokubhalwa Kwayo: Malunga nowama-475 B.C.E.

Ixesha Eligutyungelweyo: Ngowama-493 kuse malunga nowama-475 B.C.E.

1.Liliphi ibali elibaliswa kwincwadi kaEstere?

XA KUCHAZWA nje ngokulula, eli libali lika-Ahaswerosi, ukumkani wasePersi, bambi abacinga ukuba yayinguXerxes I, othi umfazi wakhe ongathobeliyo uVashti athatyathelw’ indawo nguEstere ongumYudakazi, intombi kayisekazi kaMordekayi. UHaman ongumAgagi wenza iyelenqe lokubulala uMordekayi nawo onke amaYuda, kodwa uxhonywa kwisibonda somthi asigxumeke ngokwakhe, ngoxa uMordekayi ehambela phambili esiba yinkulumbuso kwaye amaYuda ehlangulwa.

2.(a)Kutheni le nto bambi beye bakuthandabuza ukuphefumlelwa kwencwadi kaEstere? (b) Igama likaThixo libonakala lisetyenziswe njani kwincwadi kaEstere?

2 Kambe ke, kukho abo bafuna ukuthi incwadi kaEstere ayiphefumlelwanga kwaye ayiyongenelo kodwa ilibali nje elimnandi. Ibango labo balisekele kwinto yokuba kuyo lingekho igama likaThixo. Ngoxa kuyinyaniso ukuba kuyo uThixo akakhankanywanga ngokungqalileyo, kwisibhalo sesiHebhere kubonakala kukho izihlandlo ezine ezahlukeneyo zesicatshulwa seTetragrammaton, koonobumba bokuqala bamagama amane alandelelanayo, ababizwa ngokuthi YHWH (ngesiHebhere, יהוה), okanye uYehova. Aba nobumba bokuqala babalaseliswa ngokukhethekileyo ubuncinane kwimibhalo-ngqangi emithathu yamandulo yesiHebhere kwaye kwiMasora bakwaphawulwe ngoonobumba ababomvu. Kwakhona, kuEstere 7:⁠5 kubonakala kukho isicatshulwa samazwi kaThixo athi “Ndinguye.”—Bona imibhalo esemazantsi ye-NW kuEstere 1: 20; 5: 4, 13; 7:⁠7, nese-7:⁠5.

3.Ziziphi iziganeko ezibonisa ukholo nokuthandaza kuThixo, kwaye ziziphi iziganeko ezibonisa ukuba nguThixo owayesalathisa imicimbi?

3 Kuyo yonke le ngxelo kubonakala ngokucacileyo ukuba uMordekayi wawamkela waza wawuthobela umthetho kaYehova. Akazange avume ukuguqa aze ahlonele umntu ekunokwenzeka ukuba wayengumAmaleki; uThixo wayeza kuwatshabalalisa ama-Amaleki. (Estere 3: 1, 5; Dut. 25: 19; 1 Sam. 15:⁠3) Amazwi kaMordekayi akuEstere 4: 14 abonisa ukuba wayelindele intlangulo evela kuYehova nokuba wayenokholo kulwalathiso lukaThixo lwayo yonke inkqubo yeziganeko. Ukuzila ukudla kukaEstere, kwanenyathelo elifanayo elathatyathwa ngamanye amaYuda, kangangeentsuku ezintathu ngaphambi kokuba aye kukumkani kubonisa ukukholosa ngoThixo. (Estere 4: 16) Into yokuba nguThixo owashukumisela iziganeko ngandlel’ ithile ikwaboniswa kukubabalwa kukaEstere nguHegayi, umgcini wabafazi, nakwinto yokuba ukumkani angalali ebusuku kangangokuba wathi makuziswe iincwadi zemicimbi yaseburhulumenteni waza wafumanisa ukuba uMordekayi akazange enzelwe mbeko ngenxa yesenzo sakhe esihle sangaphambili. (Estere 2: 8, 9; 6: 1-⁠3, thelekisa IMizekeliso 21:⁠1.) Ngokungathandabuzekiyo kubhekiselwa emthandazweni kumazwi athi, “imicimbi yokuzila ukudla nokukhalela kwawo uncedo.”—Estere 9: 31, NW.

4.Incwadi kaEstere ingqinelwe njani njengeyinyaniso?

4 Izibakala ezininzi zingqinela le ngxelo njengeyinyaniso. Yayisamkelwa ngabantu bakwaYuda, ababeyibiza ngokuqhelekileyo le ncwadi ngokuthi Meghil·lahʹ, gama elo elithetha “umsongo.” Kubonakala ukuba yayiqukiwe kwimibhalo engcwele yesiHebhere eyabhalwa nguEzra, ngokuqinisekileyo owayeya kuyigatya into eyintsomi. Ukuza kuthi ga kulo mhla, amaYuda asawugcina umhla wesidlo sePuri, okanye iQashiso, wokubhiyozela intlangulo enkulu yomhla kaEstere. Le ncwadi iyichaza ihambo yokuziphatha namasiko amaPersi ngendlela eqhelekileyo ebomini nevisisana nezibakala ezaziwayo zembali nangokuvisisana nobungqina obufunyenwe ngokumbiwa kwezinto zakudala. Ngokomzekelo, incwadi kaEstere iyichaza ngokuchanileyo indlela amaPersi ayeyizukisa ngayo indoda. (6:⁠8) Ukumbiwa kwezinto zakudala kuye kwabonisa ukuba imibhalo yebhotwe lokumkani njengoko inikelwe kwincwadi kaEstere ichane ukusa kwezona nkcukacha zincinane.a—5:⁠1, 2.

5.Kukuphi ukuchana okubangela ukuba ingxelo kaEstere ibe yeyinyaniso, kwaye ulwimi ebhalwe ngalo luvisisana naliphi ixesha?

5 Oku kuchana kwayo kukwaphawulwa nakwingxelo ngokwayo, kwindlela abhalwe ngayo ngokuchanileyo kuyo amagama amagosa nabalindi basentendelezweni, inikela kwanamagama oonyana abalishumi bakaHaman. Umlibo wokuzalwa kaMordekayi noEstere ulandwa ukususela emva kuKishe wesizwe sakwaBhenjamin. (2: 5-⁠7) Kubhekiselwa kwiingxelo zaseburhulumenteni zorhulumente wamaPersi. (2: 23; 6:⁠1; 10:⁠2) Ulwimi ebhalwe ngalo le ncwadi sisiHebhere samva, kongezelelwe amagama namabinzana amaninzi esiPersi nawesiAramiki, kwaye isimbo sokubhalwa kwayo sifana neso seziKronike, uEzra noNehemiya, ngaloo ndlela ivisisana ngokupheleleyo nexesha eyabhalwa ngalo.

6.(a)Liliphi ixesha eligutyungelwa yincwadi kaEstere? (b) Ubungqina bubonisa ntoni ngombhali, kwanangendawo nexesha lokubhalwa kwayo?

6 Kucingelwa ukuba iziganeko zikaEstere zenzeka ngexesha lokulawula kobukhosi obunamandla basePersi nokuba zigubungela iminyaka emalunga ne-18 yokulawula kuka-Ahaswerosi (uXerxes I). Ixesha eligutyungelweyo, elifikelela kwithuba elimalunga nowama-475 B.C.E., liboniswa bubungqina obuvela kwimithombo yamaGrike, yamaPersi neyamaBhabhiloni.b UMordekayi, ingqina lokuzibonela nomlinganiswa ophambili kule ngxelo, ngokunokwenzeka nguye owayengumbhali wale ncwadi; iimvakalelo neenkcukacha zale ngxelo zibonisa ukuba umbhali umele ukuba wayephila ebudeni bokwenzeka kwezi ziganeko zazikwibhotwe laseShushan.c Nangona engakhankanywa nakweyiphi na enye incwadi yeBhayibhile, alithandabuzeki elokuba uMordekayi wayengumntu wokwenene embalini. Okubangel’ umdla kukuba, kuye kwafunyanwa umbhalo obhalwe ngoonobumba abatsobhileyo nongaphawulwanga umhla wawo ochazwa nguA. Ungnad waseJamani njengobhekisela kuMardukâ (uMordekayi?) njengegosa eliphezulu kwintendelezo yaseSusa (Shushan) ebudeni bolawulo lukaXerxes I.d Ngokungathandabuzekiyo kwakulapho eShushan awathi uMordekayi wayigqibezela ingxelo yeziganeko zikaEstere ngokukhawuleza nje emva kokuba zenzekile, oko kukuthi, malunga nowama-475 B.C.E.

OKUQULETHWE YEKAESTERE

7.Ngawaphi amanqam awenzekayo kwisidlo sika-Ahaswerosi, kwaye ngenxa yawo ukumkani uthabatha liphi inyathelo?

7 Ukumkanikazi uVashti uyakhiqwa esihlalweni (1: 1-22). Ngumnyaka wesithathu wokulawula kuka-Ahaswerosi. Uwenzela isidlo esikhulu amagosa obukhosi bakhe, ewabonisa ubutyebi nozuko lobukumkani bakhe kangangeentsuku ezili-180. Ngokulandelayo, wenzela bonke abantu umsitho omkhulu wemihla esixhenxe eShushan. Kwangaxeshanye, uVashti ukumkanikazi wenzela abafazi isidlo. Ukumkani uqhayisa ngobutyebi nozuko lwakhe aze, emnandi yiwayini, athi makuziswe uVashti ukuze abonise ngobuhle bakhe ebantwini nakubathetheli. Ukumkanikazi uVashti uyaqhubeka esala. Ngokucetyiswa ngamagosa asentendelezweni, abonisa ukuba lo mzekelo mbi unokubangela ukuba ukumkani adeleke kubo bonke ubukhosi bakhe, uAhaswerosi uyamshenxisa uVashti njengokumkanikazi kwaye upapasha iincwadi ezithi bonke abafazi “mabawabeke amadoda abo” kwaye onke amadoda “alawule ezindlwini zawo.”—1: 20, 22.

8.(a)Ziziphi iziganeko ezikhokelela ekubeni uEstere abe ngukumkanikazi? (b) Liliphi iyelenqe uMordekayi alityhilayo, kwaye kubhalwa yiphi ingxelo ngalo?

8 UEstere uba ngukumkanikazi (2: 1-23). Ekuhambeni kwexesha, ukumkani uyalela abaphathi ukuba bafune ezona nzwakazi ziseziintombi kuwo onke amaphondo ali-127 obukhosi aze azizise eShushan, apho zimele zilungiswe ngezithambiso zobuhle ukuze ziziswe phambi kokumkani. Phakathi kweentombi ezikhethwayo kukho uEstere. UEstere uyinkedama engumYudakazi, ‘emile kakuhle nentle ebusweni,’ ebikhuliswa ngumntwana kayisekazi wayo uMordekayi, oligosa laseShushan. (2:⁠7) Igama likaEstere lesiYuda, uHadasa, lithetha “uMmirtile.” UHegayi, umgcini wabafazi, uyakholiswa nguEstere kwaye umphatha ngendlela ekhethekileyo. Akukho bani waziyo ukuba ungumYudakazi, kuba uMordekayi ubemyalele ukuba akugcine oku kulihlebo. Ngokulandelayo iintombi ziziswa kukumkani. Ukhetha uEstere njengokumkanikazi wakhe omtsha, kwaye wenza isidlo ukuze abhiyozele ukunyulwa kwakhe. Kungekudala kamva, uMordekayi uyaliva iyelenqe lokubulawa kokumkani, kwaye ubangela ukuba uEstere alixele kukumkani “egameni likaMordekayi.” (2: 22) Eli yelenqe liyadandalaziswa, abenzi balo bayaxhonywa, kwaye oku kuyabhalwa kwiingxelo zembali yasebukhosini.

9.UMordekayi umcaphukisa njani uHaman, kwaye nguwuphi umyalelo wasebukhosini uHaman awufumanayo ngokuchasene namaYuda?

9 Iyelenqe likaHaman (3:⁠1–5: 14). Kudlula iminyaka emalunga nesine. UHaman, ekubonakala ukuba yinzala yokumkani wama-Amaleki uAgagi owabulawa nguSamuweli, uba yinkulumbuso. (1 Sam. 15: 33) Ukumkani uyamzukisa kwaye uyalela bonke abakhonzi bakhe abasesangweni lokumkani ukuba baqubude phambi koHaman. Aba baquka uMordekayi. Phofu ke, uMordekayi akavumi ukwenjenjalo, ebaxelela abakhonzi bokumkani ukuba yena ungumYuda. (Thelekisa iEksodus 17: 14, 16.) UHaman uyajwaqeka ngumsindo kwaye, efumanisa ukuba uMordekayi ungumYuda, ubona eli ilithuba elihle lokumcim’ igama uMordekayi nawo onke amaYuda. Kwenziwa iqashiso (ipuri) lokumisela usuku oluhle lokutshabalalisa amaYuda. Esebenzisa ukwamkeleka kwakhe kukumkani, uHaman utyhola amaYuda ngokuchasa umthetho kwaye ucela ukuba umyalelo wokutshatyalaliswa kwawo ubhalwe phantsi. UHaman uthi uza kunikela nge-10 000 leetalente zesilivere (elingana nezi-R171 756 000) ukuze axhase olu bulawo. Ukumkani uyavuma, kwaye imiyalelo ebhaliweyo, etywinwe ngomsesane wokumkani, ithunyelwa kubo bonke obu bukhosi, kumiselwa owe-13 kuAdare njengomhla wokutshatyalaliswa kwamaYuda.

10.UMordekayi noEstere balubonisa njani ukholo kumandla kaYehova?

10 Xa esiva lo mthetho, uMordekayi nawo onke amaYuda bayazila ngokwambatha ezirhwexayo nokuzigalela ngothuthu. ‘Kuzilwa ukudla, kuyalilwa yaye kuyambanjezelwa.’ (Estere 4:⁠3) Akuba exelelwe nguMordekayi ngeshwangusha lamaYuda, ekuqaleni uEstere umathidala ukungenelela. Isohlwayo sokuvela phambi kokumkani ungabizwanga sikukufa. Phofu ke, uMordekayi ubonisa ukholo lwakhe kumandla kaYehova ngokuxelela uEstere ukuba ukuba uyasilela ukubasindisa, uya kufa nakanjani na kwaye ukuhlangulwa “kowavelela amaYuda kwenye indawo.” Ngaphezu koko, ngaba akanakuba uEstere uye wenziwa ukumkanikazi “ngenxa yexesha elinje” na? (4: 14) Eyibona imbambano, uyavuma ukubeka ubomi bakhe engozini, kwaye onke amaYuda aseShushan azila ukudla kunye naye kangangeentsuku ezintathu.

11.UEstere uyisebenzisa njani into yokuba ethandwa ngukumkani, kodwa liliphi iyelenqe uHaman alenzela uMordekayi?

11 Wandula ke, evathe ezasebukhosini, uEstere abonakale phambi kokumkani. Uyababalwa nguye, kwaye umolulela intonga yakhe yegolide, esindisa ubomi bakhe. Ngoku uEstere umemela ukumkani noHaman esidlweni. Ebudeni besidlo, ukumkani uyambongoza ukuba amxelele isicelo sakhe, emqinisekisa ukuba uya kusenzelwa, “kude kube sesiqingatheni sobukumkani,” ekuthi ngoko uEstere amemele aba babini kwesinye isidlo ngosuku olulandelayo. (5:⁠6) UHaman uhamba evuyile. Kodwa nanko uMordekayi esesangweni lokumkani! Kwakhona akavumi ukuzukisa uHaman okanye ukuqubuda phambi kwakhe. Uvuyo lukaHaman lujika lube yingqumbo. Umfazi nabahlobo bakhe bacebisa ukuba agxumeke isibonda somthi esiziikubhite ezingama-50 (ama-22,3 eemitha) ubude aze afumane umyalelo kukumkani wokuba amxhome kuso uMordekayi. Ngoko nangoko uHaman uyasigxumeka isibonda somthi.

12.Kukuphi ukuguquka kweziganeko okubangela ukuba uAhaswerosi amzukise uMordekayi, nto leyo ebangela ukuhlaziswa kukaHaman?

12 Isikhuni sibuya nomkhwezeli (6:⁠1–7: 10). Ngobo busuku ukumkani uphelelwa bubuthongo. Uthi makaziselwe incwadi yeengxelo aze ayifundelwe, kwaye ufumanisa ukuba akazange amvuze uMordekayi ngokusindisa ubomi bakhe. Kamva, ukumkani uyabuza ukuba ngubani na osentendelezweni. NguHaman, oze kucela imvume kukumkani yokuba kubulawe uMordekayi. Ukumkani ubuza uHaman indlela afanele azukiswe ngayo umntu okholisekileyo kukumkani. Ecinga into yokuba ukumkani ucinga ngaye, uHaman wandlala inkqubo yobunewunewu obuzukileyo. Kodwa ukumkani umyalela oku: ‘Yenjenjalo kuMordekayi umYuda’! (6: 10) UHaman akanakwenza ngakumbi ngaphandle kokwambathisa uMordekayi ngengubo yasebukhosini, amkhwelise kwihashe likakumkani, aze amcandise ezitratweni zesixeko, edanduluka phambi kwakhe. Ehlazekile, uHaman uyangxama ukugoduka ethe matsha-matsha. Umfazi nabahlobo bakhe abamthuthuzeli. UHaman utshelwe zizicheku!

13.UEstere utyhila ntoni esidlweni, nto leyo ekhokelela kwesiphi isiphelo sikaHaman?

13 Ngoku lixesha lokuba uHaman aye esidlweni nokumkani noEstere. Ukumkanikazi uvakalisa ukuba yena nabantu bakowabo bathengisiwe, ukuze batshatyalaliswe. Ngubani na onobuganga bokwenza obu bubi? UEstere uthi: “Indoda engumbandezeli, elutshaba, ngulo Haman ungendawo.” (7:⁠6) Ukumkani uyasukuma enomsindo aze aphume esiya emyezweni. Eyedwa nokumkanikazi, uHaman ungxengxezela ubomi bakhe, kwaye ukumkani, xa ebuya, ucaphuka ngakumbi akubona uHaman ekwisingqengqelo sokumkanikazi. Ngoko nangoko uyalela ukuba uHaman axhonywe kanye kweso sibonda somthi yena Haman abesilungiselele uMordekayi!—INdu. 7:⁠16.

14.Ukumkani umvuza njani uEstere noMordekayi, kwaye uwababala ngawuphi umthetho obhaliweyo amaYuda?

14 UMordekayi uyanyuselwa, amaYuda ayahlangulwa (8:⁠1–10:⁠3). Ukumkani unika uEstere zonke izinto zikaHaman. UEstere uxelela uAhaswerosi ngolwalamano lwakhe noMordekayi, athi ukumkani amnyusele kwisikhundla ebesikade isesikaHaman ngaphambili, emnika umsesane wakhe wasebukhosini. Kwakhona, uEstere uchanaba ubomi bakhe ngokuya phambi kokumkani acele ukutshitshiswa komyalelo obhaliweyo wokutshatyalaliswa kwamaYuda. Phofu ke, ‘imithetho yamaPersi namaMedi’ ayinakutshitshiswa! (1: 19) Ngoko ke ukumkani unika uEstere noMordekayi igunya lokubhala umthetho omtsha baze bawutywine ngomsesane wokumkani. Lo mthetho ubhaliweyo, othunyelwa kubo bonke ubukhosi kanye njengokuba wenjenjalo owokuqala, unika amaYuda ilungelo lokuba “abizelane ndawonye, akhusele ubomi bawo, atshabalalise, abulale, asingele phantsi yonke impi yabantu neyelizwe eliwabandezelayo, abantwana nabafazi, aphange amaxhoba abo,” kwangosuku olufanayo nolo umthetho kaHaman oqala ngalo ukusebenza.—8:⁠11.

15.(a)Uba yintoni umphumo womlo, kwaye uMordekayi usungula siphi isidlo? (b) UMordekayi uphakanyiselwa kwesiphi isikhundla, kwaye ulisebenzisela ntoni eli gunya?

15 Xa usuku olumisiweyo, owe-13 kuAdare, lufika, akukho mntu unokuma phambi kwamaYuda. Ngenxa yesicelo sikaEstere kukumkani, umlo uyaqhubeka nangomhla we-14 eShushan. Xa zizonke, iintshaba zamaYuda ezingama-75 000 zabulawa kubo bonke obo bukhosi. Abantu abangakumbi abangama-810 bayabulawa eShushan komkhulu. Phakathi kwaba kukho oonyana abalishumi bakaHaman, ababulawa ngosuku lokuqala baza ngosuku lwesibini baxhonywa kwizibonda zemithi. Akuphangwa mpahla. Ngomhla we-15 kuAdare, kuyaphunyulwa, kwaye amaYuda enza isidlo aze avuye. Ngoku uMordekayi unika amaYuda imiyalelo ebhaliweyo yokugcina lo msitho ‘wePuri, oko kukuthi iqashiso,’ nyaka ngamnye ngomhla we-14 nowe-15 kuAdare, kwaye oku ayakwenza ukuza kuthi ga kulo mhla. (9: 24) UMordekayi wenziwa mkhulu ebukumkanini kwaye usebenzisa isikhundla sakhe njengowesibini kuKumkani uAhaswerosi “ebafunela abantu bakowabo okulungileyo, ethetha uxolo kwimbewu yonke yakowabo.”—10:⁠3.

ISIZATHU SOKUBA IBE YINGENELO

16.Yiyiphi imigaqo yobuthixo nomzekelo ofanelekileyo amaKristu awufumana kwincwadi kaEstere?

16 Ngoxa kungekho namnye umbhali weBhayibhile ocaphula ngokungqalileyo kuEstere, le ncwadi ivisisana ngokupheleleyo nazo zonke iZibhalo eziphefumlelweyo. Enyanisweni, inikela imizekeliso ebalaseleyo yemigaqo yeBhayibhile ethi ichazwe kamva kwiZibhalo zamaKristu zesiGrike naleyo isebenza kubanquli bakaYehova bazo zonke izizukulwana. Ukufundisisa ezi ndinyana zilandelayo akuyi kuphelela nje ekungqineleni oku njengenyaniso kodwa kuya kulwakha ukholo lomKristu: Estere 4:⁠5—Filipi 2:⁠4; Estere 9: 22—Galati 2: 10. Isityholo esabekwa kumaYuda, sokuba ayengayithobeli imithetho yokumkani, siyafana nesityholo awamangalelwa ngaso amaKristu okuqala. (Estere 3: 8, 9; IZe. 16: 21; 25:⁠7) Abakhonzi bokwenyaniso bakaYehova bahlangabezana nezityholo ezinjalo ngokungenaloyiko nangomthandazo bekholose ngamandla kaThixo okuhlangula, bexelisa umzekelo obalaseleyo kaMordekayi, uEstere namaYuda angoowabo.—Estere 4: 16; 5: 1, 2; 7: 3-⁠6; 8: 3-⁠6; 9: 1, 2.

17.UMordekayi noEstere baba ngumzekelo njani wehambo efanelekileyo ngokuzithoba kwabo kuThixo ‘nakumagunya awongamileyo’?

17 NjengamaKristu, asifanele sicinge ukuba imeko yethu yahlukile kuleyo kaMordekayi noEstere. Nathi siphila phantsi ‘kwamagunya awongamileyo’ kwihlabathi lasemzini. Ngumnqweno wethu ukuba ngabemi abathobela umthetho nakuliphi na ilizwe esihlala kulo, kodwa kwangaxeshanye, sifuna ukuwuqonda kakuhle umahluko phakathi ‘kokunikela izinto zikaKesare kuKesare nezikaThixo kuThixo.’ (Roma 13:⁠1; Luka 20: 25) Inkulumbuso uMordekayi noKumkanikazi uEstere bamisela imizekelo emihle yentlonelo nokuthobela kwimisebenzi yabo yengqesho. (Estere 2: 21-23; 6: 2, 3, 10; 8: 1, 2; 10:⁠2) Noko ke, uMordekayi ngokungenaloyiko wakuqonda ngokwahlukileyo ukuthobela umyalelo wasebukhosini wokuqubuda phambi komAgagi onezothe, uHaman. Ngaphezu koko, waqinisekisa ukuba kwenziwa isibongozo esisemthethweni xa uHaman wenza iyelenqe lokutshabalalisa amaYuda.—3: 1-⁠4; 5:⁠9; 4: 6-⁠8.

18.(a)Yintoni engqina ukuba incwadi kaEstere ‘iphefumlelwe nguThixo kwaye iyingenelo’? (b) Ikukhuthaza njani ukukhuselwa kwezilangazelelo zoBukumkani bukaThixo?

18 Bonke ubungqina balatha kwincwadi kaEstere njengeyinxalenye yeBhayibhile Engcwele, ‘ephefumlelwe nguThixo kwaye eyingenelo.’ Kwanokuba akakhankanywa ngokungqalileyo uThixo okanye igama lakhe, isinikela imizekelo ebalaseleyo yokholo. UMordekayi noEstere babengengobalinganiswa nje basentsomini ababethelekelelwa ngumntu othile obalisa amabali, kodwa babengabakhonzi bokwenene bakaYehova uThixo, abantu ababenentembelo ngokupheleleyo kumandla kaYehova okusindisa. Nangona babephila phantsi ‘kwamagunya awongamileyo’ kwilizwe lasemzini, basebenzisa zonke iindlela ezisemthethweni zokukhusela izilangazelelo zabantu bakaThixo nonqulo lwabo. Nathi namhlanje sinokulandela imizekelo yabo “ekukhuseleni nasekumiseleni ngokusemthethweni iindaba ezilungileyo” zoBukumkani bukaThixo bentlangulo.—Fil. 1:⁠7, NW.

[Imibhalo esemazantsi]

a I-Insight on the Scriptures, Umqu. 1, iphepha 764; Umqu. 2, iphepha 327-⁠31.

b I-Insight on the Scriptures, Umqu. 2, iphepha 613-⁠16.

c ICyclopedia kaMcClintock noStrong, uhlelo olutsha lowe-1981, Umqu. III, iphepha 310.

d UA. Ungnad, “Keilinschriftliche Beiträge zum Buch Esra und Ester,” kwiZeitschrift für die alttestamentliche Wissenschaft, LVIII (yowe-1940-41), iphepha  240-4.

[Imibuzo YeSifundo]

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share