Xelisa Ukholo Lwabo
Wenza Ngobulumko, Ngenkalipho Nangokuzincama
UESTERE uthe chu ngcembe ukuya etroneni, intliziyo ibetha ngamandla. Yiba nomfanekiso ngqondweni kusithi cwaka kwibhotwe lasePersi eShushan, ungeva nesipeliti esiwa phantsi. Kufuneka anikele ingqalelo angavumeli ingqondo ibhadule njengoko ebona ubuyokoyoko nobumbejembeje basebhotwe, isilingi yomthi womsedare waseLebhanon eqingqwe kakuhle. Uthe ntsho kwindoda ehleli etroneni, leyo ubomi bakhe busesandleni sayo.
Ukumkani umjongile njengoko esiza, aze amolulele intonga yakhe yegolide. Nangona yayiyinto ebonakala ingenamsebenzi, kodwa leyo yayiyindlela yokumkhulula kwisigwebo sokufa—ngokuya kukumkani engabizwanga. Njengoko esiza etroneni, uEstere wolula ingalo waza wabamba intonga enombulelo.—Estere 5:1, 2.a
Yonke into kaKumkani uAhaswerosi ibonisa ubutyebi negunya lakhe. Ingubo yasebukhosini eyayinxitywa ngookumkani bamaPersi balo maxesha yayixabisa amakhulu ezigidi zeerandi. Sekunjalo, yena uEstere wayebona umyeni onothando. Wathi: “Unantoni na, kumkanikazi Estere, yaye siyintoni na isicelo sakho? Kuse kwisiqingatha sobukumkani—wosinikwa!”—Estere 5:3.
UEstere sele ebonise ukholo nenkalipho ngendlela ebalaseleyo; ngokuza kukumkani ukuze ahlangule abantu bakhe kwiyelenqe lokubabulala. Ukuza kuthi ga ngoku zisamhambela kakuhle izinto kodwa isekho imiqobo esephambi kwakhe. Kufuneka eyisele lo kumkani unekratshi ukuba iphakathi lakhe eliyintonga esekhosi likhohlakele kuba limkhohlisile ukuze abulale abantu bakuloEstere. Wayeza kumcenga njani yaye yintoni esinokuyifunda kukholo lwakhe?
Walikhetha Ngobulumko “Ixesha Lokuthetha”
Ngaba uEstere wayefanele awuthi pahaha lo mbandela esidlangalaleni. Ukwenjenjalo kwakunokumthoba isidima ize loo nto imenze uHaman abe namandla okumphikisa. Ngoko ke, wenza ntoni uEstere? Kwiinkulungwane ezingaphambili uKumkani uSolomon osisilumko waphefumlelwa ukuba abhale athi: “Yonke into inexesha layo elimisiweyo, . . . kukho ixesha lokuthi cwaka nexesha lokuthetha.” (INtshumayeli 3:1, 7) Sisenokuyilindela into, yokuba uMordekayi owayekhulisa uEstere, wamfundisa imigaqo efana nalo ekukhuleni kwakhe. Ngokuqinisekileyo uEstere wayekuqonda ukubaluleka kokulikhetha ngobuchule ‘ixesha lokuthetha.’
UEstere wathi: “Ukuba kubonakala kulungile kukumkani, ukumkani makeze noHaman esidlweni endimenzele sona namhlanje.” (Estere 5:4) Ukumkani wavuma waza noHaman wabizwa. Ngaba uyayibona indlela yobulumko athetha ngayo uEstere? Wamphatha ngesidima umyeni wakhe ngaloo ndlela evulela ithuba elifanelekileyo lokuthetha oko kumxhalabisayo.
Akuthandabuzeki ukuba uEstere wakulungiselela kakuhle oko kutya, yaye eqiniseka ukuba yonke into iyamkholisa umyeni wakhe. Kwesi sidlo kwakukho newayini eyayiza kwenza wonke umntu akhululeke. (INdumiso 104:15) UAhaswerosi wasonwabela isidlo, waphinda wafuna ukwazi isicelo sikaEstere. Ngaba eli yayilixesha lokuba athethe?
UEstere akazange acinge ukuba elo lixesha elifanelekileyo. Kunoko, waphinda wabamemela kwisidlo sesibini ngosuku olulandelayo. (Estere 5:7, 8) Kwakutheni ukuze azizilize? Khumbula, ukuba bonke abantu bakulo Estere babeza kubulawa ngokomyalelo kakumkani. Ekubeni babesemngciphekweni, uEstere kwakufuneka aqiniseke ukuba ukhetha ixesha elifanelekileyo. Ngoko walinda, evulela umyeni wakhe elinye ithuba lokumbonisa indlela amhlonela ngayo.
Umonde luphawu olunqabileyo noluxabisekileyo. Nangona wayecinezelekile efuna ukuthetha, uEstere walinda ngomonde de kwalixesha elifanelekileyo. Sonke sinokufunda okungakumbi kumzekelo wakhe, kuba, kusenokwenzeka ukuba zikho izinto eziphosakeleyo esizaziyo ukuba zifuna ukulungiswa. Ukuba sifuna ukweyisela umntu osegunyeni ukuba alungise ingxaki, kusenokufuneka sixelise umzekelo kaEstere size sibe nomonde. IMizekeliso 25:15 ithi: “Ngomonde umphathi uyacengeka, yaye ngolwimi olunobulali unokwaphula ithambo.” Ukuba silinda ngomonde de kube lixesha elifanelekileyo size sithethe ngomoya wobulali, njengoEstere, kwanenkcaso eqine njengethambo inokoyiswa. Ngaba uThixo kaEstere, uYehova wawusikelela umonde nobulumko bakhe?
Umonde Utyeneneza Indlela Yokusesikweni
Umonde kaEstere watyeneneza indlela yongcelele lweziganeko. UHaman wemka kwisidlo sokuqala eziva kamnandi, “evuya, nentliziyo ichwayitile” kuba ukumkani nokumkanikazi bekholiswa nguye. Njengoko uHaman wayedlula esangweni, wathana ntla noMordekayi, la mYuda ungafuniyo ukuqubuda kuye. Ukungavumi kukaMordekayi ukuqubuda kuye akubangelwa kukungabi nantlonelo, kunoko, kungenxa yesazela nolwalamano lwakhe noYehova uThixo. Sekunjalo, uHaman “wazaliswa ngumsindo.”—Estere 5:9.
Xa uHaman wachazela umfazi nabahlobo bakhe ngale nto yenziwe nguMordekayi, bamcebisa ukuba agxumeke isibonda esiziimitha ezingama-22 ubude aze aye kucela imvume kukumkani yokuxhoma uMordekayi kuso. UHaman akazange alibazise wenza kanye loo nto.—Estere 5:12-14.
Kwangaxeshanye, ukumkani akazange alale kakuhle. IBhayibhile ithi “ukumkani waphuthelwa,” wathi makafundelwe iingxelo zasebuRhulumenteni. Kwezo ngxelo kwakubhalwe neyelenqe lokubulawa kwakhe. Wasikhumbula eso siganeko; nabo babeceba ukumbulala babanjwa baza babulawa. Kodwa kuthekani ngendoda eyatyhila elo yelenqe—uMordekayi? Ngokukhawuleza, ukumkani wafuna ukwazi ukuba yawongwa ngantoni. Impendulo? Akukho kwanto eyayenzelwayo.—Estere 6:1-3.
Ecaphukile, ukumkani wabuza ukuba ngawaphi amagosa akhoyo ukuze kulungiswe lento. Kubo bonke abantu, nguHaman owayekufutshane—kuba wayeze kucela imvume yokubulala uMordekayi. Kodwa ngaphambi kokuba enze isicelo sakhe, ukumkani wabuza ukuba ingawongwa njani indoda akholiswa yiyo ukumkani. Ecinga ukuba kubhekiswa kuye, uHaman weza neyona ndlela iza kutsala amehlo. Wathi loo ndoda mayambathiswe ingubo yasebukhosini, ize ikhweliswe ehasheni likakumkani ijikeleziswe iShushan kuze kubekho indoda ebambe ihashe idanduluka phambi kwayo. Yiba nomfanekiso ngqondweni wobuso bukaHaman xa efumanisa ukuba loo ndoda iza kuwongwa nguMordekayi! Ngubani indoda ayityumbileyo ukumkani ukuba idumise uMordekayi? nguHaman ngokwakhe!—Estere 6:4-10.
UHaman wayiphumeza loo nkonzo enesixhiba emva koko wabuyel’ emzini wakhe ecaphukile. Umfazi wakhe nabahlobo bakhe, bathi kuye isiphelo asisayi kuba sihle; wayengenakumoyisa uMordekayi umYuda.—Estere 6:12, 13.
Ngenxa yokuba uEstere wayenomonde, elinde olunye usuku ukuze enze isicelo kukumkani, uHaman wafumana ixesha elaneleyo lokuzirhintyela. Akungebi nguYehova uThixo owabangela ukuba ukumkani aphuthelwe? (IMizekeliso 21:1) Siyaqondakala isizathu sokuba iLizwi likaThixo lisikhuthaza ukuba sibe ‘nesimo sengqondo sokulinda.’ (Mika 7:7) Xa silindela kuThixo, sinokufumanisa ukuba indlela azilungisa ngayo iingxaki zethu iyodlula le leyo ebesinokuyisebenzisa thina.
Wathetha Ngenkalipho
UEstere wayengasafuni ukuvavanya umonde kakumkani ngakumbi, kwisidlo sakhe sesibini, kwakuza kufuneka awaqhaqhe amabholo. Njani? Njengoko, kwenzekayo, ukumkani wamvulela elinye ithuba, embuza ukuba siyintoni na isicelo sakhe. (Estere 7:2) ‘Ixesha lokuthetha’ kukaEstere lalifikile.
Ingathi siyambona uEstere ethandaza entliziyweni kuThixo wakhe ngaphambi kokuba athethe: “Ukuba ndikholekile emehlweni akho, kumkani, yaye ukuba kubonakala kulungile kukumkani, mandinikwe umphefumlo wam ngesibongozo sam nabantu bakowethu ngesicelo sam.” (Estere 7:3) Phawula ukuba wamqinisekisa ukumkani, ukuba uyasihlonela isigwebo sakhe koko kubonakala kulungile. Hayi indlela ahluke ngayo kuVashti, umfazi wangaphambili kakumkani, owahlazisa indoda yakhe ngabom! (Estere 1:10-12) Ngaphezu koko, uEstere akazange amgxeke ukumkani ngokuthembela ngoHaman. Kunoko, wabongoza ukumkani ukuba amkhusele.
Ngokuqinisekileyo eso sicelo samchukumisa saza sammangalisa ukumkani. Ngubani lo wayenobuganga bokubulala ukumkanikazi wakhe? UEstere uhlabela mgama athi: “Sithengisiwe, mna nabantu bakowethu, ukuba sibhujiswe, sibulawe size sitshatyalaliswe. Ke kaloku ukuba besithengiselwe ukuba sibe ngamakhoboka nezicakakazi kuphela, ngendiye ndathi cwaka. Kodwa oku kubandezeleka akufanelekanga xa kuza kuba ngumonakalo kukumkani.” (Estere 7:4) Phawula ukuba uEstere akazange afihle makhuba, kodwa uthi ngewayethule ukuba babeza kwenziwa amakhoboka. Ukutshayelwa kohlanga, kwakuza kuba ziindleko ezinkulu kumkani ukuba uyathula.
Umzekelo kaEstere usifundisa lukhulu ngobuchule bokucenga. Xa kufuneka udandalazise umbandela otyhulu kumntu omthandayo okanye kumntu osegunyeni, umzekelo wokuba nomonde, intlonelo nokuthetha phandle unokuba luncedo kakhulu.—IMizekeliso 16:21, 23.
UAhaswerosi wabuza: “Ngubani lo, yaye uphi na lowo oye wazikhaliphisa ukuba enjenjalo?” Yiba nombono kaEstere esalatha ngoxa ethetha la mazwi: “Indoda elutshaba, ngulo Haman mbi.” Sathiwa bhadla isimangalo. UHaman wagubha kukoyika. Yiba nomfanekiso wobuso bukakumkani buguquka bube bomvu njengoko efumanisa ukuba iphakathi lakhe eliyintonga esekhosi limkhohlisile ukuze agunyazise ukubulawa komfazi wakhe amthandayo! Ukumkani wathi thwasu way’ emyezweni ukuze aziqokelele kwakhona.—Estere 7:5-7.
UHaman, wabhencwa njengomntu ophehla amayelenqe,waza wawa ezinyaweni zikakumkanikazi. Ukubuyela kukakumkani endlwini aze abone uHaman ebongoza uEstere ongqendevileyo, ngomsindo ukumkani utyabeka uHaman ngesityholo sokuzama ukudlwengula ukumkanikazi. Eso sityholo sasiqinisekisa ukufa kukaHaman. Wakhutshelwa ngaphandle ubuso bakhe bugqunyiwe. Elinye lamagosa kakumkani, laxelela ukumkani ngesibonda eside ebesenziwe nguHaman ukuze abulale uMordekayi kuso. Ngokukhawuleza ukumkani wayalela ukuba uHaman axhonywe kuso.—Estere 7:8-10.
Kweli hlabathi siphila kulo kulula ukucinga ukuba akusoze kubekho okusesikweni. Ngaba wakha wavakalelwa ngalo ndlela? UEstere akazange aphelelwe lithemba, esoloko ekhalaza, engazange aphelelwe nalukholo. Ngexesha elifanelekileyo wathetha ngenkalipho waza wathembela kuYehova. Nathi masenze okufunayo. Ukususela ngelo xesha likaEstere uYehova akatshintshanga. Usakwazi ukubambisa abantu abangendawo nabanamaqhinga ngemigibe yabo, kanye njengoko wenzayo kuHaman.—INdumiso 7:11-16.
Wazincama Ngenxa KaYehova Nabantu Bakhe
Ekugqibeleni ukumkani wamazi uMordekayi ukuba ungumntu onjani—waphanzisa iyelenqe lokubulawa kwakhe kwanokuba ungutata owakhulisa uEstere. UAhaswerosi wamisela uMordekayi njengenkulumbuso isikhundla esasisesikaHaman. Indlu kaHaman—kuquka nobutyebi bakhe—ukumkani wabunika uEstere, waza yena wabuphathisa uMordekayi.—Estere 8:1, 2.
Ekubeni uEstere noMordekayi babesindile, ngaba ukumkanikazi wayekhululekile? Kuphela xa ecingela isiqu sakhe. Ngelo xesha, isindululo sikaHaman sokuba kubulawe onke amaYuda sasisasazeke mbombo zonke zobukhosi. UHaman wenza iqashiso okanye iPur—uhlobo oluthile lokusebenzelana nemimoya—ukuze akhethe ixesha elifanelekileyo lokuwabulala. (Estere 9:24-26) Imini yokubulawa kwamaYuda yayisekude kangangeenyanga, kodwa yayisondela ngokukhawuleza. Ngaba yayinokuthintelwa le ntlekele?
Engacingi ngesiqu sakhe uEstere waphinda wabubeka esichengeni ubomi bakhe, waphinda waya kumkani engamenywanga. Ngoku, wayekhalela abantu bakowabo, ebongoza umyeni wakhe ukuba aguqule eso sigwebo soyikekayo. Kodwa imithetho yamaPersi ayitshintshwa. (Daniyeli 6:12, 15) Ukumkani wagunyazisa uEstere noMordekayi ukuba benze imithetho emitsha. Kwaphuma isindululo sesibini esigunyazisa amaYuda ukuba azikhusele. Abakhweli bamahashe bathi bhazalala kubo bonke obo bukhosi, bechazela amaYuda ezi ndaba zimnandi. Aphinda anethemba kwakhona. (Estere 8:3-16) Sinokuba nomfanekiso wamaYuda ahlala kwezo ndawo zobo bukhosi exhoba ukuze alungiselele idabi, nto leyo awayengenakukwazi ukuyenza ngaphandle kwaloo mthetho mtsha. Okona kubaluleke nangakumbi yayikukuba ngaba “uYehova wemikhosi” uza kuba nabantu bakhe?—1 Samuweli 17:45.
Xa usuku olwalukhethiwe lwafikayo, abantu bakaThixo babelungile. Kwanamagosa amaninzi asePersi ayekwicala labo ngoku, njengoko iindaba zasasazekayo zokuba uMordekayi umYuda wayeyinkulumbuso entsha. UYehova wabanika uloyiso olukhulu abantu bakhe. Ngokungathandabuzekiyo waqinisekisa ukuba iintshaba ziyoyiswa ngokupheleleyo ukuze zingaphindi zenzakalise abantu bakhe.b—Estere 9:1-6.
Ukongezelela koko, uMordekayi wayengenakukwazi ukulawula kakuhle besaphila oonyana bakaHaman abalishumi. Nabo babulawa. (Estere 9:7-10) Ngaloo ndlela isiprofeto seBhayibhile sazaliseka, kuba uThixo wayekuxele kwangaphambili ukutshatyalaliswa kwama-Amaleki, awayeziintshaba ezingendawo zabantu bakhe. (Duteronomi 25:17-19) Oonyana bakaHaman basenokuba babengabokugqibela kolo hlanga luqalekisiweyo.
UEstere kwafuneka aluthabathele kuye uxanduva—lwemithetho yasebukhosini ebandakanya iimfazwe nokubulawa kwabantu. Kumele ukuba kwakungelula. Kodwa ukuthanda kukaThixo yayikukuba kukhuselwe abantu bakhe kwintshabalalo; uhlanga lwakwaSirayeli lwaluza kuvelisa uMesiya othenjisiweyo, ithemba labantu bonke! (Genesis 22:18) Abakhonzi bakaThixo namhlanje bayavuyiswa kukwazi ukuba ukufika kukaMesiya, uYesu, emhlabeni ukususela ngoko ukusa phambili wabalela abalandeli bakhe ukuba balwe iimfazwe.—Mateyu 26:52.
Nakuba kunjalo, amaKristu alwa imfazwe yokomoya; uSathana uzimisele nangakumbi ukutshabalalisa ukholo lwethu kuYehova uThixo. (2 Korinte 10:3, 4) Enjani intsikelelo ukuba nomzekelo onjengokaEstere! Njengaye, ngamana singabonakalisa ukholo ngokusebenzisa ubulumko nomonde xa sibongoza, ngenkalipho yethu ngokuzimisela ukumela abantu bakaThixo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Kwinqaku elandulelayo lolu ngcelele, siyibonile indlela uEstere oyinkedama akhuliswa ngayo ngumntakwabo omdala kunaye, uMordekayi, kamva wakhethwa ukuba abe ngumfazi kakumkani uAhaswerosi wasePersi. Iphakathi likakumkani, uHaman, laqulunqa iyelenqe lokubulala abantu bakuloMordekayi, amaYuda. UMordekayi weyisela uEstere ukuba aye kuthetha nokumkani ngenxa yabantu bakowabo.—Funda inqaku elithi “Xelisa Ukholo Lwabo—Wamela Abantu BakaThixo,” kwinkupho yeMboniselo kaOktobha 1, 2011.
b Ukumkani wawanika usuku lwesibini amaYuda ukuze agqibezele ukubulala iintshaba zawo. (Estere 9:12-14) Ukuza kuthi ga namhlanje, amaYuda asalubhiyozela olo loyiso nyaka ngamnye ngenyanga ka-Adar, engqamana nokuphela kukaFebruwari nokuqala kukaMatshi. Lo msitho ubizwa ngokuba yiPurim, owathiywa ngamaqashiso enziwa nguHaman ukuze atshabalalise uSirayeli.
[Ibhokisi ekwiphepha 28]
Imibuzo NgoEstere
Kwakutheni ukuze uMordekayi avumele uEstere atshate nomhedeni ongakholwayo?
Abukho ubungqina obuvela kubaphengululi obubonisa ukuba uMordekayi wayenguzungul’ ichele owayefuna uEstere atshate nokumkani ukuze afumane udumo. Ekubeni wayengumYuda othembekileyo, wayengenakuwukhuthaza umtshato onjalo. (Duteronomi 7:3) Imbali yamaYuda ibonisa ukuba uMordekayi wazama ukuwuthintela loo mtshato ukuze ungaqhubeki. Kubonakala ukuba kwakuya kuba ngenkankulu ukuba bangenza okuthile yena okanye uEstere, ababengabathinjwa kwelo lizwe elalilawulwa nguzwilakhe nowayegqalwa njengothixo. Ekuhambeni kwexesha kuyabonakala ukuba uYehova wasebenzisa loo mtshato kaEstere ukuze akhusele abantu bakhe.—Estere 4:14.
Kutheni incwadi kaEstere ingenalo igama likaThixo, uYehova?
Ubungqina bubonisa ukuba nguMordekayi umbhali wale ncwadi iphefumlelweyo. Mhlawumbi ekuqaleni yayigcinwe neengxelo zaseburhulumenteni ePersi ngaphambi kokuba ibuyiselwe eYerusalem. Ukusetyenziswa kwegama likaYehova kwakunokwenza abanquli boothixo basePersi bayitshabalalise le ncwadi. Enoba kuyintoni, ukubandakanyeka kukaYehova kweli bali kubonakala ngokucacileyo. Okubangel’ umdla, kukuba igama likaThixo aliveli gca kumbhalo wantlandlolo wesiHebhere kodwa livela ngokusetyenziswa kwenkqubo yesiHebhere yokubhala elandelelanisa oonobumba (acrostics), apho ukubhalwa kwabo kubhalwe ngabom ukwenzela ukuba xa kuhlanganiswe oonobumba bokuqala okanye abokugqibela kwigama ngalinye bayile igama likaThixo.—Estere 1:20, umbhalo osemazantsi.
Ngaba incwadi kaEstere ayichananga ngokwembali?
Abahlalutyi bathi incwadi kaEstere ayichananga ngokwembali. Noko ke, abanye abaphengululi bayavuma ukuba umbhali wale ncwadi unolwazi ngezinto zobukhosi bamaPersi, indlela yokwakha namasiko awo. Yinyaniso, ukuba awekho amaxwebhu ehlabathi athetha ngoKumkanikazi uEstere, kodwa umele ukuba akangowokuqala uEstere ongowasebukhosini ukucinywa kwiingxelo zikawonkewonke. Eyona nto ibalulekileyo kukuba, iingxelo zehlabathi zibonisa ukuba indoda ekuthiwa nguMardukâ, inguqulelo yasePersi yegama likaMordekayi, yayiligosa kwinkundla yaseShushan ngexesha lokubhalwa kwale ncwadi.
[Ibhokisi ekwiphepha 29]
Isiprofeto Sizalisekile
Xa babesilwela abantu bakaThixo, uEstere noMordekayi bazalisekisa esinye isiprofeto seBhayibhile. Ngaphezu kweenkulungwane ezilishumi elinesibini ngaphambili, uYehova waphefumlela usolusapho uYakobi ukuba aprofete ngomnye woonyana bakhe: “UBhenjamin uya kuqhubeka eqwenga njengengcuka. Kusasa uya kudla isilwanyana esiphangiweyo aze ngokuhlwa ahlule amaxhoba.” (Genesis 49:27) “Kusasa” kwimbali yookumkani bakwaSirayeli, inzala kaBhenjamin yayiquka uKumkani uSawule kunye nabanye abaphumi mkhosi babantu bakaYehova. “Ngokuhlwa” emva kokubhanga kobukhosi bakwaSirayeli, uEstere noMordekayi, bobabini babengabesizwe sakwaBhenjamin, balwa neentshaba zikaThixo. Babelana ngelifa likaHaman ngaloo ndlela bephanga amaxhoba.
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Ngokuthobeka uEstere wakwamkela ukwenzelwa inceba ngukumkani
[Umfanekiso okwiphepha 26, 27]
Ngenkalipho uEstere wabubhenca ububi bukaHaman
[Umfanekiso okwiphepha 28, 29]
UEstere noMordekayi bathumela imiyalelo kuwo onke amaYuda awayehlala kubukhosi basePersi